1KWAYE kute, akuba u‐Saule ebuyile ekulandeleni ama‐Filistiya, kwaxelwa kuye ngokuti: Nanku u‐Davide entlango yase‐Hene‐gedi. 2Wandula u‐Saule watabata amadoda anyuliweyo angamawaka matatu kubo bonke o‐Sirayeli, waya ukumfuna u‐Davide namadoda ake pezu kwelwalwa zamagogo. 3Wada wafika ezibayeni zegusha ngasendleleni, apo ubukona umqolomba; waza wangena u‐Saule ukugubungela inyawo zake. Kekaloku u‐Davide namadoda ake bahlala emacaleni omqolomba. 4Aza amadoda ka‐Davide ati kuye: Nangu umhla uyehova wati ngawo kuwe: Bona ke, ndiya kunikela utshaba lwako esandleni sako, uze wenze kulo njengokulungileyo emehlweni ako. Wesuka u‐Davide, watsheca kakuhle isondo lengubo ka‐Saule. 5Kwaye kute emveni kwoko, ukuba intliziyo ka‐Davide yambeta, ngenxa yokuba ebetshecile isondo lengubo ka‐Saule. 6Wayesiti kumadoda ake: Ubunzima mabube kum buvela kuyehova, ukuba ndiyenza lento kwinkosi yam, kumtanjiswa kayehova, yokuba ndisolule isandla sam ngakuye! ngokuba engumtanjiswa kayehova yena. 7Kwa njalo u‐Davide wakalimela amadoda ake ngamazwi lawo, engawavumelanga ukuba asukele ngakuye u‐Saule. Wada u‐Saule wesuka emqolombeni, wahamba endleleni.
8Wesuka no‐Davide emveni kwoko, wapuma emqolombeni, wamemeza emva kwo‐Saule, esiti: Nkosi yam, kumkani! Wati akukangela u‐Saule emva kwake, watoba u‐Davide ngobuso ngasemhlabeni, waziqubuda. 9Wayesiti u‐Davide ku‐Saule: Yinina ukuba upulapule amazwi abantu, besiti: Nanku u‐Davide efuna ilishwa lako? 10Bona ke, kwa namhla nje amehlo ako abonile okokuba uyehova wakunikela namhla esandleni sam emqolombeni; kwaye kutiwa mandikubulale; kodwa iliso lam belinosizi pezu kwako; ndandisiti: Andiyi kusolula isandla sam ngakuyo inkosi yam; ngokuba ingumtanjiswa kayehova. 11Kanjalo, bawo! kangela, ewe, kangela isondo lengubo yako esandleni sam; ngokuba ngokutsheca kwam isondo lengubo yako, ndingakubulalanga nje, yazi ubone ukuba akuko esandleni sam inkohlakalo nesilandu, nokuba andonanga ngakuwe; noko wena uyazingela umpefumlo wam, ukuba uwususe. 12Uyehova uya kugweba pakati kwam nawe, ewe uyehova uya kundipindezelela kuwe; kodwa isandla sam asiyi kuba ngakuwe; 13njengokuba usiti umzekeliso wabakudala: Inkohlakalo iyapuma kubakohlakeleyo; kodwa isandla sam asiyi kuba ngakuwe. 14Upumile emva kwobanina ukumkani wo‐Sirayeli? uyaputuma wena emva kwobanina? emva kwenja efileyo! emva kwentakumba inye! 15Ngako uyehova makabe ngumgwebi, agwebe pakati kwam nawe, abone, apikise upikiso lwam, andikulule esandleni sako.
16Kwaye kute, nxa u‐Davide abegqibile ukuteta lamazwi ku‐Saule, wandula u‐Saule wati: Lilizwi lako na eli, nyana wam Davide? Waza u‐Saule wapakamisa ilizwi lake, walila. 17Wayesiti ku‐Davide: Wena undigqitisile ngobulungisa; ngokuba wena undivuzile ngokulungileyo, kanti mna ndikuvuzile ngokukohlakeleyo. 18Kanjako wena uxelile namhla okokuba undenzele okulungileyo; ekubeni uyehova ebendiyekelele esandleni sako, kodwa akundibulalanga. 19Ngokuba nxa indoda ilufumeneyo utshaba lwayo, iya kulundulula ngendlela elungileyo na? Ngako uyehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko ukwenzileyo kum namhla nje. 20Nakaloku, bona ke, ndiyazi ngenyaniso ukuba woba ngukumkani, nokuba ubukumkani bakwa‐Sirayeli buya kuma esandleni sako. 21Ngako kaloku ndifungele uyehova ukuba akuyi kunqamla inzalo yam emva kwam, nokuba akuyi kutshabalalisa igama lam kuyo indlu kabawo. 22Wandula u‐Davide wafungela u‐Saule. Wasuka u‐Saule wagoduka; kodwa u‐Davide namadoda ake benyukela enqatyeni.