1EBEYIMINYAKA imashumi mabini u‐Ahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme; waye engenzi okufaneleyo emehlweni kayehova, njengaye u‐Davide uyise. 2Ngokuba ebehamba ezindleleni zokumkani bo‐Sirayeli: nakanjako wenzela o‐Bali imifanekiso etyityishiweyo. 3Ewe, waqumisa esihlanjeni sonyana ka‐Hinome, watshisa onyana bake emlilweni, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, abo wabagqogqayo uyehova pambi kwosapo luka‐Sirayeli. 4Wabinga waqumisa ezindaweni ezipakamileyo, napezu kwenduli, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
5Ngako uyehova, utixo wake, wamnikela esandleni sokumkani we‐Siriya; baza babeta abake, batimba kuye into enkulu yamatinjwa, bawazisa e‐Damakusi. Kanjako wanikelwa nasesandleni sokumkani wo‐Sirayeli, owambeta ngesibulalo esikulu. 6Ngokuba u‐Pekahi, unyana ka‐Remaliya, wabulala kwa‐Juda amawaka alikulu linamashumi mabini emini nye, onke engamadoda akalipileyo; ngenxa yokuba ebemshiyile uyehova, utixo woyise bawo. 7Kanjalo u‐Zikeri, igoṙa lakwa‐Frayime, wambulala u‐Mahaseya unyana wokumkani, no‐Zarikame umpati wendlu, no‐Lekana owasemva kwokumkani. 8Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwatimba kubazalwana balo amawaka angamakulu mabini, abafazi, onyana, nentombi, lwapanga kubo nento eninzi yamaxoba, lwawazisa amaxoba lawo e‐Samariya.
9Kwaye kuko kona umprofite kayehova, ogama lingu‐Hodedi, owapuma ukuya kuhlangabeza umkosi obusiza e‐Samariya, wati kubo: Bona ke, ngomsindo kayehova, utixo woyihlo benu, ngakubo o‐Juda, ubanikele esandleni senu, nanibulele bona ngobuṙalaṙume obufikelela kwa sezulwini. 10Nakaloku niyacinga ukululamisa usapo luka‐Juda ne‐Yerusaleme lube ngamakoboka namakobokakazi kuni: kodwa nina, akuko na kwa nani izilandu ngakuye uyehova, utixo wenu? 11Ndipulapuleni ngoko, nibuyise amatinjwa, lawo niwatimbileyo kubazalwana benu; ngokuba ubushushu bengqumbo kayehova bupezu kwenu. 12Baza abatile kwabazintloko zosapo luka‐Frayime, u‐Hazariya unyana ka‐Johanane, u‐Berekiya unyana ka‐Meshilemote, no‐Yehizekiya unyana ka‐Shalume, no‐Hamasa unyana ka‐Hadelai, besuka ngakubo abebevele emfazweni, 13bati kubo: Aniyi kungenisa lamatinjwa apa: ngokuba, ukuze ityala ngakuye uyehova libe pezu kwetu, nicinga nina ukwongeza ezonweni zetu nasetyaleni letu: ngokuba likulu ityala esinalo: kanjako ubushushu bengqumbo bupezu kwo‐Sirayeli. 14Aza amadoda axo̔bileyo ashiya amatinjwa namaxoba pambi kwenkosi nayo yonke intlanganiso. 15Andula esuka lomadoda abalulweyo ngamagama, abamba amatinjwa, nabo bonke abebeze pakati kwawo abavatisa emaxobeni lawo; ewe abavatisa, abafaka izihlangu, abanika ukutya, abaseza, abatambisa, abakapa pezu kwamaqwaṙashe bonke ababutataka, abazisa e‐Jeriko, esixekweni semiti yepalime, kufupi nabazalwana babo: aza abuya wona ukuya e‐Samariya.
16Ngexesha elo watuma ukumkani u‐Ahazi kubo okumkani be‐Asiriya, ukuze bamncede. 17Ngokuba ebezile kanjako ama‐Edome, abeta kwa‐Juda, atimba namatinjwa. 18Nama‐Filistiya wona ebegalelekile ezixekweni zasezihlanjeni, nasesuyide yakwa‐Juda, atimba i‐Bete‐shemeshe, ne‐Ajalone, ne‐Gederote, ne‐Soko namagxamesi ayo, ne‐Timna namagxamesi ayo, ne‐Gimzo namagxamesi ayo: aza ahlala kona. 19Ngokuba uyehova ebetobisile o‐Juda, ngenxa yake u‐Ahazi ukumkani wo‐Sirayeli; ngokuba ebebenzile o‐Juda abangevayo, wenza ngobumenemene kakulu ngakuye uyehova. 20Wati u‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya weza kuye; kodwa wamxinezela, akamomeleza. 21Ngokuba u‐Ahazi wapanga indlu kayehova, nendlu yokumkani nenkosi, wanika kukumkani we‐Asiriya: akamnceda noko.
22Kanjalo ngexesha lokuxinezelwa kwake, wandisa ukwenza ngobumenemene ngakuye uyehova: nguye lo ukumkani u‐Ahazi. 23Wasuka wabingela otixo base‐Damakusi, ababembetile, wati: Ngokuba otixo bokumkani be‐Siriya benceda bona, ndiya kubabingela, ukuze bancede mna. Kodwa baba sisiwiso kuye, nako‐Sirayeli bonke. 24Waza u‐Ahazi wabuta impahla zendlu katixo, wazihlahla impahla zendlu katixo, wazitshixa ingcango zendlu kayehova, wazenzela izibingelo kuwo onke amagumbi e‐Yerusaleme. 25Nakuzo zonke izixeko zakwa‐Juda ngazinye, wazenza indawo ezipakamileyo zokuqumisela otixo bambi, wamqumbisa uyehova, utixo woyise bake.
26Kekaloku isisalela semicimbi yake, nazo zonke indlela zake, ezokuqala nezokupela, bona ke, ziba̔liwe encwadini yokumkani bo‐Juda no‐Sirayeli. 27Wada u‐Ahazi walala noyise bake; baza bamncw̔aba esixekweni, e‐Yerusaleme: kodwa abamzisa emancw̔abeni okumkani bo‐Sirayeli. Wandula u‐Hezekiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.