Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4
1Masoyike ngoko hleze kekuti, idinga lokungena ekupumleni kwake lisishiyelwa nje, kubeko umntu wakuni onga akafikeleli kuko. 2Ngokuba nati sishunyayeziwe indaba ezilungileyo ngako, kwa njengabo; koko ilizwi lokushunyayelwa kwako belingabancedanga bona, lingamanyiwe nenkolo nje kwabo balivayo. 3Ngokuba tina bakoliweyo singena ekupumleni oko, njengokuba etshilo ukuti: Ndada ndafunga emsindweni wam ukuti: Abasayi kungena ukupumleni kwam: nakuba imisebenzi yake ibigqityiwe kwa sekumisweni kwelizwe. 4Ngokuba etshilo endaweni etile ngawo umhla wesixe̔nxe ngokuti: Waza wapumla utixo ngomhla wesixe̔nxe kuyo yonke imisebenzi yake. 5Nakulendawo kanjako: Abasayi kungena ekupumleni kwam. 6Ukuba ngoko lisasala idinga lokuba inxenye iya kungena kuko, nokuba abo bashunyayezwa indaba ezilungileyo ngako matanci bengangenanga ngenxa yokungeva:— 7Kanjako uyabalula umhla otile ngokuti, Namhla nje, esitsho kwelika‐Davide emveni kwexesha elikulu kangaka, njengokuba kutshiwo ukuti: Namhla nje, nakuliva ilizwi lake, maningazenzi lukuni intliziyo zenu. 8Ngokuba u‐Yoshuwa ukuba wabanika ukupumla, ngeeba engateti ngomnye umhla emveni kwezizinto. 9Ngako ke kusasalela abantu bakatixo upumlo. 10Ngokuba lowo ungenileyo ekupumleni kwake, ute yena naye wapumla emisebenzini yake, kwa njengokuba utixo wapumla kweyake. — 11Masiti ngoko sinxamele ukungena kokuya ukupumla; ukuze kungabiko mntu owayo ngawo lowo wona umlinganiso wokungeva. 12Ngokuba ilizwi likatixo lipilile, lisebenza ngamandla, libukali ngakumbi pezu kweziṙele zonke ezintlangoti zimbini, lihlaba kude kube kukwahlulwa nokwompefumlo nokwomoya, nokwamalungu nokwomongo, lilungele ukuqiqa izicingo nenkumbulo zentliziyo. 13Kanjalo akuko sidalwa esisiteleyo ebusweni bake; kodwa zonke izinto zizé zityilekile emehlweni alowo esiya kupendulela kuye.
14KEKALOKU sinaye umperisite omkulu ongaka ecandile amazulu nje, u‐Yesu unyana katixo, masiyibambe imvumelo yetu. 15Ngokuba singenaye umperisite omkulu ongenamandla okuvana nati ezilwelweni zetu, kodwa obe elingiwe ngento zonke ngokufana nati, engenasono kodwa. 16Masiti ngoko sisondele kuyo iterone yofefe sinokalipo, ukuze silamkele itaṙu, silufumane ufefe kuze kusizwe ngexesha elifanelekileyo.
Bible Society of South Africa 1902