1Kwaye kute, akuva u‐Hezekiya, wandula waṙazula izivato zake, wazigubungela ngentlakantlaka, wangena endlwini kayehova. 2Waza watuma u‐Eliyakime, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, nabadala bakubaperisite, begujungelwe ngentlakantlaka, ukuya ku‐Yisaya umprofite, unyana ka‐Amotse. 3Baye besiti kuye: Utsho u‐Hezekiya ukuti: Namhla ngumhla wobunzima, nesohlwayo, nogxeko; ngokuba abantwana beze endaweni yokutyoboza, kanti akuko amandla ukuzala. 4Kungaba uyehova, utixo wako, uya kuva onke amazwi ka‐Rabeshake, otunyiweyo ngukumkani we‐Asiriya, inkosi yake, ukuza kutuka utixo opilileyo, amohlwayele amazwi awavileyo uyehova, utixo wako; ngako pakamisa umtandazo ngenxa yesisalela esikoyo.
5Kwa njalo izicaka zokumkani u‐Hezekiya zeza ku‐Yisaya. 6Waza u‐Yisaya wati kuzo: Niya kutsho enkosini yenu nisiti: Utsho uyehova ukuti: Ungoyiki ngenxa yamazwi uwavileyo, lawo abafana bokumkani we‐Asiriya bandigxekile ngawo. 7Bona ke, ndiya kubeka umoya kuye, waeya kuva iṙeto, abuyele elizweni lake; ndandiya kumenza awe ngesiṙele elizweni lake.
8Wada wabuya u‐Rabeshake, wamfumana ukumkani we‐Asiriya esilwa ngakuyo i‐Libena: ngokuba ebevile ukuba undulukile e‐Lakishe. 9Wati akuva ngaye u‐Tiraka ukumkani we‐Tiyopiya, kusitwa: Bona ke, upumile ukuza kulwa nawe; wandula wabuya watuma izigidimi ku‐Hezekiya, esiti: 10Niya kutsho ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nisiti: Maungakohliswa ngutixo wako, lowo utemba kuye, esiti: i‐Yerusaleme ayiyi kunikelwa esandleni sokumkani we‐Asiriya. 11Bona ke, ukuvile oko bakwenzileyo okumkani be‐Asiriya kuwo onke amazwe, ngokuwalahlela ekutshatyalalisweni; kekaloku wena uya kusindiswa ke na? 12Otixo bentlanga, ezo bazitshabalalisile obawo, kebazisindisa na; i‐Gozane, ne‐Karane, ne‐Retsefe, nosapo lwase‐Hedeni, oluse‐Telasare? 13Upina ke ukumkani we‐Hamati, nokumkani we‐Arapadi, nokumkani wesixeko se‐Sefarevayime, ne‐Hena, ne‐Hiva?
14Waye u‐Hezekiya eyamkela incwadi leyo esandleni sezigidimi, wayilesesha, wenyuka waya endlwini kayehova; waza u‐Hezekiya wayaneka ebusweni bukayehova. 15Watandaza u‐Hezekiya ebusweni bukayehova, wati: Yehova, Tixo wo‐Sirayeli, ohleli pakati kwazo ikerubime! unguwe wedwa o ngutixo wabo bonke ubukumkani bomhlaba; wenzile wena izulu nomhlaba. 16Tobela, Yehova! indlebe yako, uve; vula, Yehova! amehlo ako, ubone; uze uweve amazwi ka‐Senakeribe, omtumileyo ukuza kutuka utixo opilileyo. 17Ngenyaniso, Yehova! okumkani be‐Asiriya bacitakalisile intlanga namazwe azo: 18notixo bazo babalahlele emlilweni: ngokuba bengengabo otixo bona, koko bengumsebenzi wezandla zabantu, imiti namatye; ngako babatshabalalisile. 19Ngako kaloku, Yehova, Tixo wetu! zusisindise esandleni sake, ukuze bonke ubukumkani bomhlaba bazi ukuba wena u nguyehova, utixo, wena wedwa.
