1WANDULA u‐Festusi akuba engene elizwaneni lake, wati emveni kwemihla mitatu wenyuka e‐Kesareya waya e‐Yerusaleme. 2Kwaza kwamangala kuye umperisite omkulu nabakulu bakuma‐Juda ngaku‐Paulusi, bambongoza, 3becela into yofefe ngakuye, yokokuba ammemele e‐Yerusaleme, besenza isilalelo endleleni ukumbulala. 4Kuloko wapendula u‐Festusi, ukuba u‐Paulusi usekugcinweni e‐Kesareya, nokuba yena ngokwake uza kumka kamsinya ukuya kona. 5Mabati ngoko abanamandla pakati kwenu, watsho ke, behlele kona kunye nam, bayinike ityala indoda le, ukuba kuko into esisono kuyo.
6Kekaloku akuba ebehleli pakati kwabo imihla engepezu kweshumi, wehla waya e‐Kesareya; waza ngomnye umhla, ehleli pantsi esihlalweni sokugweba, waxela ukuba u‐Paulusi aziswe. 7Wati akufika, ema ama‐Juda abehlile e‐Yerusaleme ngokungqonga, ebeka amatyala amaninzi anzima ngakuye u‐Paulusi, abekohlwa ukuwaqinisa ngezizatu; 8esiti yena ukuzipendulela: Nangakuwo umteto wama‐Juda, nangakuyo itempile, nangakuye u‐Kesare, andonanga nento. 9Kodwa u‐Festusi, efuna ukuzizuzela imbuko yama‐Juda, wapendula u‐Paulusi, wati: Uyavuma na ukunyukela e‐Yerusaleme, ukuba ubuzwe kona ngezizinto pambi kwam? 10Waza wati u‐Paulusi: Ndimi ngasesihlalweni sokugweba sika‐Kesare, apo ndifanele ukubuzwa kona: ama‐Juda andiwenzelanga nto, njengokuba usazi nawe kunene. 11Ngokuba mna ukuba ndiyenza ngokungalungileyo, nokuba ndenze into efanele ukufa, andizilanduleli ukuba ndingafi; kodwa ukuba akuko nanye yezozinto aba bandinika ityala ngazo, akuko mntu ongandinikelayo kubo. Ndiyamangala ku‐Kesare. 12Wandula u‐Festusi, akuba ebetetene namapakati ake, wapendula, esiti: Umangele ku‐Kesare na? uya kuya kwa ku‐Kesare.
13Kekaloku kwakuba kudlulile imihla etile, ukumkani u‐Agiripa no‐Berenike bafika e‐Kesareya ukuza kubulisa u‐Festusi. 14Naxeshekweni bebelibele kona imihla yamininzi, u‐Festusi wambalisela ukumkani indawo zika‐Paulusi, esiti: Kuko indoda etile eshiyiwe ngu‐Felitse ingumbanjwa; 15abati abaperisite abakulu nabadala bama‐Juda, nxa ndandise‐Yerusaleme, bamangala ngayo, becela umgwebo ngakuyo: 16endati kubo ukupendula: Asi lisiko kuma‐Roma ukunikela umntu ekububeni, engekati lowo unikwa ityala abe nokubonana nabo bamnikayo ityala, aze azuze ituba lokuzitetelela ngento abekelwa ityala ngayo. 17Ngako bakuba bebebutele apa, ndingenzanga kulibala ke, ndati ngomhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndaxela ukuba iziswe indoda leyo: 18abati abaniki betyala bakuma, abavelisa ngakuye nalinye ityala ngezozinto endibe ndizizindlela mna; 19kodwa bebenemibuzo etile ngakuye ngalo ubedesho lwakowabo, nangaye otile u‐Yesu obefile, abesitsho u‐Paulusi ukuti uhleli. 20Ndati kekaloku mna nditandabuzela umbuzo ngako oku, ndabuza kuye ukuba ebenga angaya e‐Yerusaleme na, abuzwe kona ngezindawo. 21Kodwa akumangala u‐Paulusi ukuba agcinelwe ukugweba kuka‐Auguste, ndaxela ukuba agcinwe ndide ndimtume ku‐Kesare. 22Waza u‐Agiripa wati ku‐Festusi: Bendinganga nam ndingamva umntu lowo ngokwam. Wati yena: Ngomso uya kumva.
23Kwandula kwati ngomnye umhla, nxa afikileyo u‐Agiripa no‐Berenike ngenkazimlo enkulu, nanxa bangenileyo endlwini yokupulapulela, kunye nenkosiwaka namadoda amakulu asesixekweni, kwaziswa u‐Paulusi ngokuxela kuka‐Festusi. 24Waza wati u‐Festusi: Kumkani Agiripa, nani nonke madoda akoyo nati! niyabona lomntu, ote wonke umhlambi wama‐Juda wanditandaza ngaye, nase‐Yerusaleme nalapa, edanduluka ukuti ange engabi esadla ubomi. 25Kodwa ndakuqiqa mna ukuba akenzanga nto efanele ukufa, naye yena ngokwake kanjalo emangele ku‐Kesare nje, ndagweba ukuba ndiya kumtuma: 26endingenandawo eqinileyo ukuyiba̔la ngaye enkosini yam. Ngako ndimvelisele pambi kwenu, nangokukodwa pambi kwako, Kumkani Agiripa! ukuze nditi, nxa kwenziwe ukubuza oku, ndibe nento ukuyiba̔la. 27Ngokuba kum kunga kuyinto engafanelekileyo, ukuba kutunywe umbanjwa, kungaziswa namatyala amiswayo ngakuye.