Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 3
1Siyaqala kanjako ukuzazisa na? siyaswela kusinina, njengabanye abatile, incwadi zokwazisa zisiza kuni, umhlaumbi incwadi zokwazisa zivela kuni? 2Incwadi yetu nini, iba̔lelwe ezintliziyweni zetu, isaziwa ileseshwa nokuleseshwa ngabo bonke abantu; 3nibonakaliswa nje ukuba niyincwadi ka‐Kristu yenziwe ngokukonza kwetu, iba̔liwe kungengeyinke, ku ngomoya katixo ohleliyo, kungesemacwecweni amatye, kusemacwecweni enyama entliziyo.
4Isitembelo esinjalo ke sinaso ngaye u‐Kristu ngakutixo: 5kungekukuba silinganele ukutelekelela into ngokwetu, njengokungati kuvela kwa kuti; koko ukulinganela kwetu kuvela kutixo; 6owati kanjalo wasenza silinganele ukuba ngabakonzi bocebano olutsha; bengengabegama, bengabomoya; ngokuba igama libulala, kodwa umoya uyanika ubomi.
7Kodwa ukuba isikonzo sokufa, siba̔lelwe emagameni, siqingqelwe ematyeni, besisebungcwaliseni, lude lukohlwe usapo luka‐Sirayeli kukuti nama ukukangela ngasebusweni buka‐Mosesi, ngenxa yobungcwalisa bobuso bake, obebuya kutshatyalaliswa; 8kungati nina ukuba isikonzo somoya asiyi kuti ngakumbi sibe sebungcwaliseni? 9Ngokuba isikonzo sokugweba ukuba sibungcwalisa, siti isikonzo sobulungisa kakulu ngakumbi sigqitise ngokuba sebungcwaliseni. 10Ngokuba kwa oko okwenzelwe ubungcwalisa kungenzelwanga ubungcwalisa kuyo lendawo, ngenxa yobungcwalisa obudluliseleyo. 11Ngokuba oko kutshatyalaliswayo ukuba bekunobungcwalisa, kukakulu ngakumbi oko kuhlalayo kusebungcwaliseni.
12Ngako sinalo itemba elinjalo nje, siyateta kwa sekuhleni kakulu: 13kungenjengokuba u‐Mosesi ebebeka isigubungelo pezu kwobuso bake, ukuze ke usapo luka‐Sirayeli lungati nama ukukangela ngasesipelweni sobekuya kutshatyalaliswa. 14Koko ingqondo zalo zaba lukuni: ngokuba kwada kwanamhla nje eso sona isigubungelo sisiti ekuleseshweni kwocebano oludala sihlale singahlutywanga, into etshatyalaliswayo ku‐Kristu. 15Koko kwada kwanamhla, xeshekweni kuleseshwayo u‐Mosesi, kulele isigubungelo pezu kwentliziyo yalo. 16Kodwa xeshekweni isukuba iguqukela kwinkosi, siyasuswa kanye isigubungelo eso. 17Kekaloku yona inkosi inguye umoya; nalapo akona yena umoya wenkosi, ikwa kona inkululeko. 18Kodwa tina sonke, sibukangela nje ngobuso obungagujungelweyo njengasencwadini ubungcwalisa benkosi, siyaguqulelwa kulowo wona umfanekiso kwa kubo obunye ubungcwalisa kude kube kobunye ubungcwalisa, njengokuba buvela kuyo inkosi umoya.
Bible Society of South Africa 1902