1Bati bakuba besindile, bandula baqonda ukuba isiqiti sibizwa nge‐Melita. 2Baza abemi bakona basenzela ububele obungenziwa futi: ngokuba bepembile umlilo, basamkela sonke, ngenxa yemvula ekoyo, nangenxa yengqele.
3Kekaloku nxa u‐Paulusi ebebutile inyanda yentsasa, nanxa ebeyibekile pezu kwomlilo, kwapuma inyoka ngokufudumala, yaziqinisa esandleni sake. 4Baza abemi bakona bakubona isilo eso silengalenga esandleni sake, bati omnye kwomnye: Okunene ungumbulali umntu lo, ote, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumelanga ukuba adle ubomi. 5Wati kekaloku yena esivutululele emlilweni isilo eso, akeva senzakalo. 6Koko bona bebekangela ukuba uya kuti adumbe, umhlaumbi awe pantsi ngesiqupe efile: kodwa bakuba bebekangela kade, bengaboni nto embi imhlela, bajika intliziyo, bati ungutixo.
7Kwa kwezondawo zangakona ibiko imihlaba yoyintloko yesiqiti, ogama lalingu‐Pubiliyo; owasamkelayo, wasihlalisa kuye imihla yamitatu ngobuhlobo. 8Kwaye kute, uyise ka‐Pubiliyo ebelele ibanjwa licesine nesixaxazo segazi; owati u‐Paulusi wangena kuye, watandaza, wabeka izandla pezu kwake, wampilisa. 9Kekaloku kwakuba kwenziwe oku, babesiza nabanye abebenezifo esiqitini, bapiliswa: 10abasibekayo ngembeko ezininzi kanjalo, bati ekundulukeni kwetu basitwesa ngezinto ezisilungeleyo.
11Sada emveni kwenyanga zantatu sanduluka ngenqanawa yase‐Aletsandriya, ebenze ubusika esiqitini, inopa̔u olungu‐Kasitore no‐Polutse. 12Saza safikela emhlabeni e‐Sirakuse, salibala kona imihla yamitatu. 13Sisuka apo sazekelela seza kufika e‐Regiyo; wati emveni kwosuku lunye wavuka umoya wasesuyide, saza ngowesibini umhla safika e‐Puteyoli; 14apo safumana kona abazalwana, sabongozwa ukuba silibale kubo imihla ibe sixe̔nxe: saya njalo ke ukuya e‐Roma. 15Baza abazalwana bakuva okwetu bapuma kona, beza kusikaulela kwada kwase‐Apiyoforume, nase‐Tavene‐ntatu; owati u‐Paulusi akubabona, wabulela kutixo, wazuza ukwomelela.
16Kekaloku okuya sasifikile e‐Roma, yati inkosikulu yanikela ababanjwa kwinkosi yomkosi wakwomkulu: kodwa kwavunyelwa u‐Paulusi ukuba ahlale yedwa, kunye nesodati elimgcinayo.
17KWAYE kute emveni kwemihla mitatu, u‐Paulusi wababizela ndawonye kuye abakulu bakuma‐Juda. Nxa ke bebebutene, wabesiti kubo: Madoda, bazalwana! nakuba ndingenzanga nto eca̔sene nabantu namasiko obawo betu, ndanikelwa ndingumbanjwa e‐Yerusaleme ezandleni zama‐Roma. 18Abesiti wona akuba endibuzile, afuna ukundikulula, ngenxa yokuba bekungeko tyala elibang’ ukufa kum. 19Kodwa akupika ama‐Juda, ndanyanzelwa ukumangala ku‐Kesare; kungekukuba ndibe ndinento ukunika uhlanga lwam ityala ngayo. 20Ngenxa yelituba ngoko ndinibizele kum, lokuba ndinibone, nokuba nditete nani: ngokuba kungenxa yetemba lo‐Sirayeli endifakiwe lomxokelelwane.
21Baza bona bati kuye: Asamkelanga ncwadi ngawe tina ivela e‐Judeya, akuko mntu wakubazalwana kanjako ote akufika apa washumayela umhlaumbi wateta into ngawe ekohlakeleyo. 22Kodwa siba kufanelekile ukuba sive kuwe oko ukukumbulayo: ngokuba ngalo ulwahlukano olu kusaziwa siti ukuba luyapikwa kuzo zonke indawo.
23Kekaloku bemmisele umhla otile nje, kweza kuye endaweni yake yokuhlala abaninzi; owabebaca̔zela ubukumkani bukatixo, wabunqi̔nela, wabacenga ngento ezingaye u‐Yesu kanjalo, nakuwo umteto ka‐Mosesi nakubo abaprofite, kwa sekuseni kwada kwahlwa. 24Baza abanye beyiswa zizinto ezibe zitetwa, kodwa abanye abakolwa. 25Bati ke bakuba bengavumelene omnye nomnye, banduluka, nxa u‐Paulusi ebetshilo elilizwi linye lokuti: Ulungisile ukuteta umoya oyingcwele ngo‐Yisaya umprofite kubo obawo betu, 26esiti: Hamba uye kwababantu, uti: Ngokuva niya kuva, ningezi niqonde; nibona nje niya kubona, ningezi niqiqe: 27ngokuba intliziyo yababantu idikiwe, nendlebe bazenze nzima ukuva kwazo, namehlo abo bawacimile; hleze babone ngamehlo, beve ngendlebe, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. 28Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukatixo lutunyiwe kubaheyideni, abaya kuva bona. 29Kute akuba ebetshilo oku, emka ama‐Juda, enopikisano olukulu pakati kwawo.
30Wati kekaloku u‐Paulusi wahlala iminyaka mibini ipela kweyake indlu eqashiweyo, wabamkela ngembuko bonke ababengena kuye, 31eshumayela ubukumkani bukatixo, efundisa izinto ezingayo inkosi u‐Yesu Kristu, ngokukalipa konke, engenakwalelwa.