1Waza u‐Mosesi wabiza o‐Sirayeli bonke, wati kubo: Yivani, bo‐Sirayeli! izimiselo nezigwebo endizitetayo ezindlebeni zenu namhla, ukuba nizifunde, nilumkele ukuzenza. 2Uyehova, utixo wetu, walwenza nati ucebano e‐Horebe. 3Akalwenzanga nobawo betu ucebano olu; koko walwenza nati, tina esilapa namhla sonke sihleli. 4Ubuso ngobuso wayeteta uyehova nani entabeni pakati kwomlilo, 5(ndema mna pakati kwoyehova nani ngeloxesha, ukuba ndishumayele kuni ilizwi likayehova; ngokuba nibe nisoyika ngenxa yomlilo, ningenyukelanga ke kulontaba;) esiti:
6Mna ndi nguyehova, utixo wako, okukupileyo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka. 7Akuyi kuba nabo otixo bambi ngapandle kwam.
8Akuyi kuzenzela umfanekiso oqingqiweyo, nanye into efana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi apa, nesemanzini pantsi kwomhlaba: 9akuyi kutoba pambi kwazo; akuyi kuzikonza kanjalo: ngokuba mna Yehova, utixo wako, ndi ngutixo onekwele, ndiyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana sabanditiyayo; 10ndiwenzela ububele amawaka abanditandayo nabayigcinayo imiyalelo yam.
11Akuyi kufumana ulibize igama likayehova, utixo wako: ngokuba uyehova engayi kumyeka angabi natyala lowo ufumana elibiza igama lake.
12Gcina umhla we‐Sabata, ukuba uwenze ngcwele; njengokuba ekuyalele uyehova, utixo wako. 13Wosebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako; 14kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata kayehova, utixo wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nenkabi yako, neqwaṙashe lako, nazo zonke inkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako; ukuze kupumle isicaka sako nesicakakazi sako njengawe. 15Uze ukumbule ukuba ubusisicaka elizweni le‐Jipete, nokuba uyehova, utixo wako, wakupumisa kona ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo: ngako oko ukuyalele uyehova, utixo wako, ukuba uwubambe umhla we‐Sabata.
16Beka uyihlo nonyoko, njengokuba ekuyalele uyehova, utixo wako; ukuze kwolulwe imihla yako, nokuze kulunge kuwe, elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako.
17Akuyi kubulala.
18Akuyi kuṙexeza.
19Akuyi kuba̔.
20Akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki ngakuye ummelwane wako.
21Akuyi kunqwenela umfazi wommelwane wako; akuyi kukanuka indlu yommelwane wako, nentsimi yake, nesicaka sake, nesicakakazi sake, nenkabi yake, neqwaṙashe lake, nanye into eyeyommelwane wako.
22Lamazwi wawateta uyehova kuwo wonke umhlambi wenu entabeni, epakati kwomlilo, nelifu, nesitokotoko, ngelizwi elikulu, engongezanga nto; waza wawaba̔la pezu kwamacwecwe amatye amabini, wawanika kum.
23Kwaye kute, nxa nevayo ilizwi livela pakati kwobumnyama, (ngokuba intaba ibisitsha ngomlilo,) nandula nasondela kum, zonke intloko zezizwe zenu, nabadala benu; 24naye nisiti: Bona ke, uyehova, utixo wetu, usibonisile ubungcwalisa bake nobukulu bake, nelizwi lake silivile livela pakati kwomlilo: namhla nje sibonile ukuba uyehova uyateta nomntu, osapila noko. 25Kodwa kaloku, kunganina ukuba sife? ngokuba sekuya kusigqibela lomlilo umkulu: ukuba siya kupinda ukuliva ilizwi likayehova, utixo wetu, kanjako, siya kwandula sife. 26Ngokuba engubanina kuluntu lwonke oke weva ilizwi likatixo ohleliyo, eteta epakati kwomlilo, njengati, waza wapila ke? 27Sondela wena, upulapule konke okuya kutetwa nguyehova, utixo wetu; uze utete kuti konke uyehova, utixo wetu, aya kuteta kona kuwe, sasiya kuva, senze nokwenza.
28Waza uyehova weva ilizwi lamazwi enu, nakuteta kum; waye uyehova esiti kum: Sendivile ilizwi lamazwi abantu aba, abawatetileyo kuwe; balungisile ngako konke bakutetileyo. 29Akwaba kwabekuko intliziyo enjalo kubo, yokuba bandoyike, nokuba bayigcine yonke imiyalelo yam imihla yonke; ukuze kulunge kubo nakubantwana babo kude kube ngunapakade! 30Hamba, uti kubo: Buyani niye ezintenteni zenu. 31Kodwa wena, yima apa ngakum, ukuba nditete kuwe yonke imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, uya kubafundisa yona, ukuba bayenze elizweni endilinika kubo, ukuze balifuye. 32Ngako niya kulumkela ukwenza njengokuba uyehova, utixo wenu, eniyalele: aniyi kupambukela nangasekunene nangasekohlo. 33Niya kuhamba kuzo zonke indlela aniyalele ngazo uyehova, utixo wenu, ukuba nipile, nokuba kulunge kuni, nokuba niyolule imihla elizweni eniya kulifuya.