1YONKE imiyalelo endikuyalelayo namhla niya kulumkela ukuyenza, ukuze nipile, nande, ningene, nilifuye ilizwe owabe uyehova efungela oyihlo benu ngalo. 2Wauya kukumbula yonke indlela akuhambisile ngayo uyehova, utixo wako, leminyaka ingamashumi mane, entlango, ukuze akutobe, akulinge, aze akwazi okusentliziyweni yako, ukuba uya kugcina imiyalelo yake, ungayigcini kusinina. 3Wakutoba ke, wakulambisa, waza wakudlisa imana, into ubungayazi, abebengayazi noyihlo bako; ukuze akwazise ukuba akungaso isonka sodwa apilayo umntu, koko kungako konke okupumayo emlonyeni kayehova apilayo umntu. 4Izivato zako aziguganga pezu kwako, nonyawo lwako aludumbanga, leminyaka ingamashumi mane. 5Uya kwazi kanjalo entliziyweni yako, ukuba, njengokuba umntu emohlwaya unyana wake, uyehova, utixo wako, uyohlwaya wena. 6Ngako uya kugcina imiyalelo kayehova, utixo wako, ukuba uhambe ezindleleni zake, nokuba umoyike. 7Ngokuba uyehova, utixo wako, ekuzisa elizweni elilungileyo, ilizwe lemilanjana yamanzi, lemitombo nenzulu, epumayo emihlanjeni nasezintabeni; 8ilizwe lenqolowa, neṙalasi, nemiti yeveyine, nemikiwane, negranate; ilizwe leminquma yeoli nobusi; 9ilizwe uya kusitya isonka kulo kungeko buhlwempu, apo ungayi kuswela luto kona; ilizwe elimatye asisincete, nelintaba uya kumbela ubedu kuzo.
10Xeshikweni nityileyo nahluta nokuhluta, uya kumbonga uyehova, utixo wako, ngenxa yelolizwe lilungileyo ulipiwe nguye. 11Lumka ke, ukuba ungalibali uyehova, utixo wako, ngokungagcini imiyalelo yake, nemigwebo yake, nemimiselo yake, endikuyalelayo namhla: 12hleze uti, nxa uya kutya uhlute nokuhluta, wake izindlu ezintle, uhlale kuzo, 13ziti nenkomo zako negusha zako zibe zininzi, kwa nesilivere negolide ikwandele, nako konke unako kwande ke; 14yandule ipakame intliziyo yako, ukuba ulibale uyehova, utixo wako, okukupileyo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka; 15owakuhambisayo kulontlango inkulu eyoyikekayo, apo zikoyo inyoka ezibumliloṙa, nonomadudwane, nokwoma, apo kungeko amanzi kona; owakupumisela amanzi eweni lelitye elilukuni; 16owakudlisayo imana entlango, into bebengayazi oyihlo bako, ukuze akutobe, nokuze akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupeleni kwako; 17ude uti entliziyweni yako: Amandla am, nokwomelela kwesandla sam kundenzele ubutyebi obu. 18Kodwa uya kukumbula uyehova, utixo wako, ukuba nguye okunikayo amandla okwenza ubutyebi; ukuze aluqinise ucebano lwake, abefungela oyihlo bako ngalo njengokuba kunjalo namhla nje
19Koko kuya kuti, nxa uka ulibale uyehova, utixo wako, uze ulandele otixo bambi, ubakonze, uziqubude pambi kwabo, ndiyanqi̔na ngakuni namhla, ukuba niya kububa ngenyaniso. 20Njengentlanga azibubisayo uyehova pambi kwenu, niya kububa njalo; ngenxa yokuba beningayi kuliva ilizwi likayehova, utixo wenu.