1Kwati kwakugqitywa konke oku, kwapuma bonke o‐Sirayeli abebeko baya ezixekweni zakwa‐Juda, baziqekeza intsika zamatye, bazigaula i‐Ashera, bacita indawo ezipakamileyo nezibingelo kuyo yonke i‐Juda ne‐Benjamine, nakuyo i‐Frayime ne‐Manase, kwada kwagqityelwa. Lwandula lwonke usapo luka‐Sirayeli lwabuya olunye ngolunye ukuya emfuyweni yalo, ezixekweni zakowalo.
2WAZA u‐Hezekiya wamisa izahlulo zabaperisite nezaba‐Levi, ngezahlulo zabo, abanye ngabanye njengenkonzo yabo, abaperisite naba‐Levi, ngenxa yamadini okutshiswa nangenxa yeminikelo yoxolo, ukuba bakonze, babulele, badumise nokudumisa emasangweni ayo iminquba kayehova: 3kwa nesabelo sokumkani kwimfuyo yake ngenxa yamadini okutshiswa, awokusa nawokuhlwa amadini okutshiswa, nawenyanga ezitwasileyo, nawemitendeleko emisiweyo, njengokuba̔liweyo emtetweni kayehova.
4Waza waxelela abantu, abemi base‐Yerusaleme, ukuba mabanike isabelwa sabaperisite naba‐Levi, ukuze babambelele emtetweni kayehova. 5Kekaloku lakugqabuka ilizwi elo, lwakolisa usapo luka‐Sirayeli ukuzisa ulibo lwenqolowa, neveyine, neoli, nobusi, nolwako konke ukuvelisa kwentsimi: lwaluzisa nesishumi sezinto zonke ngobuninzi. 6Kanjalo usapo luka‐Sirayeli noluka‐Juda, olube luhlala ezixekweni zakwa‐Juda, lwazisa nalo isishumi senkabi negusha, nesishumi sezinto ezingcwele ezibe zingcwalisiwe kuyehova, utixo walo, lwazibeka ngemfumba ngemfumba. 7Ngenyanga yesitatu lwaqala ukuseka imfumba ezo, lwagqiba ke ngenyanga yesixe̔nxe. 8Bati bakuza u‐Hezekiya nenkosi babona imfumba ezo, babonga uyehova, nabantu bake o‐Sirayeli. 9Wandula u‐Hezekiya wabuza abaperisite naba‐Levi ngazo imfumba ezo. 10Waza u‐Hazariya umperisite omkulu, owendlu ka‐Tsadoki, wateta kuye, wati: Kuseloko kwaqalwayo ukungenisa iminikelo endlwini kayehova, sidlile sahluta, ewe sisalisile ngento eninzi; ngokuba uyehova ebatamsanqele abantu bake, kwada kwasala ingxokolo le.
11Wandula waxela u‐Hezekiya ukuba kulungiswe inkambili endlwini kayehova: bazilungisa ke, 12bangenisa iminikelo, nezishumi, nezinto ezingcwele, ngenyaniso; waye u‐Kononiya um‐Levi ebengumpati pezu kwazo, no‐Shimehi umninawe wake ebengowasemva. 13Kanjalo u‐Yehili, no‐Hazaziya, no‐Nahate, no‐Hasaheli, no‐Jerimote, no‐Yozabadi, no‐Eliyeli, no‐Simakiya, no‐Mahate, no‐Benaya, bebengamagosa ngapantsi kwesandla sika‐Kononiya no‐Shimehi umninawe wake, ngommiselo ka‐Hezekiya ukumkani, no‐Hazariya umpati wendlu katixo. 14No‐Kore unyana ka‐Yimna um‐Levi, umlindimnyango ngasempumalanga, yena ebepezu kweminikelo yesisa katixo, ukuba abe iminikelo kayehova, nezinto ezingcwele kakulu. 15Nangapantsi kwake, u‐Hedeni, no‐Minyamine, no‐Yoshuwa, no‐Shemaya, no‐Amariya, no‐Shekaniya, bebesezixekweni zabaperisite, ebusebenzini babo, ukuba babele abazalwana babo ezahlulweni, kwa nabakulu nabancinane: 16ngapandle kwababudoda babo ababa̔lelweyo ngokuzalwa, abaminyaka yobudala mitatu napezulu, bonke abangenayo endlwini kayehova, ngenxa yokubanga kwemihla ngemihla, ngenxa yenkonzo yabo, ngezigcinelo zabo, ngezahlulo zabo: 17kwa nabaperisite ababa̔lelweyo ngendlu zoyise zabo, naba‐Levi abaminyaka yobudala imashumi mabini napezulu, ngezigcinelo zabo, ngezahlulo zabo; 18nababa̔lelweyo ngokuzalwa pakati kwazo zonke intsapo zabo, abafazi babo, nonyana babo, nentombi zabo, kuyo yonke intlanganiso: ngokuba ebusebenzini babo bazingcwalisa ebungcweleni. 19Kanjalo onyana baka‐Arone abaperisite, ezindleni zenqele zezixeko zabo, kuzo zonke izixeko ngazinye, bebenamadoda abalulweyo ngamagama, ukuba anike izabelwa kubo bonke ababudoda pakati kwabaperisite, nakubo bonke ababa̔lelweyo ngokuzalwa pakati kwaba‐Levi.
20Wenza ngokunjalo u‐Hezekiya kuyo yonke i‐Juda; wayesenza okulungileyo, nokufaneleyo, nokuyinyaniso, ebusweni bukayehova, utixo wake. 21Nakuwo wonke umsebenzi owawuqalayo enkonzweni yendlu katixo, nakuwo umteto, nakuwo umyalelo, ukuba afune utixo wake, wenza ngayo yonke intliziyo yake, watamsanqeleka.