U‐Hamose 2
1Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zika‐Mowabi, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwake; ngokuba etshisile amatambo okumkani we‐Edome ada aba yikalike. 2Ngako ndiya kutuma umlilo e‐Mowabi, oya kuzidla izindlukazi zase‐Keriyote; waeya kufa u‐Mowabi ngesipitipiti, ngesimemezo, ngentlokoma yexilongo. 3Ndandiya kunqamla umgwebi pakati kwayo, nazo zonke inkosana zayo ndozibulala kunye naye, utsho uyehova.
4Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zo‐Juda, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwabo; ngokuba umteto kayehova bewudelile, nemimiso yake bengayigcinanga; nezinto ezilulwimi zabo zibalahlekisile, ezo bazilandelayo oyise babo. 5Ngako ndiya kutuma umlilo kwa‐Juda, oya kuzidla izindlukazi zase‐Yerusaleme.
6Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zo‐Sirayeli, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwabo; ngokuba betengisile abalungileyo ngesilivere, nabasweleyo ngesibini sezihlangu; 7ababefulelayo utuli lwomhlaba pezu kwentloko yamahlwempu, nendlela yabalulamileyo bayayipambukisa; indoda noyise wayo bayangena kwenye intombi, ukuze balidyobe igama lam elingcwele; 8bayazolula pezu kwengubo ezibanjiselweyo, kufupi nezibingelo zonke; bayasela iveyine yabahlaulisiweyo, endlwini yotixo babo. 9Noko, ebendim owatshabalalisayo um‐Amori pambi kwabo, obude bunjengobude besedare, obenamandla njengeyeke; ndatshabalalisa ke isiqa̔mo sake pezulu, nengcambo zake ngapantsi. 10Kanjalo ebendim owabeninyusa elizweni le‐Jipete, ndanikokela entlango iminyaka yamashumi mane, niye kufuya ilizwe lom‐Amori. 11Ndaza ndavusa konyana benu babe ngabaprofite, nakwamadodana enu abe ngabanaziri. Akunjalo na, nina lusapo luka‐Sirayeli? utsho uyehova. 12Kodwa nabeniseza abanaziri iveyine, nabayalela abaprofite ngokuti: Ningaprofiteshi. 13Bona ke, ndiya kunishicilela pantsi, njengokuba ishicilela inqwelo ezele zizitungu. 14Ngako intsabo iya kububela onamendu, nowomeleleyo akayi kuwomeleza amandla ake, noliṙoti akayi kuzisindisa yena. 15Kanjalo opeteyo isipeta akayi kuma, nonyawo zinamendu akayi kusinda; okweleyo ehasheni akayi kuzisindisa naye. 16Ewe, ontliziyo ikalipileyo pakati kwamaṙoti uya kwesaba zé ngomhla lowo, utsho uyehova.
Bible Society of South Africa 1902