1Ndaza ndakangela; kekaloku nankuya esibakabakeni, esibe sipezu kwentloko yazo ikerubime, okunjengelitye lesafire, njengokubonakala kwokufana kweterone, kubonakala pezu kwazo. 2Wayeteta kuyo indoda ebivete izivato zeqiya, wati: Ngena pakati kwengqengqeleko, ngapantsi kwekerubime, uzalise izandla zako ngamalahle omlilo opakati kwazo ikerubime, uwatshize pezu kwesixeko. Yaza yangena pambi kwamehlo am.
3Kekaloku ikerubime zema ngelokunene icala lendlu, yakungena indoda leyo; lati ilifu lazalisa ibala lapakati. 4Bandula benyuka pezulu ubungcwalisa bukayehova kuyo ikerubime, baya pezu kwomnyango wendlu; yaza indlu yazaliswa ngelifu, lati ibala lazala yinkazimlo yobungcwalisa bukayehova, 5Kanjalo intlokoma yamapiko azo ikerubime yavakala kwada kwasebaleni lapandle njengelizwi lotixo onamandla onke ekuteteni kwake.
6Kwaye kute, akuba eyalele indoda ebivete izivato zeqiya, esiti: Tabata umlilo pakati kwengqengqeleko, pakati kwekerubime; yandula yangena, yema ngasecaleni levili. 7Yaza ikerubime yasolula isandla sayo kwa pakati kwazo ikerubime, yasolulela emlilweni obupakati kwazo ikerubime, yasusa yanika ezandleni zalowo ubevete izivato zeqiya, owawutabatayo wapuma ke. 8Kwaye kubonakala kuzo ikerubime imfano yesandla somntu ngapantsi kwamapiko azo.
9Ndaza ndakangela; kekaloku nanzi ivili ezine zisecaleni lazo ikerubime, ivili inye ecaleni lekerubime inye, nevili inye ecaleni lekerubime inye; nokubonakala kwevili kwabekunjengobubengebenge kwelitye letareshishe. 10Nokubonakala kwazo, bekuko ukufana kunye kuzo zone, njengokungati bekuko ivili pakati kwevili. 11Zati zakuhamba zaya ngamacala azo omane; bezingajiki ekuhambeni kwazo; koko indawo yabeka intloko ngakuyo, zayilandela; bezingajiki ekuhambeni kwazo. 12Kwa wonke umzimba wazo, nemihlana yazo, nezandla zazo, namapiko azo, nevili, zibe zizele ngamehlo ngento engqongayo; kuzo zona zone bekuko ivili zazo. 13Ngokwevili, kwabizwa kuzo ekuveni kwam, ukuti: Intenda. 14Kwaye kuko ubuso bune kwezinye ngezinye; ubuso bokuqala bebububuso bekerubime, nobuso besibini bebububuso bomntu, nobesitatu bebububuso bengonyama, nobesine bebububuso bokozi. 15Zasuka ikerubime zenyuka pezulu. Esi sisidalwa esipilileyo endasibonayo ngasemlanjeni we‐Kebare.
16Zati zakuhamba ikerubime, zahamba ivili ecaleni lazo; naxeshekweni ikerubime zapakamisa amapiko azo zinyuke pezulu kuwo umhlaba, azajika ivili nazo kwa secaleni lazo. 17Nxa zemayo zona, zema ezi; nanxa zenyuka pezulu zona, zenyuka pezulu ezi; ngokuba umoya wesidalwa esipilileyo ubukuzo.
18Baza ubungcwalisa bukayehova bapuma pezu kwomnyango wendlu, baya bema pezu kwazo ikerubime. 19Zasuka ikerubime zapakamisa amapiko azo, zenyuka pezulu kuwo umhlaba pambi kwamehlo am, ekupumeni kwazo, nevili kunye nazo; zaya zema elucangweni lwesango lasempumalanga lendlu kayehova; kanjalo ubungcwalisa botixo wo‐Sirayeli bebupezu kwazo ngapezulu. 20Esi sisidalwa esipilileyo endasibonayo ngapantsi kwotixo wo‐Sirayeli ngasemlanjeni we‐Kebare; ndaye ndisazi ukuba zikerubime zona. 21Kwaye kuko ubuso bune kuzo zonke ezinye ngezinye, namapiko emane kwezinye ngezinye, nokufana kwezandla zomntu, ngapantsi kwamapiko azo. 22Nokufana kwobuso bazo, bukwa bubo ubuso endandibubona ngasemlanjeni we‐Kebare, izibonakalo zabo nabo bona: zaya ezinye ngezinye ngokuti ngqo.