1Kekaloku nxa bebeteta ebantwini, kwababaqa abaperisite, nenkosi yetempile, nabasadusi, 2bebindekile ngenxa yokuba bebefundisa abantu, nokuba bebeshumayela ngaye u‐Yesu ukuvuka kwabafileyo. 3Baza babeka izandla pezu kwabo, babafaka entolongweni kude kube ngomso; ngokuba kube kuse kuhlwile. 4Kodwa abaninzi bababelivile ilizwi bakolwa; laye lite inani lamadoda langa laba ngamawaka mahlanu.
5Kwaza kwati ngomso, kwahlanganisana abapati babo, nabadala, nababa̔li, e‐Yerusaleme, 6no‐Anasi umperisite omkulu, no‐Kayafasi, no‐Johane, no‐Aletsandere, nabo bonke ababesalamana nomperisite omkulu. 7Baza bakuba bebebamisile pakati, babuza, besiti: Kungawanina amandla, umhlaumbi ngelanina igama, enikwenzile oku nina? 8Wandula u‐Petrosi, ezalisiwe ngumoya oyingcwele, wati kubo: Bapati babantu nabadala bo‐Sirayeli! 9ukuba tina namhla nje siyabuzwa pezu kwesenzelelo wasenzelwa umlwelwe, ukuba kunganto nina lo upilisiwe; 10makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, okokuba kungegama lika‐Yesu Kristu um‐Nazarete, lowo nina namkuruseshayo, ate utixo wamvusa ekufeni, kungaye lo ukuba lomntu umi apa ebusweni benu epilile. 11Nguye lo ilitye elalideliwe nini baki, elaba yintloko yegumbi. 12Kanjako akuko lusindiso kuwumbi namnye: ngokuba kungeko nagama limbi ngapantsi kwezulu elinikiweyo pakati kwabantu, esifanele ukusindiswa ngalo.
13Kekaloku bebona ukukalipa kuka‐Petrosi no‐Johane, beqiqile nokuba bangabantu abangabangenalufundo nabamnyama, bati nqa, babanakana ukuba bebenaye u‐Yesu. 14Kanjalo bebona umntu obepiliswe emi nabo, bebengenanto yokupika. 15Kodwa bebayalele ukuba bapume entlanganisweni, bacebisana omnye nomnye, 16besiti: Siya kwenza nto nina kwababantu? ngokuba okunene kubonakala kubo bonke abemiyo e‐Yerusaleme, ukuba ummangaliso owazekileyo wenzekile ngabo; asingekukanyele ke. 17Noko, ukuze kungavakaliseki kakulu ngakumbi ebantwini, masibasongele kunene, ize bangabi sateta nakomnye umntu ngeligama. 18Baza bakuba bebabizile, babayalela ukuba mabangake batete nokuba mabangafundisi ngegama lika‐Yesu.
19Kodwa u‐Petrosi no‐Johane bapendula bati kubo: Yahlulani, ukuba kufanelekile na ebusweni bukatixo ukuva nina ngapezu kwokuva utixo: 20ngokuba singebe nako ukuti, izinto esizibonileyo nesizivileyo, singaziteti. 21Kekaloku bepindile ukubasongela babakulula, bengafumani ndawo yokuba bangabohlwaya ngayo, ngenxa yabantu; kuba bonke bebedumisa utixo pezu kwoko kwenzekileyo. 22Ngokuba ebegqitisile iminyaka emashumi mane ngobudala, lowamntu okube kwenzekile kuye lommangaliso wokupilisa.
23Baza bekululwe nje baya kowabo, bashumayela konke abaperisite abakulu nabadala babe bekutshilo kubo. 24Bati ke bakuva, balipakamisela kutixo ilizwi labo ngentliziyo nye, batsho ukuti: Nkosi! nguwe utixo owenzayo izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo: 25owatshoyo ngomlomo ka‐Davide isicaka sako ukuti: Yinina ukuba abaheyideni benza imbutumbutu, nokuba izizwe zacinga izinto ezingendawo? 26Okumkani bomhlaba bema, nenkosi zabutana ndawonye, ngakuye uyehova, nangakuye u‐Kristu wake. 27Ngokuba ngenyaniso kwabutana ngakuso isicaka sako esingcwele u‐Yesu, omtambisileyo, kwa no‐Herodi no‐Pontiyusi Pilati, kunye nabaheyideni nezizwe zo‐Sirayeli, 28ukwenza konke isandla sako necebo lako lamisela ngapambili ukuba kwenziwe. 29Nokwakaloku nje, Nkosi! kangela izisongelo zabo, unike ezicakeni zako ukuba zitete ilizwi lako zinokukalipa konke, 30ngokwolulwa kwesandla sako ukupilisa, nokwenziwa kwemiqondiso nemimangaliso ngalo igama lesicaka sako esingcwele u‐Yesu.
31Yaza indawo ababe behlanganisene kuyo, bakuba betandazile, yashukunyiswa, bati kwa bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele, bateta ilizwi likatixo benokukalipa.
32KEKALOKU umhlambi wabakoliweyo intliziyo nompefumlo wawo ubumnye: kwaye kungeko namnye obesiti into yabenazo iyeyake, koko zonke izinto zibe zizezabo bonke. 33Bati abapostile basinika ngamandla amakulu isinqi̔no sabo ngako ukuvuka kwenkosi u‐Yesu; lwaye ufefe olukulu luba pezu kwabo bonke. 34Ngokuba ke bekungeko mntu obesekusweleni pakati kwabo; ngokuba bonke abebengabafuyi bemihlaba umhlaumbi bezindlu bebetenga ngazo, bawazisa amanani ezinto ezibe zitengiswa, 35bawabeka ngasezinyaweni zabapostile: kwaza kwabelwa abanye ngabanye, njengoko kusukuba umntu enokuswela ngako.
36Waza u‐Jose, owatiywa ngabapostile elinye igama elingu‐Banabasi, (okukuti ngokukunyushwa, Unyana wonwabiso,) um‐Levi, owase‐Kiperusi ngokuzalwa, 37enomhlaba, watenga ngawo, wazisa imali, wayibeka ngasezinyaweni zabapostile.