1LALEKELA ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! yazisa i‐Yerusaleme izinto zayo ezibuntshontsho, 3uti:
Itsho inkosi e nguyehova kuyo i‐Yerusaleme ukuti: Ukuvela kwako nokuzalwa kwako bekukulo ilizwe laba‐Kanane; uyihlo ebengum‐Amori, nonyoko ebengum‐Hetekazi. 4Nokuzalwa kwako, emhleni ubuzalwa ngawo, ubunganqanyulwa inkaba, ubungahlanjwa ngamanzi ukuba kucocwe; ubungake umvumvuzelwe ngetyuwa, ubungake usongelwe eziqoqweni kanjako. 5Bekungeko iliso elinosizi pezu kwako, ukuba likwenzele enye kwezizinto, ukuba libe nenceba ngakuwe; koko ubulahlelwa endle ngokudelwa kwobomi bako, emhleni ubuzalwa ngawo. 6Ndaza ndadlula ngakuwe, ndakubona ugqusha egazini lako; ndaye ndisiti kuwe usegazini lako: Pila; ewe, ndati kuwe usegazini lako: Pila. 7Ndakwenza amawakawaka njengokuhluma kwezindle; wada wanda, waba mkulu, wangena ekuhonjweni kakulu; amabele ako abonxa, nenwele zako zakula; kanti ubuzé, ubuhlubulukile.
8Ndati ndakudlula ngakuwe, ndakukangela; kekaloku bona ke, ixesha lako belilixesha lotando; ndaza ndandlala isondo lengubo yam pezu kwako, ndabugubungela ubuzé bako, ndakufungela, ndangena elucebanweni nawe, itsho inkosi e nguyehova, waza waba ngowam. 9Ndaza ndakuhlamba ngamanzi, ndahlanza igazi lako kuwe, ndakutambisa ngeoli. 10Ndakuvatisa ngencawe etungiweyo ngamabala ngamabala, ndakunika izihlangu zezintsu zamacelesi, ndakubopela ngeqiya eshiceneyo, ndakugubungela ngesilike. 11Ndakuhomba ngezihombo, ndafaka izacolo pezu kwezandla zako, nesambalo entanyeni yako. 12Ndafaka umsesane empumlweni yako, namacici ezindlebeni zako, nesitsaba esihle entlokweni yako. 13Kwa njalo ubuhonjwa ngegolide nangesilivere; nokuvata kwako bekuyiqiya eshiceneyo, nesilike, nencawe etungiweyo ngamabala ngamabala; wabusidla umgubo ocolekileyo, nobusi, neoli; wabunobunzwakazi obukulu kunene, wahambiseka wada waba bubukumkani. 14Laye udumo lwako lupuma pakati kwezizwe ngenxa yobunzwakazi bako; ngokuba bube bufezekile ngenkazimlo yam, endandiyibekile pezu kwako, itsho inkosi e nguyehova.
15Kodwa ubutembela kubo ubunzwakazi bako, wenza umbulo ngenxa yodumo lwako; ewe watulula imibulo yako pezu kwosukuba edlula; bube bubobake. 16Waza watabata ezingutyeni zako, wazenzela indawo ezipakamileyo ezinamabala ngamabala, wenza umbulo pezu kwazo: bekungezanga okunjalo, akuyi kubako kanjako. 17Wabutabata impahla zako ezintle, ezegolide yam nezesilivere yam, ezo ndazinikayo kuwe, wazenzela imifanekiso yamadoda, wenza umbulo nayo. 18Watabata nengubo zako ezitungiweyo ngamabala ngamabala, wayigubungela; neoli yam nesiqu̔miso sam wazibeka pambi kwayo. 19Nokutya kwam endakunikayo kuwe, umgubo ecolekileyo, neoli, nobusi, endakudlisayo, kwa kona ukubekile pambi kwayo kube livumba elimnandi: kwaye kunjalo ke, itsho inkosi e nguyehova. 20Kanjako watabata onyana bako nentombi zako, obundizalele bona, wababingela kuyo ukudliwa. Yinto encinane na imibulo yako, 21ukuba ubabulele abantwana bam, nokuba ubanikele, ngokubadlulisa emlilweni pambi kwayo? 