1Walekela u‐Ahitofele wati ku‐Abasalome: Makendinyule ke amadoda angamawaka alishumi linamabini, ukuze ndisuke, ndiputume u‐Davide ngobubusuku: 2ndandiya kuza pezu kwake ediniwe, epolelwe izandla, ndimnkwantyise; baye bonke abantu abanaye beya kusaba: ndiya kwandula ndimbete ukumkani yedwa; 3nabo bonke abantu ndobabuyisela kuwe: londoda uyifunayo injengokubuya kwabo bonke: kwa njalo abantu bonke boba seluxolweni. 4Lalibe elozwi lifanele emehlweni ka‐Abasalome nasemehlweni abo bonke abadala bo‐Sirayeli. 5Kodwa u‐Abasalome wati: Kaubize no‐Hushai um‐Areki, ukuba sive woti nina naye.
6Wati akufika u‐Hushai ku‐Abasalome, watsho u‐Abasalome kuye, esiti: u‐Ahitofele utetile ngendawo enje nje; siya kulenza izwi lake na? ukuba asiyi kulenza, teta wena. 7Waza wati u‐Hushai ku‐Abasalome: Alilungile icebo acebisile ngalo u‐Ahitofele ngelixesha. 8Wahambisa u‐Hushai wati: Wena uyamazi uyihlo namadoda ake, ukuba bangamagoṙa, nabampefumlo uṙaṙa, njengebere ehlutiweyo amatole ayo ngasendle; kanjako uyihlo uyindoda yokulwa, akayi kulalisa nabantu. 9Bona ke, ngoku uzimele kwomnye weminxuma, umhlaumbi kwenye yezondawo: kwaye kuya kuti, nxa kuviwa pakati kwabo ekuqaleni, osukuba esiva woti: Kuko isibulalo pakati kwabantu abamlandelayo u‐Abasalome; 10andule kwa lowo oyindoda yobuṙoti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, agqibele ukunyibilika; ngokuba bonke o‐Sirayeli besazi ukuba uyihlo uligoṙa, nokuba bangamadoda obuṙoti abo banaye. 11Ngako ndiyanika icebo lokuba bonke o‐Sirayeli babutelwe kuwe kamsinyane, bevela e‐Dane nakude kube se‐Beresheba, njengentlabati engaselwandle ngobuninzi, nokuba uye isiqu sako ekulweni. 12Siya kwandul’ ukuza kuye kwenye yezondawo apo aya kufunyanwa kona, siwe pezu kwake njengokuba umbete usiwa pezu kwomhlaba: kwaye kungayi kusala mntu kuye nakuwo onke amadoda anaye noko amnye. 13Kanjako ukuba wamkelwe esixekweni, sebeya kuti o‐Sirayeli bonke bafake esosixeko intambo, ukuze sisir̔olele emlanjeni, kude kungafunyanwa kona nalinye ilityana.
14Waza wati u‐Abasalome, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli: Icebo lika‐Hushai um‐Areki lilungile pezu kwecebo lika‐Ahitofele. Ngokuba uyehova ebemisele icebo elilungileyo lika‐Ahitofele ukuba litshitshiswe, ukuze uyehova azise pezu kwo‐Abasalome ilishwa.
15Wandula u‐Hushai wati ku‐Tsadoki naku‐Abiyatare abaperisite: Njengokunje nanjengokunje wanika icebo u‐Ahitofele ku‐Abasalome, nakubadala bo‐Sirayeli; kanjalo njengokunje nanjengokunje ndanika icebo mna: 16ngako kaloku tumani ngokunxama, nishumayele ku‐Davide, ukuti: Ungalalisi ngobubusuku ematafeni entlango; nokuti: Kauleza ukuwela; hleze ukumkani acitwe, nabantu bonke abanaye.
17Kekaloku u‐Jonatane no‐Himahatse bebehlala ngasemtonjeni we‐Rogele; saza isicakazana saya sabaxelela; (ngokuba bebekohlwa ukubonakala ngokungena esixekweni;) bati bona baya bamxelela ukumkani u‐Davide. 18Kodwa umfana wababona, wamxelela u‐Abasalome: basuka baya bobabini ngokunxama, beza endlwini yendoda e‐Bahurime, ebinequla ebaleni layo; baye behlela kona. 19Wandula umfazi watabata isigubungelo, wasandlala pezu kwomlomo wequla, wayaneka inqolowa enqushiweyo pezu kwaso; kwaza akwaziwa lonto. 20Zada zafika izicaka zika‐Abasalome kumfazi lowo endlwini, zati: Bapina u‐Himahatse no‐Jonatane? Wayesiti umfazi kuzo: Bawelile umlanjana wamanzi. Zati zakuba zifunile, zingafumananga nje, zabuyela e‐Yerusaleme. 21Kwaye kute emveni kwokumka kwazo, bandula benyuka equleni, baya bamxelela ukumkani u‐Davide, bati ku‐Davide: Sukani, niwele amanzi ngokunxama: ngokuba kunje nje u‐Ahitofele anikile icebo ngakuni. 22Waza wesuka u‐Davide, nabantu bonke ababenaye, bawela i‐Yoredane; kwati kwakukanya ukusa, akwasweleka kwa namnye ongawelanga i‐Yoredane.
23Kekaloku akubona u‐Ahitofele ukuba icebo lake belingenzwanga, wabopa iqwaṙashe, wesuka, waya endlwini yake, esixekweni sake, wayolela indlu yake, wazixo̔ma; waza wafa, wancw̔atywa encw̔abeni loyise.
24WANDULA u‐Davide weza e‐Mahanayime. Kanjalo u‐Abasalome wawela i‐Yoredane, yena nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli kunye naye. 25Waye u‐Abasalome ebebekile u‐Hamasa pezu kwomkosi esikundleni sika‐Jowabi: u‐Hamasa lowo ebengunyana wendoda egama belingu‐Yitera, um‐Sirayeli, eyangena ku‐Abigali intombi ka‐Nahashe, udade ka‐Tseruya unina ka‐Jowabi. 26Kwa njalo o‐Sirayeli no‐Abasalome bati waca ezweni le‐Gileyadi.
27Kwaye kute, akuba u‐Davide efikile e‐Mahanayime, wandula u‐Shobi unyana ka‐Nahashe wase‐Raba yosapo luka‐Hamoni, no‐Makire unyana ka‐Hamiyeli wase‐Lo‐debare, no‐Barezilai um‐Gileyadi wase‐Rogelime, 28bazisa imandlalo, nezitya, nemipanda yombumbi, nenqolowa, neṙalasi, nomgubo, namaqashu, namabontye, nelentile, nenkozo ezojiweyo, 29nobusi, namasi, negusha, nezonka zamasi enkomo, banikela u‐Davide nabantu ababenaye, ukuze badle; ngokuba bebesiti: Abantu balambile, badiniwe, banxaniwe, entlango apo.