ISAHLUKO I.
1NGOWESITATU umnyaka wobukumkani buka‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone e‐Yerusaleme, wayivingcela. 2Yandula inkosi yanikela esandleni sake u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, nenxenye yempahla zendlu katixo; waza wazizisa elizweni le‐Shinare, endlwini yotixo wake; nempahla wazingenisa endlwini yendyebo yotixo wake.
3Wati ukumkani wateta ku‐Shapenaze inkosi yabatenwa bake, ukuba azise abatile kulo usapo luka‐Sirayeli, nakuyo inzalo yokumkani, nakuzo inkosana; 4kwa amadodana okungekuwo nasinye isipako, amahle ukubonakala kwawo, anobuciko ebulumkweni bonke, azizazi, anokuqonda ukwazi, ekukuwo amandla okuba eme eluxandeni lwokumkani, nokuba afundiswe ukuba̔la nokuteta kwama‐Kaledine. 5Kanjalo ukumkani wawabela into yemihla ngemihla kuko ukutya okumnandi kwokumkani, nakuyo iveyine yokusela kwake, ukuba ondliwe iminyaka mitatu, ati ekupeleni kwayo eme ebusweni bokumkani.
6Kekaloku bekuko pakati kwawo, kulo usapo luka‐Juda, u‐Danyeli, u‐Hananiya, u‐Mishayeli, no‐Hazariya; 7eyati inkosi yabatenwa yabatiya amagama: u‐Danyeli yambiza ngo‐Beleteshatsare, no‐Hananiya ngo‐Shadraki, no‐Mishayeli ngo‐Meshaki, no‐Hazariya ngo‐Habedi‐nego.
8Kodwa u‐Danyeli wabeka entliziyweni yake ukuba angazinco̔lisi ngokutya okumnandi kwokumkani, nangeveyine yokusela kwake; ngako wacela enkosini yabatenwa ukuba angazinco̔lisi. 9Waye utixo emnikile u‐Danyeli ufefe nobubele ebusweni benkosi yabatenwa. 10Yaza inkosi yabatenwa yati ku‐Danyeli: Ndiyoyika inkosi yam ukumkani, okwabileyo ukutya kwenu nokusela kwenu; ngokuba kuyinina ukuba abubone ubuso benu busiti kunubembe ngapezu kwamadodana angawentanga yenu? niya kwandula niyenze intloko yam imelwe lityala pambi kwokumkani.
11Waza wati u‐Danyeli kwigosa, elo inkosi yabatenwa ibilimisile pezu kwo‐Danyeli, no‐Hananiya, no‐Mishayeli, no‐Hazariya: 12Zulinge izicaka zako imihla ibe lishumi; mabasinike imifuno ukuba sitye, namanzi ukuba sisele: 13kwandule ukukangelwa pambi kwako ukubonakala kwetu, nokubonakala kwamadodana adlayo ukutya okumnandi kwokumkani: uze wenze kwizicaka zako njengokubona kwako. 14Laza labapulapula ngalendawo, labalinga imihla yalishumi. 15Kwati ke ekupeleni kwemihla ilishumi, kwabonwa ukuba ukubonakala kwabo bagqitisile onke amadodana awadlayo ukutya okumnandi kwokumkani ngobuhle nangokutyeba kwenyama. 16Landula igosa lasusa ukutya okumnandi kwabo, neveyine yokusela kwabo, labanika imifuno.
17Kekaloku lamadodana omane utixo wawanika ukwazi nokuqonda kulo lwonke ufundo nobulumko; no‐Danyeli wamqondisa yonke imiboniso namapupa.
18Kwati ke ekupeleni kwemihla owabetshilo ukumkani ukuba iwazise, yandula inkosi yabatenwa yawazisa pambi kwo‐Nebukanetsare. 19Waza ukumkani wateta nawo; kwaye kube kungafunyanwa pakati kwawo onke nanye ebinjengo‐Danyeli, no‐Hananiya, no‐Mishayeli, no‐Hazariya; ngako bema ebusweni bokumkani. 20Nendawo zonke zobulumko nengqondo, owababuza ngazo ukumkani, wabafumana belumkile ngamanani alishumi pezu kwazo zonke incibi nabanyangi abasebukumkanini bake bonke.
21Kekaloku u‐Danyeli wahlala kwada kwaba ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani.