U‐Yisaya 17
1UMGWEBO nge‐Damakusi.
Bona ke, i‐Damakusi iya kususwa ingabi sesisixeko; yoba yimfumba yengcitakalo. 2Izixeko zase‐Harohere ziya kushiywa; zoba zezemihlambi, eya kulala pantsi, kungeko oya kuyitusa. 3Kanjalo inqaba iya kupela kwa‐Frayime, nobukumkani kwi‐Damakusi nesisalela sama‐Siriya; boba njengababungcwalisa bosapo luka‐Sirayeli, utsho uyehova wemikosi. 4Kwakuya kuti ngomhla lowo, ubungcwalisa buka‐Yakobi buya kutotyelwa pantsi, nokutyeba kwenyama yake kuya kunqina. 5Kwoba njengokuya umvuni abuta inqolowa emiyo, azivune izikwebu ngengalo yake; kwoba njengokucolwa kwezikwebu emhlanjeni wama‐Rafa. 6Ngokuba izibikico ziya kusala kona, njengasekuvutululweni kwomnquma; ibe mibini umhlaumbi mitatu imifuno encameni yomti omde; ibe mine umhlaumbi mihlanu emasebeni omti oqa̔mileyo; utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
7Ngomhla lowo umntu wobeka kumenzi wake, namehlo ake okangela koyingcwele ka‐Sirayeli. 8Akayi kubeka kuzo izibingelo, umsebenzi wezandla zake, noko ikwenzileyo iminwe yake akayi kukukangela, kwa imifanekiso ka‐Ashera, nezifanekiselo zelanga. 9Ngomhla lowo izixeko zake ezinqatyisiweyo zoba njengokushiyiweyo kwamahlati nemiti emide, ebishiyiwe kwa pambi kwosapo luka‐Sirayeli: zoba ngamanxuwa ke. 10Ngokuba umlibele utixo wosindiswa lwako, nelityekazi lamandla ako ungalikumbulanga, kukona ungatyalayo izityalo ezimnandi, namahlumelo asemzini ungawabeka: 11emini yokutyala kwako, ungabiya; nakusasa, oko ukubekileyo ungakuhlumisa; kodwa isivuno siya kubaleka, emhleni wobuhlungu nosizi olunzima.
12HOI! imbutumbutu yezizwe ezininzi, eziyenza impitimpiti njengempitimpiti yelwandle; nokugquma kwentlanga, ezigqumayo njengokugquma kwamanzi amakulu. 13Intlanga, njengokugquma kwamanzi amaninzi zingagquma; koko aya kuzitetisa, zide zisabele kude; zogxotwa njengomququ wentaba pambi kwomoya, nanjengentenda pambi kwesaqwiti. 14Ngexesha lokuhlwa, nasi ke isoyikiso! kungekasi, aziseko! Esi sisabelwa sabo basipangayo, nesahlulelwa sabo batimba kuti.
Bible Society of South Africa 1902