22Nakunye nazo zonke izenzo zako ezibuntshontsho nemibulo yako, akukumbulanga imihla yobutsha bako, ngexesha lobuzé bako nokuhlubuluka kwako, wakugqusha egazini lako. 23Kwaza kwati, emva kwako konke ukukohlakala kwako, (ubunzima, ubunzima bube kuwe! itsho inkosi e nguyehova,) 24wabuzakela indlwana yombulo, wazenzela indawo epakamileyo kuzo zonke izitarate. 25Kuwo onke amancam endlela uyakile indawo yako epakamileyo, wabenza ubunzwakazi bako buzondwe; nenyawo zako uzivulele bonke abadlulayo, nemibulo yako uyandisile. 26Kanjalo uwenzile umbulo nama‐Jipete abamelwane bako, angabakulu ngenyama: nemibulo yako uyandisile, ukuba undiqumbise. 27Ngako, bona ke, ndisolule isandla sam pezu kwako, ndipungule isabelwa sako, ndikunikele entandweni yabo bakutiyayo, intombi zama‐Filistiya, ezidanileyo ngenxa yendlela yako ebutshinitshini. 28Wenze umbulo nama‐Asiriya nawo, ngenxa yokuba ubungenakuncanyiswa; ewe, wenzile umbulo nawo, kanti ubungancanyiswa noko. 29Uwandisile umbulo wako nasezweni le‐Kanane kwada kwase‐Kaledine; kodwa ubungancanyiswa nakoku. 30Injanina ukuba butataka intliziyo yako, itsho inkosi e nguyehova; ekubeni uzenza zonke ezizinto, ukwenza kwomṙexezikazi osileyo; 31ekubeni uyaka indlwana yombulo yako encameni yendlela zonke, nendawo yako epakamileyo uyenza kuzo zonke izitarate; ungabanga njengompinyiswa, ngokugxeka umvuzo! 32Ubungumfazi oṙexezayo, owamkela abasemzini nxa apantsi kwendoda yake. 33Kubo bonke abapinyiswa kupiwa amabaso; kodwa wena uyawapa amabaso ako kubo bonke abatandi bako; uyabasela bona, ukuba beze kuwe bevela emacaleni onke ngenxa yemibulo yako. 34Kanjako kuko kuwe okupambene nabafazi, ekubeni uwenza umbulo, nxa kungalandelwa ukwenza umbulo, nasekubeni uwunika umvuzo, nxa umvuzo unganikwa kuwe; kwa njalo ke unokupambana.
35Ngako oko, mpinyiswa! yiva ilizwi likayehova. 36Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba kutululwe intsila yako, nokuba kutyiliwe ubuzé bako, ngemibulo yako kunye nabatandi bako, nakunye nazo zonke izitixwana zezinto zako ezibuntshontsho, nangegazi labantwana bako, obubanika kuzo; 37ngako oko, bona ke, ndiya kuhlanganisa bonke abatandi bako, obumnandi kubo, kwa bonke abo ubatandileyo, kunye nabo bonke ubatiyileyo; ndobahlanganisa ke ngakuwe ngento engqongayo, ndibatyilele ubuzé bako, bade babone bonke ubuzé bako. 38Ndandiya kukugweba ngokugwetywa kwabaṙexezikazi nabapalaza igazi; ewe, ndokunika igazi lobuṙalaṙume nobukwele. 39Ndandiya kukunikela esandleni sabo, babeya kucita indlwana yombulo yako, bawise pantsi indawo zako ezipakamileyo; bokuhluba izivato zako, basuse impahla zako ezintle, bakushiye uzé uhlubulukile. 40Babeya kunyusa ngakuwe umhlambi, bakugibisele ngamatye, bakuhlahle ngamaṙele abo. 41Baya kutshisa izindlu zako ngomlilo, benze imigwebo pezu kwako pambi kwamehlo abafazi abaninzi: ndandiya kukwenza uyeke ukuba ngumpinyiswa; kanjalo nomvuzo akuyi kubuya uwunike. 42Kwa njalo ubuṙalaṙume bam ngakuwe ndiya kubupumza, buti ubukwele bam bumke kuwe; ndoba nditi tu, ndingabuyi ndiqumbe. 