U‐Yisaya 61
1UMOYA wenkosi uyehova upezu kwam; ngokokuba uyehova enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kwabatotyiweyo; unditumele ukubopa abantliziyo zigqobokileyo, ukuxela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwababanjiweyo ukuvulwa kwentolongo; 2ukuxela umnyaka okolekileyo kayehova, nomhla wempindezelo katixo wetu; ukututuzela bonke abalilayo; 3ukumisela abo balilayo e‐Ziyone umgcobo; ukubanika ubuhle endaweni yotutu, ioli yovuyo endaweni yolilo, isambato sodumo endaweni yomoya wokuncama; ukuba babizwe ngokuba yimiti yobulungisa, isityalo sikayehova; ukuze enzelwe ubungcwalisa.
4Babeya kwaka indawo ezicitakeleyo zakudala, babuye bamise indawo ezitshabaleleyo zapambili; bohlaziya izixeko ezicitiweyo, indawo ezitshabaleleyo zezizukulwana ngezizukulwana. 5Abasemzini baya kuma bayaluse imihlambi yenu, nabolunye uhlanga boba ngabalimi bomhlaba wenu nabalimi bemiti yeveyine yenu. 6Kodwa nina, niya kubizwa ngokuba ngabaperisite bakayehova; kwotiwa ningabakonzi botixo wetu; ubutyebi babaheyideni niya kubudla, nasebungcwaliseni babo niya kuqa̔yisa.
7Endaweni yokudana kwenu kwoba kukuduma okupindiweyo; nasendaweni yehlazo, baya kugcoba ngesabelwa sabo; ngokuba elizweni labo beya kuzuza ilifa elipindiweyo, uvuyo olungunapakade lwobako kubo. 8Ngokuba mna Yehova ndibutanda ubugwebo, ndiyitiya impango yobumenemene; ndandiya kunika umvuzo wabo ngenyaniso, nocebano olungunapakade ndolwenza nabo. 9Yaiya kwaziwa inzalo yabo pakati kwabaheyideni, nabantwana babo pakati kwezizwe: bonke abababonayo bobavuma ukuba bayinzalo etanyusanqelweyo nguyehova.
10Ndiya kugcoba kakulu kuyehova; umpefumlo wam wovuyelela kutixo wam; ngokuba endambatisile ngezivato zosindiso; ingubo yobulungisa undinamekisile ngayo; njengokuba umyeni ezivatisa ngezivato ezihle, nanjengokuba umtshakazi ezihomba ngezihombo zake. 11Ngokuba, njengokuba umhlaba uvelisa ukucu̔ma kwawo, nanjengokuba umyezo uhlumisa okuhlwayelweyo kuwo, kwa njalo inkosi e nguyehova iya kuhlumisa ubulungisa nendumiso pambi kwezizwe zonke.
Bible Society of South Africa 1902