1KWAKUYA kuti, xeshekweni ufikileyo kwelozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, uze ulifuye, uhlale nokuhlala kulo; 2uya kutabata kwisiqalo sako konke ukuqa̔ma kwomhlaba, oya kuvela nako emhlabeni wako uwupiwayo nguyehova, utixo wako, usibeke esityeni; usuke uye endaweni aya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba alimise igama lake kona. 3Wauya kuza kumperisite oya kubako ngalomihla, uti kuye: Ndiyaxela namhla kuyehova, utixo wako, okokuba ndifikile elizweni owabefungela obawo betu uyehova ukuba wolinika kuti. 4Waye umperisite eya kutabata isitya esandleni sako, asibeke pantsi ngapambi kwesibingelo sikayehova, utixo wako.
5Uya kwandula utete uti ebusweni bukayehova, utixo wako: Ebengum‐Siriya olahlekileyo ubawo, waza wehlela e‐Jipete, wahlala njengowasemzini kona enento encinane yabantu, wada wenziwa kona isizwe esikulu, esinamandla, nesibantu baninzi. 6Koko ama‐Jipete asipata kakubi, asibandezela, abeka pezu kwetu inkonzo elukuni. 7Sati sakukala kuyehova, utixo wobawo betu, weva uyehova ilizwi letu, wabona ubunzima betu, nodinwa lwetu, nembandezeko yetu. 8Waye uyehova wasipumisa e‐Jipete ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangesoyikiso esikulu, nangemiqondiso, nangemimangaliso: 9ude wasizisa kulendawo, wasinika ilizwe eli, ilizwe elela ubisi nobusi. 10Kaloku, bona ke, ndisizisile isiqalo sokuqa̔ma kwomhlaba, endiwupiweyo nguwe, Yehova!
Kwa njalo uya kusibeka pantsi ebusweni bukayehova, utixo wako, ubedeshe pambi kwoyehova, utixo wako: 11wauya kuvuya pezu kwazo zonke izinto ezilungileyo azinikile kuwe uyehova, utixo wako, nakuyo indlu yako; wena, nom‐Levi, nowasemzini opakati kwenu.
12Nxa ugqibile ukuhlaula zonke izishumi zenzuzo yako, ngomnyaka wesitatu, umnyaka wezishumi ezo; nanxa unikileyo kum‐Levi, kowasemzini, koyinkedama, nakumhlolokazi, ukuba badle pakati kwamasango ako, bahlute nokuhluta; 13uya kwandula ukutsho pambi kwoyehova, utixo wako, usiti: Ndisusile okuyingcwele endlwini yam, ndandikunikile kum‐Levi, nakowasemzini, koyinkedama, nakumhlolokazi, njengayo yonke imiyalelo yako undiyalele yona: andigqitanga emitetweni yako, andiyilibalanga kanjako: 14andityanga nto kuko elusizini lwam, andisusanga nto kuko ngenxa yoko kunco̔lileyo, andinikanga nto kuko kofileyo kanjalo; ndivile ilizwi likayehova, utixo wam, ndenzile ngako konke undiyalele kona. 15Kangela pantsi usentlalweni yako engcwele, usezulwini, ubatamsanqele abantu bako o‐Sirayeli, nelizwe ulinikile kuti, njengokuba ubufungela obawo betu, ilizwe elela ubisi nobusi.
16Namhla nje uyehova, utixo wako, ukuyalele ukuba uzenze ezizimiselo nezigwebo: kukona uya kuzigcina uzenze ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako. 17Uyehova umvumile namhla ukuba ungutixo wako, nokuba uya kuhamba ezindleleni zake, ugcine izimiselo zake, nemiyalelo yake, nezigwebo zake, uve nokuva ilizwi lake. 18Kanjalo uyehova uvumile wena namhla ukuba ungabantu bake abanqabileyo, njengokuba etshilo kuwe, nokuba uya kugcina yonke imiyalelo yake: 19ukuze akubeke pezulu pezu kwazo zonke intlanga azenzileyo, eludunyisweni, nasegameni, nasebungcwaliseni; nokuze ube ngabantu abangcwele kuyehova, utixo wako, njengokuba etshile.