1SANDULA sajika, senyuka ngendlela yase‐Bashane; waza wapumela ngakuti u‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, yena nabo bonke abantu bake, ukuza kulwa e‐Edrehi. 2Waye uyehova esiti kum: Ungamoyiki; ngokuba ndiya kunika yena, nabo bonke abantu bake, nelizwe lake, esandleni sako; wauya kwenza kuye, njengokuba wenzile ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone. 3Kwa njalo uyehova, utixo wetu, wanika ezandleni zetu no‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, nabo bonke abantu bake; saza sambeta, kwada akwamshiyelwa namnye oseleyo. 4Saye sitimba zonke izixeko zake ngeloxesha; akwabiko nqili esasingayitimbanga kubo: izixeko ezingamashumi matandatu, sonke isahlulo se‐Ragobi, ubukumkani buka‐Hogi e‐Bashane. 5Zonke ezizixeko zibe zinqatyisiwe ngendonga ezinde, ngamasango nangemivalo; ngapandle kwezixeko ezingenandonga into eninzi kakulu. 6Ezona sazilahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba sibe senje njalo ku‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, silahlela ekutshatyalalisweni amadoda ezixeko zonke, nabafazi, nentsapo. 7Kodwa sazipangela zonke inkomo nawo onke amaxoba ezixeko ezo. 8Kanjalo ngeloxesha salitabata ilizwe esandleni sokumkani baba‐Amori bobabini, elo linganeno kwe‐Yoredane, kwa kuwo umlambo we‐Arenone kwada kwasentabeni ye‐Heremone: 9(ama‐Tsidone ayibiza i‐Heremone ngokuti yi‐Siriyone, kanti aba‐Amori bayibiza ngokuti yi‐Shenire:) 10zonke izixeko zasetafeni, nayo yonke i‐Gileyadi, nayo yonke i‐Bashane, kwada kwase‐Saleka nase‐Edrehi, izixeko zobukumkani buka‐Hogi e‐Bashane. 11Ngokuba u‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, ebekupela kwoseleyo eliveni lama‐Rafa; bona ke, ikoye yake ibiyikoye yesincete; asi yiyo na ese‐Raba yosapo luka‐Hamoni? zikubite ezilitoba ubude bayo, nekubite ezine ububanzi bayo, ngekubite yomntu.
12Nelilizwe esalibambayo ngeloxesha, kwa kuyo i‐Harohere, esemlanjeni we‐Arenone, nesiqingata sentaba ye‐Gileyadi, nezixeko zakuyo, ndalinika kuma‐Rubene nakuma‐Gadi. 13Neliva le‐Gileyadi, nayo yonke i‐Bashane, eyobukumkani buka‐Hogi, elozwe ndalinika kwisiqingata sesizwe sika‐Manase; sonke isahlulo se‐Ragobi, kunye nayo yonke i‐Bashane, e‐bekutiwa lilizwe lama‐Rafa. 14U‐Yahire, unyana ka‐Manase, watabata sonke isahlulo se‐Ragobi kwada kwakuwo umda wama‐Geshure nama‐Mahaka; wayebiza ezondawo ngegama lake, nge‐Bashane‐havote‐yahire, kwada kwanamhla. 15No‐Makire ndamnika i‐Gileyadi. 16Nakuma‐Rubene nakuma‐Gadi ndanika kutabata e‐Gileyadi kude kwakuwo umlambo we‐Arenone, pakati kwentili, nomda wakona; nakude kwakuwo umlambo we‐Yaboki, umda wosapo luka‐Hamoni; 17netafa, ne‐Yoredane, nomda wakona; kwa kuyo i‐Kinerete nakude kwakulo ulwandle lwasetafeni, ulwandle olutyuwa, ngapantsi kwemifula yase‐Pisega ngasempumalanga. 18Ndaye ndiniyalela ngexesha elo, ndisiti: Uyehova, utixo wenu, unipile elilizwe ukuba nilifuye: niya kuwela nixo̔bile pambi kwabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli, nonke eningamadoda obuṙoti; 19kodwa abafazi benu, nentsapo zenu, nenkomo zenu, (ndiyazi ukuba ninento eninzi yenkomo,) ziya kuhlala ezixekweni zenu endizinikileyo kuni; 20ade uyehova abapumze abazalwana benu, njengokuba enipumzile nina, baze nabo balifuye elozwe uyehova, utixo wenu, ubapile lona pesheya kwe‐Yoredane; nandule nibuye abanye ngabanye ukuza kwimfuyo zabo, endizinikileyo kuni.
21No‐Yoshuwa bendimyalela ngeloxesha, ndisiti: Amehlo ako akubonile konke akwenzileyo uyehova, utixo wenu, kokumkani aba bobabini; uya kwenje njalo uyehova kubo bonke ubukumkani oya kudlula ngakona. 22Aniyi kuboyika; ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye oya kunilwela.
23Kanjako ndamtaṙuzisa uyehova ngexesha elo, ndisiti: 24Nkosi, Yehova! uqalile ukubonisa isicaka sako ubukulu bako, nesandla sako esomeleleyo; ngokuba nguwupina utixo ezulwini nasemhlabeni, ongenzayo njengemisebenzi yako, nanjengezenzo zamandla zako? 25Makendiwele, ndiye kubona elolizwe lilungileyo elipesheya kwe‐Yoredane, lontaba entle, ne‐Lebanone. 26Kodwa uyehova ebequmbile ngakum ngenxa yenu, wabengandipulapuli; koko wabesiti uyehova kum: Makukwanele; ungabi sapinda ukuteta kum ngalendawo. 27Nyukela engcopo ye‐Pisega, uze upakamise amehlo ako ngasentshonalanga, nangasenode, nangasesuyide, nangasempumalanga, ulibone ngamehlo ako: ngokuba ungayi kuwela i‐Yoredane le. 28Kodwa yala u‐Yoshuwa, umomeleze, umkalipise: ngokuba yena eya kuwela pambi kwababantu, abamkelise ilifa lelozwe uya kulibona.
29Kwa njalo sahlala esihlanjeni malungana ne‐Bete‐pehori.