1EBEYIMINYAKA ilishumi linesibini u‐Manase ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mahlanu anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hefetsiba. 2Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, ababegqogqiwe nguyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli. 3Ngokuba wabuya wazaka indawo ezipakamileyo, ezo u‐Hezekiya uyise wake ubezitshabalalisile; wamisela u‐Bali izibingelo, wenza umfanekiso ka‐Ashera, njengokuba ebenje njalo u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, wazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, wawukonza. 4Waka izibingelo nasendlwini kayehova, owabesiti uyehova ngayo: e‐Yerusaleme ndiya kubeka igama lam. 5Wakela nawo wonke umkosi wezulu izibingelo, emabaleni omabini endlu kayehova. 6Wayedlulisa unyana wake emlilweni, wenza ngobugqi, walaula, wenzelana nemishologu namatola: wandisa ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa. 7Kanjako wabeka umfanekiso oqingqiweyo ka‐Ashera abewenzile endlwini, owabesiti uyehova ngayo ku‐Davide naku‐Solomone unyana wake: Kulendlu, nakuyo i‐Yerusaleme, endiyinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ndiya kubeka igama lam kude kube ngunapakade: 8ndandingayi kupinda ukushukumisa inyawo zo‐Sirayeli emhlabeni, endiwunikileyo koyise babo; kupela ukuba baya kulumkela ukwenza ngako konke endibayaleleyo, nangawo wonke umteto sibe sibayalela wona isicaka sam u‐Mosesi. 9Abapulapula noko: ngokuba u‐Manase wabadungudelisa, bada bakwenza okukohlakeleyo ngapezu kwabaheyideni, abo wabatshabalalisayo uyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli.
10Waza wateta uyehova ngezicaka zake abaprofite, esiti: 11Ngenxa yokuba u‐Manase ukumkani wo‐Juda ezenzile ezizinto zibuntshontsho, esenza ngokukohlakeleyo nje ngapezu kwako konke ababekwenza aba‐Amori, abebepambili kuye, nokuba ebenzile no‐Juda bone ngezitixwana zake; 12ngako oko, utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwe‐Yerusaleme no‐Juda, aya kuti osukuba eliva, indlebe zake zombini ziyakukenceza. 13Ngokuba ndiya kwolula pezu kwe‐Yerusaleme intambo ye‐Samariya, nesilinganiso sendlu ka‐Ahabi; ndandiya kusula i‐Yerusaleme njengokuba umntu esula isikotile; osisulayo, andul’ ukusipetula pezu kwobuso baso. 14Kanjalo ndiya kulahla abaseleyo belifa lam, ndibanikele esandleni sentshaba zabo; boba yinto yokupangwa neyokutinjwa kuzo zonke intshaba zabo; 15ngenxa yokuba bekwenzile okukohlakeleyo emehlweni am, nokuba bendiqumbisile, kwa semhleni ababepuma oyise babo e‐Jipete, kwada kwanamhla nje.
16Nakanjako igazi elingenatyala walipalaza u‐Manase ngento eninzi kakulu, wada wazalisa i‐Yerusaleme kwa kwenye incam kude kwakwenye; ngapandle kwesono sake owabenza o‐Juda bone ngaso, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
17Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Manase, nako konke abekwenza, nesono sake wona ngaso, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 18Wada u‐Manase walala noyise bake, wancw̔atywa emyezweni wendlu yake, emyezweni ka‐Huza; waza u‐Amoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
19EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesibini u‐Amoni ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamibini e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Meshulemete, intombi ka‐Harutse, owase‐Yoteba. 20Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengokuba ebenje njalo u‐Manase uyise. 21Ngokuba ebehamba kuyo yonke indlela owahamba ngayo uyise; wakonza izitixwana abezikonzile uyise, watoba pambi kwazo: 22wamshiya uyehova, utixo woyise bake; akahamba endleleni kayehova. 23Zaza izicaka zika‐Amoni zaceba ngakuye, zamfisa ukumkani kweyake indlu. 24Kodwa abantu belizwe babulala bonke abebecebile ngakuye ukumkani u‐Amoni: bandula abantu belizwe bamenza u‐Josiya unyana wake ukumkani esikundleni sake.
25Nesisalela semicimbi ka‐Amoni, oko wakwenzayo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 26Waza wancw̔atywa encw̔abeni lake emyezweni ka‐Huza; wati u‐Josiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.