1KEKALOKU yiyo le imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, owabeyalela uyehova, utixo wenu, ukuba niyifundiswe; ukuba niyenze elizweni apo niya kuwelela kona ukulifuya: 2ukuze umoyike uyehova, utixo wako, uyigcine yonke imimiselo yake nemiyalelo yake endikuyalelayo, wena, nomntwana wako, nomntwana womntwana wako, yonke imihla yokudla kwako ubomi; nokuze yolulwe imihla yako.
3Pulapula ke, Sirayeli! ulumkele ukuyenza; ukuba kulunge kuwe, nokuba nande kakulu, (njengokuba etetile uyehova, utixo woyihlo bako, kuwe,) elizweni elela ubisi nobusi.
4Pulapula, Sirayeli! uyehova, utixo wetu, nguyehova emnye: 5wauya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangawo onke amandla ako. 6Kanjalo lamazwi, endikuyalela wona namhla, oba sentliziyweni yako: 7wauya kunyameka ukuwafundisa kubantwana bako, utete ngawo, ekuhlaleni kwako endlwini yako, nasekuhambeni kwako endleleni, nasekulaleni kwako, nasekuvukeni kwako. 8Kanjako uya kuwabopa abe ngumqondiso pezu kwesandla sako, aeya kuba njengembasa pakati kwamehlo ako. 9Wauya kuwaba̔la pezu kwemigubasi yendlu yako, nasemasangweni ako.
10Kwaye kuya kuti, nxa uyehova, utixo wako, aya kukungenisa kwelozwe owabefungela oyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba alinike kuwe; izixeko ezikulu nezilungileyo ungazakanga, 11nezindlu ezizele zindyebo zonke ungazizalisanga, namacibi embelweyo ungawembelanga izitiya zemiti yeveyine nezeminquma ungazityalanga; ude utye, uhlute nokuhluta: 12wandule ulumke, hleze ulibale uyehova, okukupileyo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka. 13Uya kumoyika uyehova, utixo wako, umkonze yena; negama lake uya kulifunga. 14Aniyi kulandela otixo bambi, abakubo otixo bentlanga eziningqongayo; 15(ngokuba uyehova, utixo wako, e ngutixo onekwele pakati kwenu;) hleze ingqumbo kayehova, utixo wako, ivute ngakuwe, ikutshabalalise ebusweni bomhlaba.
16Aniyi kumlinga uyehova, utixo wenu, njengokuba nibe nimlinga e‐Masa. 17Niya kukutala ukugcina imiyalelo kayehova, utixo wenu, kwa nezinqi̔nelo zake, nezimiselo zake, akuyaleleyo ngazo. 18Wauya kukwenza oko kufaneleyo nokulungileyo emehlweni kayehova; ukuze kulunge kuwe, nokuba ungene ulifuye elozwe lilungileyo, owabefunga ngalo uyehova koyihlo bako, 19ukuba azisantsulise zonke intshaba zako pambi kwako; njengokuba etshilo uyehova.
20Xeshekweni akubuzayo unyana wako ngexesha elizayo, esiti: Ziti nina izinqi̔nelo, nezimiselo, nezigwebo, uyehova, utixo wetu, aniyaleleyo? 21uya kwandula uti kunyana wako: Sibe sizizicaka ku‐Faro e‐Jipete; kodwa uyehova wasipumisa e‐Jipete ngesandla esomeleleyo. 22Waye uyehova esenza imiqondiso nemimangaliso, emikulu nemibi, pezu kwe‐Jipete, pezu kwo‐Faro, napezu kwayo yonke indlu yake, pambi kwamehlo etu; 23waza wasikupa kona, ukuze asingenise apa, ukuba asinike elozwe wabefungela obawo ngalo. 24Wandula uyehova wasiyalela ukuba sizenze zonke izim selo ezi, simoyike uyehova, utixo wetu, kube kukuncedwa kwetu onke amaxesha, ukuba asilondoloze ebomini, njengokuba kunjalo namhla nje. 25Kanjalo kwoba bubulungisa betu, nxa silumkela ukuyenza yonke lemiyalelo, ebusweni bukayehova, utixo wetu, njengokuba esiyalele.