43Ngenxa yokuba ungakumbulanga imihla yobutsha bako, koko undicapukisile ngazo zonke ezizinto, ngako nam, bona ke, ndiya kubuyekeza indlela yako pezu kwentloko yako, itsho inkosi e nguyehova; waungayi kukwenza okuhlazekileyo ngapezu kwazo zonke izinto zako ezibuntshontsho. 44Bona ke, bonke abazekelisayo baya kuzekelisa pezu kwako, ngokuti: Njengokuba enjalo unina, injalo intombi yake. 45Uyintombi yonyoko wena, obedela indoda yake nabantwana bake; kanjalo ungudade wodade bako wena, abadela amadoda abo nabantwana babo; unyoko ebengum‐Hetekazi, noyihlo ebengum‐Amori. 46Udade wako omkulu yi‐Samariya, yona nentombi zayo, ehlala ngasekohlo kwako: nodade wako omncinane kuwe, ohlala ngasekunene kwako, yi‐Sodome nentombi zayo. 47Kodwa ngendlela zazo akuhambanga, nanjengezinto zazo ezibuntshontsho akwenzanga; oko bekuyinto encinane kodwa; waza wonakaliswa ngapezu kwazo kuzo zonke indlela zako. 48Ndihleli nje, itsho inkosi e nguyehova, i‐Sodome udade wako ayenzanga, yona nentombi zayo, njengokuba wenzile wena nentombi zako. 49Bona ke, bubo obu ubono be‐Sodome udade wako: ir̔atshi, ukudikwa sisonka, nokwonwaba okunqabileyo bekuko kuyo nakuzo intombi zayo; isandla samahlwempu nabasweleyo ayasomeleza. 50Zaye ziqanqalaza, zenza into ebuntshontsho pambi kwam; ndaza ndazisusa njengoko ndabonayo. 51Nayo i‐Samariya isiqingata sezono zako ayisenzanga; koko uzandisile izinto zako ezibuntshontsho ngapezu kwabo, waugwebele odade bako ngazo zonke izinto zako ezibuntshontsho ozenzileyo. 52Nawe, litwale ihlazo lako, ogwebileyo odade bako ngazo izono zako, ozenzileyo ngendawo ebuntshontsho ngapezu kwabo; bakugqitisile ngokulunga: ewe yiba udanile nawe, ulitwale ihlazo lako, ekubeni ubagwebele odade bako.
53Ndandiya kubuyisa ukutinjwa kwazo, ukutinjwa kwe‐Sodome nentombi zayo, nokutinjwa kwe‐Samariya nentombi zayo, nokutinjwa kwabatinjwa bako pakati kwazo; 54ukuze ulitwale ihlazo lako, udaniswe ngenxa yako konke ukwenzileyo, ekuzitutuzeleni kwako. 55Baye odade bako, i‐Sodome nentombi zayo, beya kubuyela kokwapambili ukumila kwabo, nayo i‐Samariya nentombi zayo ziya kubuyela kokwapambili ukumila kwazo, nawe nentombi zako niya kubuyela kokwapambili ukumila kwenu. 56Nangona i‐Sodome, udade wako, ibingavakali emlonyeni wako, ngomhla wer̔atshi lako; 57ingekatyilwanga inkohlakalo yako, njengasexesheni lokugxeka kwentombi zase‐Siriya, nazo zonke eziyingqongayo, intombi zama‐Filistiya, ezikucekisayo ngokungqonga. 58Ubutshinitshini bako, nezinto zako ezibuntshontsho, uzitwele, utsho uyehova. 59Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Sendiya kwenza ngakuwe, njengokuba wenje njalo wena, osidelileyo isifungo, ngokwapula ucebano. 60Noko, ndiya kukumbula ucebano lwam nawe emihleni yobutsha bako, ndikuqinisele ucebano olungunapakade. 61Wauya kukumbula indlela zako, udaniswe, nxa uya kwamkela odade bako, abakulu bako nabancinane bako; ndandiya kubanika kuwe babe zintombi zako, — kungengalo ucebano lwako kodwa. 62Ngokuba ndiya kumisa ucebano lwam nawe, wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova: 63ukuze ukumbule, udane, ungabi sabuya uvule umlomo wako ngenxa yehlazo lako, ndakuxolela konke ukwenzileyo, itsho inkosi e nguyehova.