1AKUYI kubona inkabi yomzalwana wako umhlaumbi igusha yake zigxotiwe, wandule uzifihle kuzo; uya kuzibuyisela kumzalwana wako ngenyaniso. 2Kanjalo ukuba umzalwana wako akakufupi nawe, umhlaumbi akumazi, woyigodusa endlwini yako, ize ibeko kuwe ade umzalwana wako ayifune, wauya kuyibuyisela kuye. 3Uya kwenje njalo nakulo iqwaṙashe lake; uya kwenje njalo nakuyo ingubo yake; uya kwenje njalo nakuko konke okulahlekileyo kwomzalwana wako, oko kulahlekileyo kuye, nokufumeneyo wena: akungezifihle. 4Akuyi kubona iqwaṙashe lomzalwana wako umhlaumbi inkabi yake ziwile pantsi endleleni, wandule uzifihle kuzo; uya kuzisukisa kunye naye ngenyaniso.
5Isivato sendoda asiyi kubako pezu kwomfazi, kanjalo indoda ayiyi kwambata ingubo yomfazi: ngokuba beyintshontsho kuyehova, utixo wako, bonke abenje njalo.
6Xeshekweni ufumanana nendlu yentaka endleleni, komnye umti, umhlaumbi pezu kwomhlaba, inamatole umhlaumbi inamaqanda, nonina ehleli pezu kwamatole umhlaumbi pezu kwamaqanda, akuyi kususa unina kunye namatole. 7Uya kugqibela ukundulula unina, kanti amatole ungawatabatela kuwe; ukuze kulunge kuwe, nemihla yako uyolule.
8Xeshekweni uyakayo indlu entsha, uya kwenzela isifulelo sako intendelezo, ukuba ungamisi igazi pezu kwendlu yako, nxa owayo awa kuso.
9Akuyi kuhlwayela isitiya sako ngembewu yentlobo ngentlobo; hleze kunco̔liswe inzuzo yembewu uyihlwayeleyo, nemveliso yesitiya sako. 10Akuyi kupulusha ngenkabi nangeqwaṙashe ndawonye. 11Akuyi kwambata isivato esilukiweyo ngentlobo ngentlobo zencawa ndawonye.
12Uya kuzenzela imiqukumbelo emasondweni omane esigubungelo uzigubungela ngaso.
13Xeshekweni indoda iya kuzeka umfazi, ingene kuye, yandule imtiye, 14ibeke pezu kwake izenzo ngokuhleba, impumisele igama elibi, iti: Umfazi lo ndamzeka, kanti ndakungena kuye, andafumana kuye impau zobuntombi: 15uyise wenkazana nonina botabata impau zobuntombi benkazana leyo, bapume nazo baye kubadala besixeko esangweni: 16waye uyise wenkazana eya kuti kubadala: Intombi yam ndiyinikile kulendoda ibe ngumfazi, kodwa iyayitiya; 17kekaloku, bona ke, ibekile pezu kwayo izenzo ngokuhleba, isiti: Andifumananga kuyo intombi yako impau zobuntombi; noko nanzi impau zobuntombi bentombi yam. Baya kwandul’ ukwandlala iqiya ebusweni babo abadala besixeko. 18Boti abadala besixeko eso bayitabate londoda, bayohlwaye, 19bayihlaulise ikulu leshekele zesilivere, bazinike kuyise wenkazana, ngokokuba ipumisile igama elibi pezu kwentombi yakwa‐Sirayeli: yoba ngumfazi wayo, ayingeyindulule yonke imihla yayo. 20Kodwa ukuba indawo le iyinene, yokuba impau zobuntombi azifunyanwanga kuyo inkazana; 21baya kwandula bakupe inkazana leyo iye emnyango wendlu yoyise, ati amadoda esixeko sayo ayigibisele ngamatye, ukuba ife, ngokokuba yenzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli, ngokwenza umbulo endlwini kayise: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
22Xeshekweni kufunyanwa indoda ilala nomfazi otshatileyo, baya kufa bobabini, indoda eleleyo nomfazi lowo, naye umfazi: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo kwa‐Sirayeli.
23Xeshekweni kuya kubako inkazana eyintombi ipela, exanyiweyo yindoda, iti enye indoda iyifumane esixekweni, ilale nayo; 24nobakupela esangweni lesixeko eso bobabini, nibagibisele ngamatye, ukuba bafe; inkazana, ngendawo yokuba ayikalanga isesixekweni; nendoda, ngendawo yokuba itobile umfazi wommelwane wayo: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
25Kodwa ukuba indoda iyafumana inkazana exanyiweyo isendle, iti indoda iyidlwengule, ilale nayo; yoba yindoda eleleyo nayo eya kufa yodwa; 26kanti inkazana akuyi kuyenza nto; akuko kuyo inkazana isono sokufa: ngokuba njengokuya indoda isukela ummelwane wayo, imbulale ubomi, ikwa njalo lendawo: 27ngokuba ibiyifumana isendle; yakala ke inkazana exanyiweyo, koko bekungeko owayisindisayo.
28Xeshekweni indoda ifumana inkazana eyintombi ipela, engeyiyo exanyiweyo, ize iyibambe, ilale nayo, bafunyanwe ke; 29yoti indoda eleleyo nayo inike uyise wenkazana ishekele zesilivere zibe ngamashumi mahlanu, iti yona ibe ngumfazi wayo, ngenxa yokuba iyitobile; ayingeyindulule yonke imihla yayo.
30Indoda ayiyi kuzeka umfazi kayise, nesondo lengubo yoyise ayiyi kulityila.