ISAHLUKO I.
1UPETROSI, umpostile ka‐Yesu Kristu, kubo abaṙanukeli abaci̔takalele e‐Pontusi, e‐Galati, e‐Kapadosiya, e‐Asiya, nase‐Bitiniya, 2abanyuliweyo ngokwokwazi okupambili kukatixo uyise, ekungcwaliseni kwomoya, kube kukuva nokufefezwa kwegazi lika‐Yesu Kristu: Lwanga ufefe noxolo lunganandiselwa.
3Makabongwe yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ote ngokwobuninzi bobubele bake wasizala ngokutsha kube litemba elipilileyo ngako ukuvuka kuka‐Yesu Kristu ekufeni, 4kube lilifa elingonakaliyo, elinganco̔lisekileyo, elingagugiyo, linilindiselwe ezulwini, 5nina nigcinelwayo emandleni katixo ngalo ukolo kude kubeko usindiswa olulungele ukutyilwa exesheni lokugqibela: 6onigcoba ngako kakulu, nangona kaloku ngomzuzwana, ukuba kufanelekile, niselusizini ngamalingwa amaninzi, 7ukuze ukulingwa kwokolo lwenu, kunqabile kakulu nje ngapezu kwokwegolide etshabalalayo, eti noko ilingwe ngomlilo, kufunyanwe kube ludumiso, nembeko, nobungewalisa, ekutyilweni kuka‐Yesu Kristu: 8eniti ningambonanga nje, nimtande; okuye, nangona kaloku ningamboniyo, nikolwa nje noko, niyagcoba ngovuyo olungatetekiyo oluzele bubungcwalisa; 9nisamkela isipelo sokolo lwenu, usindiswa lwemipefumlo yenu. 10Abate ngalo olosindiswa babuza bapanda kunene abaprofite abebeprofitesha ngalo ufefe lumiselwe nina; 11bapengulula ukuba lixesha elinina umhlaumbi elinjanina abexela ngalo umoya ka‐Kristu obekubo, enqi̔na ngapambili intlungu zimiselwe u‐Kristu, nobungcwalisa obuya kulandela: 12okwatyilwa kubo, ukuba bebengaziteteli bona, kodwa bebetetela tina ezizinto, ezityelweyo kuni kaloku ngabo banishumayezile ivangeli ngomoya oyingcwele esusiwe ezulwini; izinto ingelosi zikanukayo ukukangela kuzo.
13Ngako oko binqani amanqe oluvo lwenu, niqabuke, nilutembele ngokuzalisekileyo olofefe luniziselwayo ekutyilweni kuka‐Yesu Kristu; 14niti njengabantwana bokuva, ningabi nilinganisana nenkanuko zangapambili ekungazini kwenu; 15koko, njengokuba engcwele lowo wanibizayo, nibe ngcwele kwa nani kuko konke ukumila kwenu; 16ngenxa yokuba kuba̔liwe ukuti: Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.
17Nokokuba nibiza konguyihlo, oti engabuki isiqu samntu agwebe ngokwomsebenzi wabanye ngabanye, hlalani ixesha lokupambukela kwenu ninokuhlonela; 18nisazi nje ukuba bekungengazo izinto ezonakalayo, isilivere umhlaumbi igolide, enakululwayo kuko ukumila kwenu okungendawo kuvela koyihlo benu, 19bekungalo igazi elinqabileyo lika‐Kristu, njengelemvana emsulwa engenabala; 20obete okunene waziwa ngapambili lingekamiswa ilizwe, kodwa wabonakaliswa ngalamaxesha okugqibela ngenxa yenu, 21eniti ngaye nikolwe kutixo, owamvusayo ekufeni, wamnika ubungcwalisa, ukuze ukolo lwenu netemba lenu libe kuye utixo.
22Kekaloku imipefumlo yenu niyicokisile nje ekuyiveni inyaniso ngaye umoya kuze kube kukutanda abazalwana okungazenzisiyo, nyamekani kunene ukutandana ngentliziyo ecocekileyo; 23nizelwe ngokutsha nje, kungengambewu eyonakalayo, kungengonakaliyo, ngalo ilizwi likatixo elipilileyo elihlala lihleli kude kube ngunapakade. 24Ngokuba uluntu lwonke lunjengenca, nabo bonke ubungcwalisa bomntu bunjengembali yenca: yona inca iyabuna, nembali yayo iyavutuluka; 25kodwa ilizwi lenkosi lihlala lihleli kude kube ngunapakade. Lilo eli ke ilizwi elishunyayelweyo ngevangeli kuni.