1ZIZO ezi izimiselo nezigwebo, eniya kulumkela ukuzenza kwelozwe enilipiwayo nguyehova, utixo woyihlo benu, ukuba nilifuye, yonke imihla eniya kubudla ubomi ngayo pezu kwomhlaba.
2Niya kugqibela ukutshabalalisa zonke indawo, apo intlanga eniya kufuya okwazo zibe zikonza kona otixo bazo, pezu kwentaba ezinde, napezu kwenduli, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza: 3naniya kuzicita izibingelo zazo, niziqekeze izifanekiso ezimiyo zazo, ne‐Ashera zazo nizitshise ngomlilo, nemifanekiso eqingqiweyo yotixo bazo niyigaule, namagama abo niwatshabalalise kulondawo.
4Aniyi kwenje njalo kuyehova, utixo wenu. 5Kodwa kwindawo aya kunyula yona uyehova, utixo wenu, kuzo zonke izizwe zenu, ukuba abeke igama lake kona, kwintlalo yake niya kufuna, niye kwa lapo ke. 6Naniya kuzisa kona apo amadini okutshiswa enu, nemibingo yenu, nezishumi zenu, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla senu, nezibambiso zenu, neminikelo yesisa yenu, namazibulo enkomo zenu nawegusha zenu. 7Naniya kutya kona apo ebusweni bukayehova, utixo wenu, nivuye kuko konke enisolulele kona isandla senu, nina nendlu zenu, akutamsanqele ngako uyehova, utixo wako.
8Aniyi kwenza njengako konke sikwenzayo apa namhla; abanye ngabanye besenza okusukuba kufanele kwawabo amehlo. 9Ngokuba kwada kwakaloku ningafikanga ekupumleni naselifeni, enilipiwayo nguyehova, utixo wenu. 10Kodwa niya kuwela i‐Yoredane, nihlale kwelozwe uyehova, utixo wenu, aya kunamkelisa ilifa lalo; waeya kunipumza kuzo zonke intshaba zenu ezingqongayo, nide nihlale ngokunqaba. 11Oko kuya kubako indawo, aya kuyinyula uyehova, utixo wenu, ukuba alimise kona igama lake; kwa lapo niya kuzisa konke endiniyalela ngako: amadini okutshiswa enu, nemibingo yenu, izishumi zenu, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla senu, nazo zonke izibambiso zenu ezidluliseleyo enibambisa ngazo kuyehova: 12naniya kuvuya ebusweni bukayehova, utixo wenu, nina, nonyana benu, nentombi zenu, nezicaka zenu, nezicakakazi zenu, nom‐Levi opakati kwamasango enu; ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nani.
13Zilumkele, ukuba unganikeli amadini okutshiswa ako kuzo zonke indawo uya kuzibona: 14koko endaweni uyehova aya kunyula yona kwesinye sezizwe zakowenu, kwa lapo uya kunikela amadini okutshiswa ako, nalapo uya kukwenza konke endikuyalela ngako.
15Kodwa ungabinga utye inyama ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako, njengetamsanqa likayehova, utixo wako, ulipiweyo nguye, pakati kwawo onke amasango ako: onco̔lileyo nococekileyo bangayidla, njengebadi nanjengexama. 16Kupela igazi aniyi kulidla; lona noligalela pezu kwomhlaba njengamanzi.
17Akungetye pakati kwamasango ako isishumi senqolowa yako, neseveyine yako, neseoli yako, nawo amazibulo enkomo zako nawegusha zako, nazo zonke izibambiso zako obambisileyo ngazo, neminikelo yesisa yako, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla sako: 18koko kupambi kwoyehova, utixo wako, uya kuzidla, endaweni aya kunyula yona uyehova, utixo wako, wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nom‐Levi opakati kwamasango ako: wauya kuvuya pambi kwoyehova, utixo wako, kuko konke usolulela kona isandla sako. 19Zilumkele, ukuba ungamshiyi um‐Levi, yonke imihla yako emhlabeni wako.
20Xeshekweni uyehova, utixo wako, aya kuwenza banzi umda wako, njengokuba etshilo kuwe, ude uti: Ndoyidla inyama; ngokuba umpefumlo wako ukanuka ukudla inyama; ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako ungayidla inyama. 21Nxa ikude kuwe londawo uyehova, utixo wako, ayinyulileyo ukuba alibeke igama lake kona, uya kwandula ubinge kwinkomo zako, nakwigusha zako, ozipiweyo nguyehova, njengokuba ndikuyalele; wauya kutya pakati kwamasango ako ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako. 22Kwa njengokuba kutyiwa ibadi nexama, kunjalo uya kutya zona: onco̔lileyo nococekileyo bofana ukuzitya kwabo. 23Kodwa qinisa ukuba ungalidli igazi; ngokuba igazi libubomi: nobomi akuyi kubudla kunye nenyama. 24Akuyi kulidla; woligalela pezu kwomhlaba njengamanzi. 25Akuyi kulidla; ukuze kulunge kuwe, nakubantwana bako emva kwako, nxa uya kukwenza okufaneleyo emehlweni kayehova.
26Kodwa izinto ezingcwele zako oya kuba nazo, nezibambiso zako, wozitabata, uye kulondawo aya kunyula yona uyehova; 27wauya kunikela amadini okutshiswa ako, inyama negazi, pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wako: loti igazi lemibingo yako ligalelwe pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wako, nenyama uya kuyidla.
28Lumka uwapulapule onke lamazwi endikuyalelayo, ukuze kulunge kuwe, nakubantwana bako emva kwako, kude kube ngunapakade, nxa uya kukwenza okulungileyo nokufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wako.
29Nxa uyehova, utixo wako, aya kucita intlanga, apo uya kona ukufuya okwazo, pambi kwako; ude ukufuye esikundleni sazo, uhlale nokuhlala elizweni lazo; 30zilumkele, ukuba ungatiyelwa emva kwazo, emvenikweni zitshatyalalisiwe pambi kwako; nokuba ungabuzi ngotixo bazo, usiti: Zibe zisenje njanina ezintlanga ukukonza otixo bazo? sendiya kwenje njalo nam. 31Akuyi kwenje njalo kuyehova, utixo wako: ngokuba konke okuyintshontsho kuyehova, oko akutiyayo, zikwenzele otixo bazo; ngokuba kwa nonyana bazo nentombi zazo zibatshisile emlilweni kotixo bazo.
32Zonke izinto endiniyalela ngazo, niya kulumkela ukuzenza; akuyi kwongeza kuzo, akuyi kususa kuzo kanjako.