U‐Hamose 6
1Makube nzima kubo abasekwonwabeni e‐Ziyone, nakubo abasekunqabeni entabeni ye‐Samariya, abadumileyo besiqalo sezizwe, abati indlu ka‐Sirayeli beza kubo! 2Gqitelani e‐Kalene, nibone; nimke apo niye e‐Hamati enkulu; nandule nihlele e‐Gate yama‐Filistiya: bezilungile pezu kwezikumkani ezi na? imida yazo ibimikulu kwimida zenu na?
3Makube nzima kubo abakwelelisa kude imini yobubi, nabasondeza isihlalo sokuqobola; 4abalala emandlalweni yopondo lwendlovu, nabazolula ezintweni zokupumla zabo; abadlayo amatakane emhlambini, namatole kwa pakati kwesitale; 5abahlabelayo ngentlokoma yehadi, abati, njengo‐Davide, baziqingela izinto zokuculisa; 6abaselayo ezindebeni zeveyine, nabazitambisayo ngamafuta anqabileyo; kanti abanabuhlungu ngenxa yokwapuka kuka‐Josefe. 7Ngako oko kaloku bofuduka nabatinjwa bokuqala, kwakuya kumka ukumemeza kwabazolulayo.
8Inkosi e nguyehova izifungile: utsho uyehova, utixo wemikosi, ukuti: Ndiyabuzonda ubungcwalisa buka‐Yakobi, ndiyazitiya nendlukazi zake: ngako oko ndosinikela isixeko, nako konke okukuso. 9Kwakuya kuti, ukuba kusele amadoda alishumi endlwini nye, aya kufa nawo. 10Kanjalo umalamane womntu, kwa lowo omtshisayo, womtabata, kuze kususwe amatambo ake endlwini; waeya kuti kulowo osemacaleni endlu: Useko nawe umntu na? waeya kuti yena: Akuko namnye. Uya kwandula ati: Tutu! ngokuba singekankanye igama likayehova. 11Ngokuba, bona ke, uyehova eyalele, waeya kubeta indlu enkulu ngentanda, nendlu encinane ngemifanta.
12Amahashe aya kubaleka na pezu kweliwa? kwopulushwa na kona ngenkabi? ngokuba niguqule ubugwebo bube yinyongo, nesiqa̔mo sobulungisa sibe ngumhlonyane: 13nina nivuyayo ngento engendawo, eniti: Asizitabatelanga impondo ngawetu amandla na? 14Kodwa, bona ke, ndiya kuvusa isizwe ngakuni, ndlu ka‐Sirayeli! utsho uyehova, utixo wemikosi; babeya kunibandezela, kwa sekungenweni kwe‐Hamati kude kube semlanjaneni wasetafeni.
Bible Society of South Africa 1902