1NDIYANIKUNGA ngoko, mna endingumbanjwa enkosini, ukuba nihambe ngokufanele olobizwa nabizwayo ngalo, 2ninako konke ukutobeka kwentliziyo nokululama, ninokuzeka kade, ninyamezelana elutandweni, 3ninxamela ukugcina ubunye bomoya embanjweni woxolo. 4Kuko umzimba umnye, nomoya emnye, njengokuba kanjalo nibe nibiziwe etembeni linye lobizwa lwenu; 5inkosi inye, ukolo lunye, ubapitizesho lunye; 6utixo noyise wabo bonke emnye, opezu kwabo bonke, nangabo bonke, nakuni nonke.
7Kodwa kuti tina sonke abanye ngabanye kwanikwa ufefe esinalo ngesilinganiselo sesipo sika‐Kristu. 8Ngako oko uti: Akunyukela enyangweni, watimba amatinjwa, wanika izipiwo ebantwini. ( 9Kekaloku lento yokuti wenyuka, yinto nina ke kupela ukuba wati kanjalo matanci wehlela ezindaweni zapantsi zomhlaba? 10owehlayo, nguyena kanjalo owenyukela pezulu pezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise izinto zonke.) 11Waza yena ngokwake wanika abanye babe ngabapostile, nabanye babe ngabaprofite, nabanye babe ngabavangeli, nabanye babe ngabalusi nabafundisi; 12kuze kuzalisekiswe abangcwele, ngenxa yomsebenzi wobukonzi, ngenxa yokwakiwa kwomzimba ka‐Kristu; 13side siti tina sonke sifikelele kubunye bokolo nobokwaziwa kwonyana katixo, kwindoda ekulileyo, kumlinganiso wobude bobuzala buka‐Kristu: 14ukuze singabi sengabantwana, sijingajingiswa siqu̔tywaqu̔tywa yiyo yonke imimoya yemfundiso, ekunyangeni kwabantu, ebuqokolweni obuyelela ubuqinga bolahlekiso; 15kodwa siti, sibamba inyaniso elutandweni nje, sikulele kwa kuye ezintweni zonke, oyintloko, u‐Kristu: 16okuye uti umzimba wonke, ulinganiswa uhlanganiselwa kunye ubandakanywa nokubandakanywa ngawo onke amalungu kunikwa ukwonga ngawo, ngokwokusebenza okulingana nendawo zonke ezinye ngezinye, wenze ukukula kwawo umzimba uze uzake elutandweni.
17OKU ke ndiyakutsho, ndikunqi̔ne enkosini, ukuba ningabi sahamba njengokuba besenje njalo nabanye abaheyideni ukuhamba, ekumateni kwoluvo lwabo, 18benziwe mnyama ekuqondeni kwabo, bahlukene nobomi bukatixo, ngenxa yokungazi okukubo, ngenxa yobulukuni bentliziyo yabo: 19abate bebujelwe kukuva nje bazilahlela ebutshinitshinini, kuze kwenziwe ubunco̔la bonke ngobubawa. 20Kodwa nina animfundanga u‐Kristu ngokunjalo; 21ukuba nite kambe neva yena, nafundiswa kuye, njengokuba injalo inyaniso ku‐Yesu; 22ukuba niti, okwokumila kwenu kwapambili, nimtule umntu omdala, oman’ ukwonakala ngokwenkanuko zenkohliso, 23nibe nihlaziywa emoyeni woluvo lwenu; 24nize nimambate umntu omtsha, ote ngokufuza utixo wadalwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.
25Ngako oko, senibeka nxamnye nje ubuxoki, tetani inyaniso nonke ngabanye nommelwane wenu; kuba singamalungu omnye nomnye.
26Qumbani, ize ningoni ke: ilanga malingatshoni pezu kwengqumbo yenu; 27ninganiki indawo ku‐Satane kanjalo.
28Oba̔yo makangabi seba̔: kodwa ngokukumbi makasebenze, esenza oko kulungileyo ngezandla zake, ukuze abe nako ukwabela lowo unokuswela.
29Makungapumi nakunye ukuteta okubolileyo emlonyeni wenu, makube koko kusukuba kulungele ukumiswa kwokuswela okukoyo, ukuze kunike ufefe kwabakuvayo; 30ize ke ningamdanisi umoya oyingcwele katixo, enanite kuye nancanyatiselelwa imini yokukululwa.
31Makukweleliswe kuni bonke ubuṙaṙa, nomsindo, noqumbo, nengxolo, nogxeko, kunye nalo lwonke ulunya; 32kodwa yibani ninobubele omnye kwomnye, ninenceba, nixolelana, njengokuba ete notixo ku‐Kristu waxolela nina.