1Kwa ngeloxesha wati uyehova kum: Zibazele amacwecwe amatye abe mabini njengawokuqala, uze unyukele kum entabeni; uzenzele netyeya yemiti. 2Ndandiya kuba̔la pezu kwalamacwecwe amazwi abesemacwecweni okuqala, owauwaqekezile; wona uya kuwabeka etyeyeni leyo. 3Ndaza ndayenza ityeya ngemiti yeshitime, ndawabaza amacwecwe amatye amabini njengawokuqala: ndasuka ndenyukela entabeni, ndinamacwecwe lawo omabini esandleni sam. 4Wandula waba̔la pezu kwalamacwecwe, njengokuba̔lwa kwokuqala, amazwi alishumi, owawatetayo uyehova kuni entabeni, epakati kwomlilo, ngomhla wentlanganisano: waye uyehova ewanika kum. 5Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe lawo etyeyeni endibe ndiyenzile; ako kwa kona, njengokuba uyehova wabendiyalela.
6(Kekaloku usapo luka‐Sirayeli lwanduluka e‐Berote‐bene‐yahakane, lwaya e‐Mosera: apo wabuba u‐Arone, wancw̔atyelwa apo kanjalo; waza u‐Elezari unyana wake wakonza ngobuperisite esikundleni sake. 7Lwanduluka kona, lwaya e‐Gudegoda; lwanduluka nase‐Gudegoda, lwaya e‐Yotebata, ilizwe lemilanjana yamanzi.)
8Wati uyehova ngexesha elo, wahlula isizwe sika‐Levi ukuba sitwale ityeya yocebano lukayehova, nokuba sime ebusweni bukayehova ukumkonza, nokuba sitamsanqelise ngegama lake, kwada kwanamhla nje. 9Ngako oko u‐Levi akanasabelwa nalifa kunye nabazalwana bake; nguyehova ilifa lake, njengokuba uyehova, utixo wako, etshilo kuye.
10Kwa njalo ndahlala entabeni, njengasemihleni yapambili, imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; waye uyehova epulapula kum nangexesha elo, engavumi uyehova ukukububisa. 11Koko wati uyehova kum: Suka, hamba ukuya kunduluka pambi kwabantu, ukuba bangene balifuye ilizwe, endifungele oyise babo ukuba ndibape lona.
12NAKALOKU, Sirayeli! yinto nina uyehova, utixo wako, ayibiza kuwe, kupela ukuba umoyike uyehova, utixo wako, ukuba uhambe kuzo zonke indlela zake, nokuba umtande, nokuba umkonze uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, 13ukuba ugcine imiyalelo kayehova, nemimiselo yake, endikuyalelayo namhla, kube kukulunga kwako? 14Bona ke, izulu le likayehova, utixo wako, nezulu lamazulu, umhlaba, nako konke okukuwo. 15Kodwa uyehova wanamatela koyihlo bako ukuba abatande, wayeqasha nenzalo yabo emva kwabo, kwa nina, ngapezu kwabo bonke abantu, njengokuba kunjalo namhla nje. 16Yalusani ngoko ijwabu lentliziyo yenu, nentamo yenu ningabuyi niyenze lukuni. 17Ngokuba uyehova, utixo wenu, e ngutixo wotixo, nenkosi yenkosi; lowo utixo omkulu, onamandla, owoyikekayo, ongabuki ubuso, ongamkeli nebaso; 18elungisa ityala lenkedama nomhlolokazi; etanda owasemzini, ukuba ampe isonka nezivato. 19Ngako niya kumtanda owasemzini; ngokuba nibe ningabasemzini elizweni le‐Jipete. 20Uyehova, utixo wako, uya kumoyika, umkonze yena; wonamatela kuye, negama lake ulifunge. 21Nguye oyindumiso yako, nguye ongutixo wako; lowo okwenzele ezizinto zinkulu nezoyikekayo, ezona azibonileyo amehlo ako. 22Oyihlo bako behlela e‐Jipete beyimipefumlo ingamashumi asixe̔nxe; kanti kaloku, uyehova, utixo wako, ukwenzile njengenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi.