1NGUBANINA onjengelumko? ngubanina owaziyo ukutyilwa kwendawo? Ubulumko bomntu buyakanyisa ubuso bake, nokwomelela kwobuso bake kuyaguqulwa.
2Nditi: Gcina umteto wokumkani; ewe, ngenxa yesifungelo sikatixo. 3Ungemki ebusweni bake ngokunxama; ungapakami ngenxa yelizwi elibi; ngokuba ekwenza konke akutandayo: 4ngokokuba ilizwi lokumkani linamandla; kanjalo ngubanina oya kuti kuye: Kuyinto nina ukwenzayo? 5Ogcinayo umyalelo akalazi ilizwi elibi. Kanjako intliziyo yolumkileyo iyazi ixesha nokugweba: 6ngokuba kuyo yonke imicimbi kuko ixesha nokugweba; ngokuba ububi bomntu bunzima pezu kwake. 7Ngokuba engakwazi oko okuya kubako; ngokuba ngubanina ongamxelelayo ukuba kwobako ninina? 8Akuko mntu onamandla pezu kwomoya, okuba awubambe umoya; kanjako akuko onamandla pezu kwomhla wokufa: ewe, akuko kundululwa kwokukulwa; kanjalo inkohlakalo ayiyi kubasindisa abenzi bayo. 9Konke oku ndikubonile, ndanikela intliziyo yam kuko konke ukwenza okwenziwayo ngapantsi kwelanga.
Kuko ixesha okuya omnye umntu apata omnye umntu kube kukwenzakala kwake. 10Kwa njalo ke ndibonile abakohlakeleyo bencw̔atyiwe, babuya beza; bati abo bakwenza okufaneleyo bemka endaweni yoyingcwele, balityalwa esixekweni. Oku kokungendawo nako.
11Ngokuba umgwebo ngakuso isenzo esikohlakeleyo ungenziwa ngobunxamo, iti ngoko intliziyo yonyana babantu pakati kwabo inxamele ukwenza okukohlakeleyo. 12Nakuba umoni enza okukohlakeleyo kalikulu, ahlaliswe kade, sendiyazi noko, ukuba kwoba kulungile kwabo bamoyikayo utixo, aboyikayo ebusweni bake: 13kodwa akuyi kuba kulungile kokohlakeleyo, kanjalo, njengesitunzi, akayi kwolula imihla; ngokuba engoyiki ebusweni bukatixo.
14Kuko okungendawo okwenziwa pezu kwomhlaba: okokuba kuko abalungileyo ekuhla kubo njengokwesenzo sabakohlakeleyo; kanjako, kuko abakohlakeleyo ekuhla kubo njengokwesenzo sabalungileyo. Ndati ukuba oku kokungendawo nako. 15Ndaza ndancoma imihlali, ngokuba kungeko nto elungele umntu ngapantsi kwelanga, kupela ukuba atye, asele, agcobe: ngokuba oku kuya kuhlala naye ngomzamo wake, ngemihla yobomi bake ayinikwa ngutixo ngapantsi kwelanga.
16XESHEKWENI bendinikela intliziyo yam ukwazi ubulumko, nokugqala umsebenzi owenziwayo emhlabeni, ukuba kuko ongaboniyo ubutongo ngamehlo ake nasemini nasebusuku; 17ndandula ndabona wonke umsebenzi katixo, ukuba umntu ukohliwe kukufumana lowomsebenzi owenziwayo ngapantsi kwelanga; ngako oko umntu uyazamela ukuwufuna, angafumani noko; ewe, nokuba olumkileyo uti uyawazi, wokohlwa noko ukuwufumana.