1UNEBUKANETSARE ukumkani wenza umfanekiso wegolide, ubude bawo buzikubite zimashumi matandatu, ububanzi bawo buzikubite zintandatu; wawumisa etafeni le‐Dura, elizwaneni le‐Babilone.
2Waza u‐Nebukanetsare ukumkani watumela ukuhlanganisa inkosi, amagosa, nenkosana, abagwebi, abagcinindyebo, amapakati, amatyala, nabo bonke abapati bamazwana, ukuze beze ekutwasisweni kwomfanekiso owabewumisile u‐Nebukanetsare ukumkani. 3Zandula zahlanganisana inkosi, amagosa, nenkosana, abagwebi, abagcinindyebo, amapakati, amatyala, nabo bonke abapati bamazwana, ekutwasisweni kwomfanekiso owabewumisile u‐Nebukanetsare ukumkani; bema pambi kwomfanekiso owabewumisile u‐Nebukanetsare. 4Yaza indanduluki yadanduluka ngamandla, isiti: Kutiwa kuni, bantu, zizwe, zinteto! 5ngexesha eniya kuva intlokoma yekarena, nemashrokita, nekitrose, nesabeka, nepesanterine, nesumponeya, nazo zonke intlobo zokucula, niya kuwa pantsi, nibedeshe umfanekiso wegolide awumisileyo u‐Nebukanetsare ukumkani: 6nosukuba engawi pantsi, abedeshe, uya kuti kwa ngeloxanyana ajulelwe eziko lomlilo ovutayo. 7Ngako oko ngeloxesha nxa bonke abantu bayivayo intlokoma yekarena, nemashrokita, nekitrose, nesabeka, nepesanterine, nazo zonke intlobo zokucula, bonke abantu, izizwe, nenteto, bawa pantsi, babedesha umfanekiso wegolide abewumisile u‐Nebukanetsare ukumkani.
8Ngako oko ngeloxesha, kwasondela ama‐Kaledine atile, anika ama‐Juda ityala. 9Ateta ati kukumkani u‐Nebukanetsare: Kumkani, hlala uhleli kude kube ngunapakade! 10Wena, kumkani! wenzile umteto wokuba bonke abantu abayivayo intlokoma yekarena, nemashrokita, nekitrose, nesabeka, nepesanterine, nesumponeya, nazo zonke intlobo zokucula, baya kuwa pantsi, babedeshe umfanekiso wegolide: 11nosukuba engawi pantsi, abedeshe, uya kujulelwa eziko lomlilo ovutayo. 12Kuko ama‐Juda atile owamisileyo pezu kwemicimbi yalo ilizwana le‐Babilone, u‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego; lamadoda, kumkani! akakatali nguwe; otixo bako akabakonzi, nomfanekiso wegolide owumisileyo akawubedeshi.
13Wandula u‐Nebukanetsare ngomsindo nangobuṙalaṙume waxela ukuba makuziswe u‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego. Kwandula kwaziswa lamadoda ebusweni bokumkani. 14Wateta u‐Nebukanetsare wati kubo: Kwenziwa ngabomi na, Shadraki, Meshaki, no‐Habedi‐nego, ukuba anikonzi otixo bam, nokuba anibedeshi umfanekiso wegolide endiwumisileyo? 15Kekaloku ukuba senilungile ukuti, ngexesha eniyivayo intlokoma yekarena, nemashrokita, nekitrose, nesabeka, nepesanterine, nesumponeya, nazo zonke intlobo zokucula, niwe pantsi, nibedeshe umfanekiso endiwenzileyo — ; ukuba kodwa anibedeshi, noti kwa ngeloxanyana nijulelwe eziko lomlilo ovutayo; nguwupina ke lowo utixo oya kunikulula ezandleni zam?
16Bapendula o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, bati kukumkani: Nebukanetsare! asifun’ ukuba sikupendule ngalendawo. 17Ukuba kunjalo, utixo wetu, esimkonzayo, unamandla okusikulula eziko lomlilo ovutayo; ewe, wosikulula esandleni sako, kumkani! 18Kodwa ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani! ukuba otixo bako asiyi kubabedesha, nomfanekiso wegolide uwumisileyo asiyi kuwubedesha.
19Wandula u‐Nebukanetsare wazala buṙalaṙume, kwati ukubonakala kwobuso bake kwaguqulwa ngakubo o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego: wateta, waxela ukuba iziko malenziwe shushu kube kasixe̔nxe ngapezulu koko fudula lenziwa shushu ngako. 20Waxela kanjalo ukuba amadoda angamaṙoti omeleleyo, abesempini yake, makanxibe u‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, abajulele eziko lomlilo ovutayo. 21Aza lamadoda anxitywa enebrukwe zawo, nehempe zawo, nengubo zawo, nezinye izivato zawo, ajulelwa eziko lomlilo ovutayo. 22Ngako oko, ngenxa yokuba ilizwi lokumkani belinxamile, neziko lalishushu kakulu, lati ilangatye lomlilo labulala lomadoda abefunqula u‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego. 23Aza lamadoda matatu, u‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, awa pantsi enxityiwe pakati kweziko lomlilo ovutayo.
24Wandula wati nqa u‐Nebukanetsare ukumkani, wesuka ngobunxamo, wateta, wati kumapakati ake: Besingajulanga amadoda amatatu na pakati kwomlilo, enxityiwe? Apendula ati: Yinyaniso, kumkani! 25Wapendula wati: Nanga ndibona amadoda amane, ekululekile, ehamba pakati kwomlilo, kungeko senzakalo kuwo; kekaloku eyesine ukufana kwayo ifana nonyana wotixo. 26Wandula u‐Nebukanetsare wasondela elucangweni lweziko lomlilo ovutayo, wateta, wati: Shadraki, Meshaki, no‐Habedi‐nego, nina zicaka zotixo opezu kwonke, velani, nize apa! Baza o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, bavela kwa pakati kwomlilo. 27Zaza zahlanganisana inkosi, amagosa, nenkosana, namapakati okumkani, babona lamadoda, ukuba umlilo awubanga namandla pezu kwemizimba yawo, nenwele zentloko zawo aziṙaukanga, nebrukwe zawo azenziwanga ngakumbi, nevumba lomlilo alizanga pezu kwawo.
28Wateta u‐Nebukanetsare, wati: Makubongwe utixo ka‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, oyitumileyo ingelosi yake, wakulula izicaka zake, ezazitembela kuye, zaguqula ilizwi lokumkani, zanikela imizimba yazo, ukuba zingakonzi zingabedeshi nokubedesha namnye utixo, kupela utixo wazo yedwa. 29Ngako ndiyawenza umteto, ukuba bonke abantu, izizwe, nenteto, abaya kuteta into engalungileyo ngakuye utixo wabo o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, baya kuhlahlwa, ziti izindlu zabo zenzwe imfumba yenkunkuma; ngokuba kungeko tixo wumbi ongahlangulayo ngokunje. 30Wandula ukumkani wabenza abakulu o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, elizwaneni le‐Babilone.