1Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Isango lebala lapakati, elibeka ngasempumalanga, loba livaliwe imihla yomitandatu yokusebenza; kodwa ngomhla wesabata liya kuvulwa, nangomhla wokutwasa kwenyanga liya kuvulwa. 2Yoti ke inkosi ingene ngendlela yentendelezo yesango elo ngapandle, ime ngasemgubasini wesango; baye abaperisite beya kulungisa idini lokutshiswa layo, neminikelo yoxolo yayo; yaiya kubedesha emnyango wesango, yandule ipume; kodwa isango aliyi kuvalwa kude kuhlwe. 3Kanjalo abantu belizwe baya kubedesha ngaselucangweni lwelisango, ngesabata nangenyanga ezitwasileyo, ebusweni bukayehova.
4Nedini lokutshiswa eliya kunikelwa yinkosi kuyehova ngomhla wesabata, loba zimvana zintandatu ezimsulwa, nenkunzi yegusha emsulwa. 5Nomnikelo wokudla, yoba yiyefa kuyo inkunzi yegusha; nakuzo imvana umnikelo wokudla woba njengokupa kwesandla sayo; neoli, yoba yihine kuyo iyefa. 6Nangomhla wokutwasa kwenyanga, loba yinkunzana elitole lenkomo, emsulwa; nemvana zintandatu, nenkunzi yegusha, eziya kuba zezimsulwa. 7Yolungisa nomnikelo wokudla, ibe yiyefa kuyo inkunzana, neyefa kuyo inkunzi yegusha, nakuzo imvana njengokufikela kwesandla sayo; neoli, yoba yihine kuyo iyefa.
8Nasekungeneni kwenkosi, iya kungena ngendlela yentendelezo yesango elo, ibuye ipume ngendlela yayo. 9Kodwa ekuzeni kwabantu belizwe pambi kwoyehova, emitendelekweni engcwele, lowo ungenayo ngendlela yesango lasenode ukuza kubedesha, uya kupuma ngendlela yesango lasesuyide; nalowo ungenayo ngendlela yesango lasesuyide, uya kupuma ngendlela yesango lasenode; akayi kubuya ngendlela yesango abengena ngalo, koko eya kupuma malungana nalo. 10Yoti inkosi ekungeneni kwabo ingene pakati kwabo; nasekupumeni kwabo, baya kupuma kunye.
11Kanjalo emitendelekweni, nasezintlanganisweni ezingcwele, umnikelo wokudla woba yiyefa kuyo inkunzana, neyefa kuyo inkunzi yegusha, nakuzo imvana njengokupa kwesandla sayo; neoli, yoba yihine kuyo iyefa. 12Naxeshekweni inkosi iya kulenza ngesisa idini lokutshiswa, umhlaumbi iminikelo yoxolo ngesisa, kuyehova, iya kwandula ivulelwe isango elibeka ngasempumalanga, yaiya kwenza idini lokutshiswa layo, neminikelo yoxolo yayo, njengoko ibikwenza ngomhla wesabata; yandule ipume, kuvalwe isango emveni kwokupuma kwayo.
13Kanjako imvana yomnyaka mnye emsulwa uya kuyilungisa imihla ngemihla ibe lidini lokutshiswa kuyehova; ngemiso ngemiso uya kulungisa yona. 14Nomnikelo wokudla wowulungisela yona ngemiso ngemiso, isiqingata sesitandatu seyefa, nesiqingata sesitatu sehine yeoli, ukunyakamisa umgubo ocolekileyo, — umnikelo wokudla kuyehova ngommiselo ongunapakade futi. 15Kwa njalo baya kulungisa imvana, nomnikelo wokudla, neoli, ngemiso ngemiso, libe lidini lokutshiswa futi.
16Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa inkosi ipayo isipo kowonyana bayo, ilifa laso loba lelonyana bake; soba yimfuyo yabo ngelifa. 17Kodwa nxa ipayo isipo elifeni layo kwesinye sezicaka zayo, soba sesaso kude kube ngumnyaka wenkululeko, sandule sibuyele kwinkosi; ilifa layo loba lelonyana bayo kupela. 18Kanjalo inkosi ayiyi kutabata elifeni labantu ngokubagxota emfuyweni yabo; kweyayo imfuyo iya kunika onyana bayo ilifa; ukuze kungacitwa abantu bam abanye ngabanye emfuyweni yabo.
19Yandula yandizisa ngendawo yokungena, engasecaleni lesango, ezinkambilini ezingcwele zabaperisite, ezibeka ngasenode; kekaloku bona ke, bekuko kona indawo ngecala lasemva ngasentshonalanga. 20Yaza yati kum: Le yindawo apo abaperisite baya kupeka kona idini letyala nedini lesono, apo baya kuwoja kona umnikelo wokudla, ukuze bangapumi nawo ukuya ebaleni langapandle ukungcwalisa abantu.
21Yandula yandipumisela ebaleni langapandle, yandidlulisa ngasemagumbini omane ebala; kekaloku bona ke, bekuko ibala kuwo onke amagumbi ebala ngamanye. 22Emagumbini omane ebala bekuko amabala abiyiweyo, engamashumi mane ekubite ubude bawo, namashumi matatu ububanzi bawo; ebenomlinganiswa mnye lamagumbi omane. 23Lwaye luko udonga ngento engqongayo kuwo, ngento engqongayo lawo mane; kwako nendawo zokupeka ezenziweyo ngapantsi kwendonga ngokungqonga. 24Yaza yati kum: Ezi zindawo zabapekayo, apo abakonzi bendlu baya kupeka kona umbingo wabantu.