U‐Yisaya 53
1Ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? nengalo kayehova iya kutyilwa kubanina? 2Ngokuba sibe sikula ebusweni babo njengesihlumelo, nanjengengcambo ipuma emhlabeni owomileyo: sasingenasimilo nasoya, ukuba sisigqale; kwa nokubonakala, ukuba sisinqwenele. 3Sibe sidelwa salahlwa ngabantu, indoda yentsizi, nowazana nobuhlungu, kwada kwafihlwa ubuso kuso; sibe sidelwa, sati tina asasibuka.
4Noko ke, zintlungu zetu sazifunqulayo, nentsizi zetu sazitwala; kanti tina sasibala ukuba sibetiwe, sibulewe ngutixo, sibandezelwe nguye. 5Kodwa sasihlatywa ngenxa yezigqito zetu, sasityunyuzwa ngenxa yezikohlakalo zetu: ukwohlwayelwa uxolo lwetu bekupezu kwaso; nangemivimbo yaso sinokupiliswa. 6Tina sonke, njengegusha, silahlekile; abanye ngabanye sijikele kwezetu indlela; kodwa uyehova uhlisile pezu kwaso ukukohlakala kwetu sonke.
7Saxinwa, sabandezelwa, koko singavulanga umlomo waso; sar̔olwa njengemvana isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba igusha ebusweni babaguguli bayo isidenge, kwa njalo asivulanga umlomo waso. 8Kwa sentolongweni nasekugwebeni sasisuswa; nesizukulwana saso ngubanina oya kusixela? ngokuba sibe sinqunyulwa emhlabeni wabahleliyo; ngenxa yokugqita kwabantu bam sasibetwa. 9Kwamiselwa incw̔aba laso nabakohlakeleyo, koko sabesinesityebi ekufeni kwaso; ngokokuba besingenzanga ubudlwengu, nokuba bekungeko inkohliso emlonyeni waso. 10Kodwa uyehova ebetanda ukusityumza; wasivisa ubuhlungu.
Nxa siya kuzenza idini letyala, siya kubona inzalo, siya kwolula imihla, nentando kayehova iya kulungiseka esandleni saso. 11Emva kwosizi lwompefumlo waso, soyibona, sokoliswa: ngokwaziwa kwaso, isicaka sam esilungileyo sogwebela abaninzi; ngokuba izikohlakalo zabo siya kuzitwala. 12Ngoko, ndiya kusahlulela isahlulo pakati kwabakulu; sasiya kwahlulelana nabanamandla amaxoba; ngenxa yokuba satululela ekufeni umpefumlo waso, sabalwa nabagqiti, nesono sabaninzi sasitwala, nabagqiti sabatandazela.
Bible Society of South Africa 1902