1KEKALOKU kwakugqitywa ezizinto, zasondela kum inkosi, zisiti: Abantu bakwa‐Sirayeli, nabaperisite, naba‐Levi, abazahlulanga kubo abantu balamazwe; bayenza ngazo izinto ezibuntshontsho zabo, ezaba‐Kanane, ama‐Hete, ama‐Perizi, ama‐Yebusi, aba‐Hamoni, ama‐Mowabi, ama‐Jipete, naba‐Amori. 2Ngokuba bezekele bona nonyana babo abafazi kwintombi zabo: kukona inzalo eyingcwele idibanisene nabantu balamazwe: kanjalo isandla senkosi namagosa sisesokuqala kobubumenemene. 3Ndati ndakuva lendawo, ndaṙazula isivato sam nengubo yam, ndancotula inwele zentloko yam nezodevu lwam, ndahlala pantsi ndinokuti nqa. 4Kwandul’ ukubutela kum bonke abanokungcangcazela ngamazwi katixo wo‐Sirayeli, ngenxa yobumenemene babatinjwa: ndahlala pantsi ndinokuti nqa kwada kwalixesha lomnikelo wokuhlwa.
Tixo wam! ndinentloni ndidanile ukuba ndipakamisele kuwe ubuso bam, Tixo wam! ngokuba inkohlakalo zetu zandele pezulu kwentloko zetu, netyala letu likulele emazulwini. 7Kuselokwemihla yobawo betu besisetyaleni elikulu kwada kwanamhla nje; nangenxa yenkohlakalo zetu sasinikelwa tina, nokumkani betu, nabaperisite betu, esandleni sokumkani bamazwe, esiṙeleni, nasekutinjweni, nasekupangweni, nasekudaneni kwobuso, njengokuba kunjalo namhla nje. 8Kodwa kaloku ngexanyana elincinanana ufefe luvele kuyehova, utixo wetu, ukuba sishiyelwe abasindileyo, nokuba sinikwe isikonkwane endaweni yake eyingcwele, ukuze utixo wetu akanyise amehlo etu, asinike impiliso encinane ebukonzini betu. 9Ngokuba singabakonzi tina; kodwa ebukonzini betu utixo wetu akasishiyanga; utobele pezu kwetu ububele ebusweni bokumkani be‐Peresiya, ukuba asinike impiliso, siyipakamise indlu katixo wetu, sizimise ingcitakalo zayo, nokuba asinike utango kwa‐Juda nase‐Yerusaleme. 10Sesiya kuti nina kaloku, Tixo wetu! emveni kwoku? ngokuba siyishiyile imiyalelo yako, 11leyo ubuyiyalela ngezicaka zako abaprofite, usiti: Ilizwe, eniya kulo ukulifuya, lilizwe elinco̔lileyo, ngokunco̔la kwabantu bamazwe, ngento ezibuntshontsho zabo, ekungazo balizalisile kwa kwenye incam kwada kwakwenye ngokunco̔la kwabo. 12Ngako kaloku, intombi zenu ningazendisi konyana babo, nentombi zabo ningazitabateli onyana benu, ningafuni uxolo lwabo nobutamsanqa babo kude kube ngunapakade: ukuze nomelele, nidle ubumnandi belizwe, nilishiye libe lilifa labantwana benu kude kube ngunapakade. 13Nasemva kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zetu ezikohlakeleyo, nangenxa yetyala letu elikulu: noko wena. Tixo wetu! usohlwayile ngento engapantsi kwenkohlakalo yetu, wasinika ukusinda okungaka; 14siya kubuya siyapule imiyalelo yako na, sitshatiselane nabantu bezizinto zibuntshontsho? akuyi kusiqumbela kude kugqityelwe na, kuze kungabiko isisalela nokusinda? 15Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! ulungile wena; ngokuba sisele sisindile, njengokuba kunjalo namhla nje: bona ke, sipambi kwako etyaleni letu; ngokuba singenakuma pambi kwako ngenxa yoku.