1LENCWADI yesibini, batandwa! ndiyayiba̔la kuni kaloku; enditi kuzo zombini ndiluvuse uluvo lwenu olungcwengekileyo ngokunikumbuza: 2ukuba nikumbule wona amazwi abetetiwe pambili ngabo abaprofite abangcwele, nawo umyalelo wetu tina bapostile bayo inkosi nomsindisi; 3oku kuqala nikuqonda nje, ukuba kuya kuvela emihleni yokugqibela abahleki, behamba ngokwezabo inkanuko, 4besiti nokuti: Sipina isitembiso sokufika kwayo? ngokuba kuseloko obawo balala kukufa, zonke izinto ziman’ ukuhlala njengokuba zibe zihleli njalo kwa sekuqalekeni kwokudalwa.
5Ngokuba oku bekufihlelwa ngabomi, okokuba amazulu ebeko kudala, nomhlaba ubumi ngokupuma emanzini nangokuba pakati kwamanzi, ngelizwi likatixo; 6ekungawo wona ilizwe laloko, ligalelelwe ngamanzi nje, latshabalala: 7kodwa awakaloku amazulu nomhlaba abekelwe kwa ngalo lona ilizwi, egcinelwa umlilo kude kube ngumhla wokugweba nowokutshabalala kwabantu abangabedeshiyo.
8Kodwa le into inye maningayifihlelwa, batandwa! yokokuba umhla mnye pambi kwenkosi unjengayo iminyaka eliwaka, nokuba iminyaka eliwaka injengawo umhla mnye. 9Yona inkosi ayilibaleli okwesitembiso sayo, njengokuba besiba inxenye kukulibala; kuloko inokuzeka kade ngakuti, ingafuni ukuba namnye atshabalale, ifuna ukuba bonke bangene elugqobokweni ke. 10Kodwa umhla wenkosi uya kufika njengokuba isela lifika ebusuku; okukuwo amazulu odlula ngesandi esikulu, neziqaleko zisitsha nje zoci̔teka, nawo umhlaba nemisebenzi ekuwo wotshiswa.
11Kekaloku ezizinto zonke zinokuci̔teka nje, nifanele ukuba ngabanjanina kuko konke ukumila okungcwele nobubedesho, 12nilinda ninxamisa nokunxamisa ukufika kwawo umhla katixo, okungenxa yawo amazulu evuta nje oci̔teka, neziqaleko zisitsha nje zonyibilika? 13Kodwa tina, ngokwesitembiso sake, siyalinda amazulu amatsha nomhlaba omtsha, okuhlala kona ubulungisa.
14Ngako oko, batandwa! ezizinto nizilinda nje, zamani ukuba nifunyanwe nguye eluxolweni, ningenabala, ningohlwayeki; 15nokuzeka kade kwenkosi yetu kubaleni ukuba kulusindiso: njengokuba nomzalwana wetu otandiweyo u‐Paulusi, ngokwobulumko obunikiwe kuye, waniba̔lelayo; 16njengokuba eba̔lile nakuzo zonke incwadi zake, eteta kuzo ngezizinto; okukoyo pakati kwazo ezitile ezinzima ukuba ziqondwe, abati bona abangafundileyo nabajingayo bazijikajikise, njengokuba bezenze njalo nezinye iziba̔lo, kuze kube kokwabo ukutshabalala.
17Nina ngoko, batandwa! nizazi nje ezizinto ngapambili, lumkani, hleze niti, niku̔kulisiwe ngolahlekiso lwabakohlakeleyo nje, niwe kokwenu ukuqina. 18Kodwa kulani elufefeni nasekwaziweni kwayo inkosi yetu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu: okuye makubeko ubungcwalisa nakaloku nakude kube ngunapakade. Amene.