20Waza u‐Yisaya unyana ka‐Amotse watuma ku‐Hezekiya, esiti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Oko ukutandazile kum ngaye u‐Senakeribe, ukumkani we‐Asiriya, ndikuvile. 21Lilo eli ilizwi alitetileyo uyehova pezu kwake:
Intombi ipela, intombi ye‐Ziyone, iyakudela, iyakuhleka: intombi ye‐Yerusaleme iyahlunguzela intloko ngakuwe. 22Ngubanina omtukileyo, nomgxekileyo? kungakubanina ulipakamisile ilizwi, namehlo ako uwanyusile ngapezulu? ngakuye oyingcwele ka‐Sirayeli. 23Ngazo izigidimi zako uyitukile inkosi, wati: Ngobuninzi benqwelo zam ndiqolile indawo ezipezulu zentaba, amatambeka e‐Lebanone; sendiya kugaula isedare zayo ezinde, nemiberoshe yayo edlulisileyo; ndofikela eyokupela indawo yayo yokulalisa, ihlati layo elicumileyo. 24Ndimbele ndasela amanzi asemzini ke; nangomzantsi wenyawo zam ndiyomisile yonke imilambo yase‐Jipete.
25Akuvanga na, ukuba kudala ndikwenzile oku, ukuba emihleni yamatanci ndakuqinga? kaloku ndikuzisile kubako, ukuba kucitakaliswe izixeko ezinqatyisiweyo zibe zimfumba ezitshabaleleyo. 26Ngako abemi bazo bebenamandla amancinane; babete qege, badana nokudana; babenjengenca yasendle, nanjengotyani obuluhlaza, njengesikota pezu kwezindlu, nanjengemkungekadutyulwa. 27Kodwa ukuhlala kwako, nokupuma kwako, nokungena kwako, ndiyakwazi, kwa nokujala kwako ngakum. 28Ngenxa yokuba ukujala kwako ngakum, nokur̔atsha kwako, kunyukele ezindlebeni zam, ndiya kufaka igwegwe lam empumlweni yako, nomkala wam emlonyeni wako, ndize ndikubuyise ngalondlela ubusiza ngayo.
29Kanjalo oku kwoba ngumqondiso kuwe: Kuya kutyiwa lomnyaka okuhlumayo ngokwako; nangomnyaka wesibini okupumayo ngokunjalo; nangomnyaka wesitatu hlwayelani, nivune nokuvuna, tyalani nemiyezo, nesiqa̔mo sayo nisidle. 30Boti abasindileyo bendlu ka‐Juda, abo baseleyo, babuye bendelise ingcambo ngapantsi, bahlanze isiqa̔mo ngapezulu. 31Ngokuba kuya kupuma e‐Yerusaleme isisalela, nasentabeni ye‐Ziyone abo basindileyo: ubukwele bukayehova wemikosi bokwenza oku.
32Ngako oko, utsho uyehova ngaye ukumkani we‐Asiriya ukuti: Akayi kungena kwesisixeko, akayi kulutolela kona utolo kanjako; akayi kuza pambi kwaso nekaka, akayi kuyiposela indulana ngakuso kananjalo. 33Londlela ubesiza ngayo, uya kubuya kwa ngayo, nakuso esisixeko akayi kungena, utsho uyehova. 34Ngokuba ndiya kukusela isixeko esi, ndisisindise, ngenxa yokwam, nangenxa ka‐Davide isicaka sam.
35Kwaza kwati ngobobusuku, yapuma ingelosi kayehova, yabulala emnqubeni wama‐Asiriya ikulu linamashumi asibozo enesihlanu lamawaka: kwati kwakuvukwa kusasa ngomnye umhla, nanga onke eyimizimba efileyo. 36Wandula u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya wanduluka, wahamba, wabuya, waya wahlala e‐Nineve. 37Kwada kwati, nxa abezitoba endlwini ka‐Niseroki utixo wake, basuka u‐Adrameleki no‐Sharetsere onyana bake bambulala ngesiṙele: bati bona basindela ezweni le‐Ararate: waza u‐Esare‐hadoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.