1KWAYE kute ngomnyaka weshumi elinamnye, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
2Nyana woluntu! ngokokuba i‐Tire ite pezu kwe‐Yerusaleme: He ke! yapukile ebilisango lezizwe: ijikele kum; ndiya kuzaliswa, yona yenziwe bunxuwa; 3ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Tire! ndandiya kunyusa ngakuwe intlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo. 4Zaziya kuzonakalisa indonga ze‐Tire, zicite nenqaba zayo; nam ndiya kutshayela utuli lwayo kwa kuyo, ndiyenze iliwa elitshileyo. 5Yoba yindawo yokwanekwa kweminata pakati kwolwandle; ngokuba mna nditetile, itsho inkosi e nguyehova; yoba lixoba ezintlangeni kanjalo. 6Nentombi zayo ezisemapandleni zona ziya kubulawa ngeṙele: babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
7Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwe‐Tire u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, evela enode, ukumkani wokumkani, kunye namahashe, nakunye nenqwelo, nakunye nabakweli bamahashe, nemihlambi, nabantu abaninzi. 8Intombi zako ezisemapandleni uya kuzibulala ngeṙele; waeya kumisa ngakuwe inqaba yokulinda, aposele ngakuwe indulana, apakamise ngakuwe ikaka. 9Impahla yake yokucita woyimisa ngasezindongeni zako, nenqaba zako uya kuziwisa pantsi ngamazembe ake. 10Ngenxa yengxokolo yamahashe ake utuli lwawo lwokugubungela; ngenxa yentlokoma yabakweli bamahashe, nengqengqeleko, nenqwelwana, ziya kungcangcazela indonga zako, akuba eya kungena emasangweni ako, njengokuba kungenwa esixekweni esigqojozelweyo. 11Ngempupu zamahashe ake uya kugqusha zonke izitarate zako; abantu bako uya kubabulala ngeṙele, nentsika zamandla ako ziya kuwa emhlabeni. 12Baya kupanga ubutyebi bako, nentengo yako boyitimba; baya kuwisa indonga zako, nezindlu zako ezinqwenelekileyo bozicita; babeya kubeka amatye ako, nemiti yako, notuli lwako, pakati kwamanzi. 13Ndandiya kupezisa intsholo yengoma zako; nentlokoma zehadi zako aziyi kubuya ziviwe. 14Ewe, ndiya kukwenza iliwa elitshileyo; woba yindawo yokwanekwa kweminata; akuyi kubuya wakiwe; ngokuba mna Yehova nditetile, itsho inkosi e nguyehova.
15Itsho inkosi e nguyehova kuyo i‐Tire ukuti: Iziqiti aziyi kungcangcazela na ngenxa yentlokoma yokuwa kwako, zakugula inxweleṙa, kwakwenziwa ukubulawa pakati kwako? 16Ziya kwandula zonke inkosana zolwandle zihle eziteroneni zazo, zibeke nxamnye ingubo zazo zapezulu, nezivato zazo ezitungiweyo ngamabala ngamabala zizisuse; izitutumelo ziya kuzambata, pezu kwomhlaba ziya kuhlala pantsi, ziya kututumela amaxanyana onke, ziti nqa pezu kwako. 17Zaziya kukutabatela isililo, ziti kuwe: Hai ukubujiswa kwako, wena mhlalikazi welwandle, isixeko esidumisekileyo, esibe somelele pakati kwolwandle, sona nabemi baso, ababeka ukwoyikeka kwabo pezu kwabo bonke abemi baso! 18Kaloku iziqiti ziya kututumela ngomhla wokuwa kwako; ewe, iziqiti ezipakati kwolwandle ziya kutuswa ngokupela kwako. 19Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa ndiya kukwenza isixeko esicitakeleyo, njengezixeko ezingamiwayo; nxa ndiya kunyusa pezu kwako inzulu, ati amanzi amaninzi akugubungele; 20nxa ndiya kukuhlisa ndawonye nabo bahlela esihogweni, ukuya ebantwini bakudala, ndikuhlalise emazantsi omhlaba, ezindaweni ezicitakeleyo zakudala, ndawonye nabo bahlela esihogweni, ukuze ungamiwa; nanxa ndiya kumisa ubungcwalisa elizweni labahleliyo; 21ndiya kukwenzela izituso, ude ungabiko: nakuba ufunwayo, akusayi kufunyanwa noko kude kube ngunapakade, itsho inkosi e nguyehova.