1Kwakuya kuti, xeshekweni zonke ezizinto ziya kuza pezu kwako, itamsanqeliso nesiqalekiso, endizibekileyo pambi kwako, wandule uzikumbulele entliziyweni yako pakati kwazo zonke intlanga, apo akugxotele kona uyehova, utixo wako, 2ude uguqukele kuyehova, utixo wako, ulive ilizwi lake njengako konke endikuyalelayo namhla, wena nabantwana bako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako; 3woti uyehova, utixo wako, abuyise ukutinjwa kwako, abe netaṙu pezu kwako, abuye akubute kuzo zonke intlanga, apo akute sa uyehova, utixo wako, kona. 4Ukuba kwobako abagxotiweyo bako esipelweni sezulu, kwa kona apo uyehova, utixo wako, wokubuta, nakona apo wokutabata: 5waye uyehova, utixo wako, eya kukuzisa elizweni ababelifuya oyihlo bako, wauya kulifuya; kanjalo wokwenzela okulungileyo, akwandise ngapezu kwoyihlo bako. 6Waye uyehova, utixo wako, eya kwalusa intliziyo yako, nentliziyo yenzalo yako, ukuba umtande uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, ukuze ubudle ubomi. 7Kanjako uyehova, utixo wako, wobeka zonke iziqalekiso ezi pezu kwentshaba zako, napezu kwabatiyi bako, abakutshutshisayo. 8Wauya kubuya wena upulapule ilizwi likayehova, uyenze yonke imiyalelo yake endikuyalelayo namhla. 9Waye uyehova, utixo wako, eya kukutyebisa ngawo wonke umsebenzi wesandla sako, ngesixakato sesizalo sako, nangesixakato sezilo zako, nangesiqa̔mo somhlaba wako, kube kokulungileyo: ngokuba uyehova eya kubuya agcobe pezu kwako ukukwenzela okulungileyo, njengokuba wabegcoba pezu kwoyihlo bako: 10nxa uya kupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba uyigcine imiyalelo yake nemimiselo yake eba̔liweyo kulencwadi yomteto; nxa uya kuguqukela kuyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako.
11Ngokuba lomyalelo endikuyalela ngawo namhla, ungakunqabeli wona, ungekude wona kanjako. 12Awusezulwini, ukuba utsho ukuti: Ngubanina oya kusinyukela aye ezulwini, asitabatele wona, ukuze siwuve, siwenze? 13Awupesheya kwolwandle kanjalo, ukuba utsho ukuti: Ngubanina oya kusiwelela aye pesheya kwolwandle, asitabatele wona, ukuze siwuve, siwenze? 14Koko ilizwi eli likufupi kuwe kakulu, kwa semlonyeni wako, nasentliziyweni yako, ukuba ulenze.
15Kangela ke, ndibekile pambi kwako namhla, ubomi nokulungileyo, nokufa nokubi: 16ngokuba ndikuyala namhla ukuba umtande uyehova, utixo wako, nokuba uhambe ezindleleni zake, nokuba ugcine imiyalelo yake, nemimiselo yake, nezigwebo zake; ukuze ubudle ubomi, wande nokwanda, ati uyehova, utixo wako, akutamsanqele elizweni apo uya kona ukulifuya: 17kodwa ukuba intliziyo yako iyajika, ude ungeva, wandule ukukuliswe, utobe pambi kwabo otixo bambi, ubakonze; 18ndiyaxela kuni namhla, okokuba niya kububa ngenyaniso; aniyi kwolula imihla pezu kwelolizwe, apo uwela i‐Yoredane ukuya kungena kona, ukuba ulifuye. 19Ndiyanqi̔nisa ngakuni namhla izulu nomhlaba, ukuba ndibekile pambi kwako ubomi nokufa, itamsanqeliso nesiqalekiso: ngako buqashe ubomi, ukuze ubudle ubomi, wena nenzalo yako; 20ukuba umtande uyehova, utixo wako, nokuba upulapule ilizwi lake, nokuba unamatele kuye: ngokuba yena ebubomi bako nobude bemihla yako: ukuba uhlale elizweni owafunga uyehova koyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba alinike kubo.