Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 4
1NGENXA yoku, sinaso isikonzo esi nje, njengokuba silwamkele ufefe, asinakudinwa; 2koko sizalile izinto ezifihlakeleyo zehlazo, singahambi ebuqokolweni, singapati ilizwi likatixo ngobukohliso kanjalo; koko ngokubonakaliswa kwayo inyaniso sizazisa kwisazeliso sabantu bonke ebusweni bukatixo. 3Kodwa ukuba igujungelwe nevangeli yetu, igujungelwe kubo ababubayo; 4ekukubo utixo welilizwe likoyo umfamekisile ingqondo zabangakolwayo, ukuze kungakazimli pezu kwabo ukukanyisa kwevangeli yobungcwalisa buka‐Kristu, ongumfanekiso katixo. 5Ngokuba singazishumayeli tina, koko sishumayela u‐Kristu Yesu ukuba u yinkosi; nati tina ukuba sizizicaka zenu ngenxa ka‐Yesu. 6Ngokokuba ngutixo, owaxela ukuba ukukanya kukanye kupuma ebumnyameni, owakanyayo ezintliziyweni zetu kuze kube kukukanyisa kwokwaziwa kwobungcwalisa bukatixo ebusweni buka‐Yesu Kristu.
7Kodwa sinayo indyebo le ezimpahleni zodongwe, ukuze ubungangamsha bamandla bube bo bukatixo, bungabi bobakuti ke: 8sibandezelwa ngamacala onke nje, singaxingekile noko; sixakekile nje, singancami noko; 9sitshutshiswa nje, singashiywa noko; sikahlelwe pantsi nje, singabujiswa noko; 10simana sikutwala ngamaxesha onke emzimbeni ukufa kwenkosi u‐Yesu, ukuze ubomi buka‐Yesu nabo bubonakaliswe emzimbeni wetu. 11Ngokuba tina sihleliyo kufuti sinikelwa ekufeni ngenxa ka‐Yesu, ukuze ubomi buka‐Yesu nabo bubonakaliswe enyameni yetu enokufa.
12Kwa njalo ke ukufa kuyasebenza kuti, kodwa ubomi kuni. 13Kodwa sinawo lowo wona umoya wokolo, njengoko kuba̔liweyo ukuti: Ndakolwa, kungoko ndatetayo; nati siyakolwa, siti ngoko kanjalo sitete; 14sisazi nje ukuba lowo wavusayo inkosi u‐Yesu uya kuti tina nati asivuse ngaye u‐Yesu, asimise kunye nani. 15Ngokuba izinto zonke zingenxa yenu, ukuze ufefe lwandisiwe nje luti ngabo abaninzi lwenze umbulelo ukolise ukwandela ubungcwalisa bukatixo.
16Ngako oku asinakudinwa; koko nakuba umntu wetu wapandle ebuba, owapakati noko uyahlaziywa ngemihla ngemihla. 17Ngokuba ubandezelo lwetu olulula olukoyo kodwa, lusenzela tina ngento egqitisileyo kakulu ngakumbi ubungcwalisa obunzima obungunapakade; 18nxa singagqali izinto ezibonwayo, koko sigqala izinto ezingabonwayo; ngokuba izinto ezibonwayo zezomzuzu kodwa, kanti izinto ezingabonwayo zingunapakade.
Bible Society of South Africa 1902