1Emveni kwoko, kuse kudlulile iminyaka elishumi linamine, ndabuya ndenyuka ndaya e‐Yerusaleme kunye no‐Banabasi, ndatabata nam no‐Titusi. 2Ndenyuka ke ngokwesityilo, ndabaxoxela ivangeli leyo ndiyishumayelayo pakati kwabaheyideni, kodwa ndabaxoxela bebodwa abo babenokuduma, hleze kungati ndibe ndifumana ndibaleka, umhlaumbi ndibe ndifumane ndabaleka. 3Koko kwa u‐Titusi obenam, nangona ebengum‐Girike, ebenganyanzelwa ukwaluka: 4kunje nje, ngenxa yabo abazalwana ababuxoki abangenisiweyo ngasese, abo abangena ngokunyebeleza ukuza kuhlola inkululeko yetu esinayo ku‐Kristu Yesu, ukuze basifake ebukobokeni: 5esati asatelela kubo ngolulamelo lwetu ngexeshana noko linye, ukuze inyaniso yevangeli iman’ ukuhlala kuni. 6Kodwa kubo abo babebalwa ukuba nokuduma, — into kusukuba bebeyiyo, asi nto enkulu kum; utixo akabuki isiqu samntu, — mna okunene abo babenokuduma abandibonisa luto; 7koko bati ngelinye icala, nxa babona ukuba ndipatisiwe ivangeli yokungaluki, kwa njengokuba u‐Petrosi epatisiwe eyokwaluka, 8(ngokuba lowo wasebenzayo ku‐Petrosi ngakubo ubupostile bokwaluka, wasebenza nakum ngakubo abaheyideni,) 9nxa kanjalo baluqonda ufefe endanikwa lona, u‐Yakobi, no‐Kefasi, no‐Johane, abebebalwa ukuba zintsika, bazinikela mna no‐Banabasi izandla zokunene zobudlelana; ukuze tina siye kubaheyideni, nabo bona baye kwabanokwaluka: 10befuna kupela ukuba sibe siwakumbulela amahlwempu; endati kwa yona lento ndanxamela ukuyenza nam.
11Kodwa akufika u‐Petrosi e‐Antiyoki, ndamelana naye ngasebusweni, kuba ebesekugwetyweni. 12Ngokuba ebesiti, bengekafiki abatile bevela ku‐Yakobi, watya ndawonye nabaheyideni; kodwa bakufika bona, ebehlehla wazahlula, esoyika abo basekwalukeni. 13Kanjalo amanye ama‐Juda nawo ahanahanisa kunye naye; wada no‐Banabasi waku̔kuliswa nawo ngohanahaniso lwawo. 14Koko okuya ndabona ukuba abalungisi ukuhamba ngokwenyaniso yevangeli, ndati ku‐Petrosi ebusweni babo bonke: Ukuba wena, ungum‐Juda nje, uyahlala ngesiko labaheyideni, ungahlali ngesiko lama‐Juda, kuyinina ukuba uyanyanzela abaheyideni ukuzekela emasikweni obujuda? 15Tina singama‐Juda ngemvelo, asingaboni bakubaheyideni; 16kanti sisazi nje ukuba umntu akagwetyelwa ngemisebenzi yomteto, ugwetyelwa ngalo ukolo luka‐Yesu Kristu kupela, sati tina nati sakolwa ku‐Kristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokolo luka‐Kristu, kungabi ngemisebenzi yomteto; ngenxa yokuba kungayi kugwetyelwa namnye umntu ngemisebenzi yomteto. 17Kodwa ukuba siti, nxa sifuna ukugwetyelwa kuye u‐Kristu, sifunyanwe nati ngokwetu ukuba ngaboni, kanene u‐Kristu ungumkonzi wesono na? Kwanga kungebe njalo! 18Ngokuba izinto endazici̔tayo ukuba zona ezi ndibuya ndizimise, ndizibonakalisa ukuba ndingumgqiti. 19Ngokuba mna ngawo umteto ndafa ngakuwo umteto, ukuze ndidle ubomi ngakuye utixo. 20Ndikuruseshiwe kunye no‐Kristu: akusendim ke mna obudlayo ubomi, kodwa u‐Kristu uyabudla ubomi kum; nobomi endibudlayo ngoku enyameni, ndiyabudla elukolweni, kolwonyana katixo, owanditandayo, waza wazinikela ngenxa yam. 21Andilububisi ufefe lukatixo; ngokuba ubulungisa ukuba bungawo umteto, kukona u‐Kristu wafayo kungeko tuba.