1NGEYESIXE̔NXE inyanga, ngowamashumi mabini anesinye umhla wenyanga, ilizwi likayehova leza ngo‐Hagai umprofite, lisiti: 2Teta ke kuye u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, inkosi ye‐Juda, nakuye u‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, umperisite omkulu, nakuso isisalela sabantu, usiti:
3Ngubanina pakati kwenu oseleyo, owabona indlu le ebungcwaliseni bayo bokuqala? kunjanina ke ukuyibona kwenu kaloku nje? nxa ilinganiswa nayo, ayinjengento engeluto na emehlweni enu? 4Noko kaloku yomelela, Zerubabeli! utsho uyehova; yomelela nawe, Yoshuwa, nyana ka‐Yotsadaki, mperisite omkulu! yomelelani nani, nonke nina bantu belizwe! utsho uyehova, nisebenze ke: ngokuba ndiko nani, utsho uyehova wemikosi 5Ucebano endalwenza nani, ekupumeni kwenu e‐Jipete, nisenalo, nomoya wam umi pakati kwenu; zeningoyiki. 6Ngokuba esitsho uyehova wemikosi ukuti: Kusekanye, kwoba ngumzuzwana kodwa, ndandiya kuzamazamisa izulu, nomhlaba, nolwandle, nokwomileyo; 7ewe, ndiya kuzamazamisa izizwe zonke, kwandule kufike okukanukwayo zizizwe zonke; ndandiya kuzalisa indlu le ngobungcwalisa, utsho uyehova wemikosi. 8Yeyam isilivere, yeyam negolide, utsho uyehova wemikosi. 9Ubungcwalisa balendlu yasemva boba bukulu kobeyapambili, utsho uyehova wemikosi: nakulendawo ndiya kunika uxolo, utsho uyehova wemikosi.
10NGOWAMASHUMI mabini anesine umhla weyesitoba inyanga, ngowesibini umnyaka ka‐Dariyusi, leza ilizwi likayehova ngo‐Hagai umprofite, lisiti: 11Utsho uyehova wemikosi ukuti: Buza abaperisite ngawo umteto, usiti: 12Ukuba umntu uyatwala inyama engcwele esondweni lengubo yake, ati ngesondo lengubo yake acu̔kumise isonka, umhlaumbi ngumhluzi, umhlaumbi yiveyine, umhlaumbi yioli, umhlaumbi yenye into edlekayo, yoba ngcwele na? Baza bapendula abaperisite bati: Hai. 13Wandula wati u‐Hagai: Ukuba onco̔lileyo ngenxa yomzimba ofileyo uyacu̔kumisa enye yezizinto, yoba inco̔lile na? Baza bapendula abaperisite bati: Yoba inco̔lile. 14Wandula wapendula u‐Hagai, wati:
Banjalo ababantu, sinjalo esisizwe, ebusweni bam, utsho uyehova; injalo yonke imisebenzi yezandla zabo; oko bakunikelayo apo kunco̔lile nako. 15Ngako kaloku, gqalani ke, kwa kulomhla napambili, kwa lingekalaliswanga elinye ilitye pezu kwelinye etempileni kayehova. 16Kuseloko ibiko imihla leyo, kweza omnye emlwini wezilinganiso zamashumi mabini, kwabako ishumi kwapela; kweza omnye efatyeni ukuka izilinganiso ezingamashumi mahlanu esincinezelweni, kwabako amashumi mabini kwapela. 17Ndanibeta ngembabala, nangesihumba, nangesico̔to, kuyo yonke imisebenzi yezandla zenu; beningabuyeli kum noko, utsho uyehova. 18Gqalani ke, kwa kulomhla napambili, kowamashumi mabini anesine umhla wenyanga yesitoba, kulowamhla wabekwa umsekelo wayo itempile kayehova, gqalani! 19Imbewu iseko enyango na? kanjako umti weveyine, nomkiwane, negranate, nomnquma, awukahlanzanga: kwa kulomhla ndiya kutamsanqelisa.
20Leza ilizwi likayehova ngokwesibini ku‐Hagai ngowamashumi mabini anesine umhla wenyanga, lisiti: 21Teta ku‐Zerubabeli, inkosi ye‐Juda, usiti:
Ndiya kuzamazamisa izulu nomhlaba; 22ewe, ndiya kupenula iterone yezikumkani, namandla ezikumkani zabaheyideni ndowatshabalalisa; ndandiya kupenula inqwelo, nabo bakwela kuzo; kwaye kuya kuwa amahashe nabakweli bawo, omnye esiwa ngesiṙele somnye. 23Ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, ndiya kutabata wena, Zerubabeli, nyana ka‐Shalatiyeli, sicaka sam! utsho uyehova, ndikwenze njengomsesane sokuncamatisela; ngokuba wena ndikuqashile, utsho uyehova wemikosi.