1KEKALOKU u‐Yehorame unyana ka‐Ahabi waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, ngomnyaka weshumi linesibozo ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi linamibini. 2Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova: kodwa kwakungenjengoyise nanjengonina; ngokuba wasusa isifanekiso sika‐Bali, owabesenzile uyise. 3Wayenamatela noko ezonweni zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owabenzayo o‐Sirayeli bone; akapambuka kuzo.
4Kekaloku u‐Mesha ukumkani wama‐Mowabi ebengumfuyi wegusha, wanikela kukumkani wo‐Sirayeli ikulu lamawaka emvana, nekulu lamawaka enkunzi zegusha uboya bazo. 5Kodwa bekute, nxa u‐Ahabi abefile, wandula ukumkani wama‐Mowabi wavukela ngakuye ukumkani wo‐Sirayeli.
6Waza wapuma ukumkani u‐Yehorame ngeloxesha e‐Samariya, wabala o‐Sirayeli bonke. 7Waya watuma ku‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ukuti: Ukumkani wama‐Mowabi uvukele ngakum; uya kuhamba na nam ukuya ngakuwo ama‐Mowabi ekulweni? Wayesiti: Ndiya kunyuka: njengokuba unjalo wena, ndinjalo mna; njengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; njengokuba enjalo amahashe ako, anjalo amahashe am. 8Waza wati: Siya kunyuka ngayipina indlela? Wayesiti: Ngendlela yentlango yase‐Edome. 9Kwa njalo wahamba ukumkani wo‐Sirayeli, nokumkani wo‐Juda, nokumkani we‐Edome: baye bezekelela ngendlela yemihla isixe̔nxe: kwaza akwabiko amanzi kuwo umkosi, nakuzo izilo ezibe zibalandela.
10Wandula wati ukumkani wo‐Sirayeli: Au, lento ababizileyo uyehova okumkani aba bobatatu, ukuze abanikele esandleni sama‐Mowabi! 11Kodwa u‐Yehoshafate wati: Akuko na apa umprofite kayehova, sibuze kuyehova ngaye? Sapendula esinye ezicakeni zokumkani wo‐Sirayeli, sati: Kuko apa u‐Elisha unyana ka‐Shafate, owagalela amanzi pezu kwezandla zika‐Elija. 12Wayesiti u‐Yehoshafate: Liko naye ilizwi likayehova. Bandula behla baya kuye, ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate, nokumkani we Edome. 13Kodwa u‐Elisha wati kuye ukumkani wo‐Sirayeli: Uyinto nina kum? hamba uye kubaprofite boyihlo, nakubaprofite bonyoko. Koko ukumkani wo‐Sirayeli wati kuye: Ungatsho ke; ngokuba uyehova ebabizile okumkani aba bobatatu, ukuba abanikele esandleni sama‐Mowabi. 14Wayesiti u‐Elisha: Ehleli nje uyehova wemikosi, endimi pambi kwake, ngenyaniso, ukuba ndibe ndingabeki ubuso buka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ngendingakangeli ngakuwe, ngendingakuboni kanjalo! 15Kodwa kaloku ndiziseleni umculisi. Kwaye kute, akuculisa umculisi, sandula isandla sikayehova seza pezu kwake; 16wayesiti: Utsho uyehova ukuti: Yenza lentili ibe ngamacibi ngamacibi; 17ngokuba esitsho uyehova ukuti: Aniyi kubona umoya, aniyi kubona nemvula; noko ke intili leyo iya kuzaliswa ngamanzi, naniya kusela nina, nenkomo zenu, nezilo zenu. 18Yinto elula kodwa le emehlweni kayehova; uya kunikela ama‐Mowabi esandleni senu kanjako. 19Naniya kubeta zonke izixeko ezinqatyisiweyo, nazo zonke izixeko ezidlulisileyo; nayo yonke imiti elungileyo niya kuyiwisa, nayo yonke imitombo yamanzi niya kuyivingca, nawo onke amasimi alungileyo niya kuwonakalisa ngamatye.
20Kwaza kwati kusasa, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, bona ke, kwavela amanzi ngendlela yase‐Edome, lada ilizwe lazaliswa ngamanzi. 21Kekaloku kwakuviwa ngawo onke ama‐Mowabi, ukuba okumkani abo benyukile ukuza kulwa ngakuwo, kwabizelwa ndawonye bonke ababinqa ngombinqo nabapezulu, bema ngasemdeni. 22Ati akuvuka kusasa, selipumile ilanga pezu kwamanzi, andula ama‐Mowabi abona malungana nawo amanzi ebomvu njengegazi; 23ayesiti: Ligazi eli; batshabalele okumkani abo ngokwenene, babulalene; ngako kaloku emaxobeni, ma‐Mowabi! 24Kodwa akufika emnqubeni wo‐Sirayeli, besuka o‐Sirayeli bawabeta ama‐Mowabi, ada esaba pambi kwabo: kanjalo bangena kulo ilizwe lawo, babeta ama‐Mowabi. 25Nezixeko bazicita, napezu kwawo onke amasimi alungileyo baposa abanye ngabanye ilitye labo, bawazalisa; nayo yonke imitombo yamanzi bayivingca, nayo yonke imiti elungileyo bayiwisa; kwada kwasaliswa amatye ayo e‐Kire‐haresete yodwa: kodwa abasauli bayingqonga, bayibeta.
26Waza ukumkani wama‐Mowabi, akubona ukuba ukulwa kunamandla pezu kwake, watabata naye amadoda angamakulu asixe̔nxe ar̔olayo iṙele, ukuba atyobozele kuye ukumkani we‐Edome; kodwa ebekohliwe. 27Wandula wamtabata unyana wake wamazibulo, lowo ubeya kuba ngukumkani esikundleni sake, wamnikela abe lidini lokutshiswa pezu kwodonga. Kwaza kwabako umsindo omkulu ngakubo o‐Sirayeli: ngako bemka kuye, babuyela elizweni labo.