1KWAYE kuhleliwe iminyaka mitatu, kungeko imfazwe pakati kwama‐Siriya no‐Sirayeli. 2Kwaza kwati ngomnyaka wesitatu, wehla u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda ukuya kukumkani wo‐Sirayeli. 3Wada wati ukumkani wo‐Sirayeli ezicakeni zake: Anazi na ukuba i‐Ramote yase‐Gileyadi yeyetu? kanti tina siti tu, singayibambi esandleni sokumkani we‐Siriya. 4Wati nakuye u‐Yehoshafate: Uya kuhamba na nam ukulwa e‐Ramote yase‐Gileyadi? Waye u‐Yehoshafate esiti kukumkani wo‐Sirayeli: Njengokuba unjalo wena, ndinjalo mna; njengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; njengokuba enjalo amahashe ako, anjalo amahashe am.
5Walekela u‐Yehoshafate wati kukumkani wo‐Sirayeli: Kaubuze ke namhla elizwini likayehova. 6Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wahlanganisa abaprofite, ngati ngamadoda amakulu mane, wati kubo: Ndiya kuya ngase‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Bati: Nyuka; ngokuba inkosi iya kuyinikela esandleni sokumkani.
7Wati kodwa u‐Yehoshafate: Akuseko na apa umprofite kayehova, ukuba sibuze ngaye? 8Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Kuseko indoda inye, ekungabuzwayo kuyehova ngayo, kodwa ndiyayitiya, ngokuba ingaprofiteshi ngam okulungileyo, koko iprofitesha okubi; ngu‐Mikaya unyana ka‐Yimla. Wayesiti u‐Yehoshafate: Makangatsho njalo ukumkani!
9Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wambiza umbusi, wati: Nxama umzise u‐Mikaya unyana ka‐Yimla. 10Kekaloku ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, bahlala omnye nomnye pezu kweterone yake, bevatisiwe ngezivato zobukumkani, enkundleni ngasemnyango wesango le‐Samariya; bati abaprofite bonke baprofitesha ebusweni babo. 11Kanjalo u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana ebezenzele impondo zesincete; waza wati: Utsho uyehova ukuti: Ngazo ezi uya kunquba ama‐Siriya ude uwagqibele. 12Benje njalo nabaprofite bonke ukuprofitesha, besiti: Nyuka uye e‐Ramote yase‐Gileyadi, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani.
13Kekaloku isigidimi esibe siye ukumbiza u‐Mikaya sateta kuye, sisiti: Bona ke, amazwi abaprofite ngomlomo mnye ateta okulungileyo kukumkani; makeliti ke ilizwi lako libe njengelizwi lomnye kubo, uz’ utete okulungileyo. 14Wati kodwa u‐Mikaya: Ehleli nje uyehova, oko akutshoyo uyehova kum, ndiya kuteta kwa kona. 15Wasuka weza kukumkani.
Waza wati ukumkani kuye: Mikaya! siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, siya kuyeka, kusinina? Wayesiti kuye: Nyuka, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani. 16Waza wati ukumkani kuye: Kwoda kube ngamaxesha mangapina ndiya kukufungisa, ukuba ungateti nto kum, kupela ibe yinyaniso, egameni likayehova? 17Wayesiti: Ndabona o‐Sirayeli bonke bete sa pezu kwentaba, njengegusha ezingenaye umalusi; wati ke uyehova: Akuko inkosi kubo aba; mababuye abanye ngabanye baye ezindlwini zabo ngoxolo.
18Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Andite kuwe na, akayi kuprofitesha ngam okulungileyo, koko eya kuprofitesha okubi?
19Wayesiti: Ngako oko yiva ilizwi likayehova: Ndabona uyehova ehleli pezu kweterone yake, nawo wonke umkosi wasezulwini umi ngakuye, ngasekunene kwake nangasekohlo kwake. 20Waza wati uyehova: Ngubanina oya kuhenda u‐Ahabi, ukuba enyuke, enzakale e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wati omnye ngokuti, wati nomnye ngokuti. 21Wada wapuma umoya, wema pambi kwoyehova, wati: Ndiya kumhenda mna. 22Wati uyehova kuye: Nganina? Wayesiti: Ndiya kupuma, ndize ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abaprofite bake. Wati: Uya kuhenda, wauya kweyisa kanjalo: puma, wenje njalo ke. 23Ngako kaloku, bona ke, uyehova ubekile umoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke ababaprofite bako; kanjalo uyehova utetile ngawe okubi.
24Wandula wasondela u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana, wambeta u‐Mikaya esidleleni, wati: Wadlula ngayipina indlela umoya kayehova evela kum ukuya kuteta nawe? 25Wayesiti u‐Mikaya: Bona ke, uya kubona ngalomini uya kungena ngayo enkambilini yapakati, ukuba uzimele.
26Waza wati ukumkani wo‐Sirayeli: Tabata u‐Mikaya, umbuyisele ku‐Amoni inkosi yesixeko, naku‐Yohashe unyana wokumkani, 27uti: Utsho ukumkani ukuti: Fakani lo entolongweni, nimdlise isonka sembandezelo namanzi embandezelo, ndide ndize ngoxolo. 28Waza wati u‐Mikaya: Ukuba uka ubuye ngoxolo, uyehova akatetanga ngam. Walekela wati: Pulapulani, bantu, nina nonke!
29Wandula wenyuka ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi. 30Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Ndiya kuzenza ngakumbi, ndingene pakati kwokulwa; kodwa wena, yambata izivato zako zobukumkani. Kwa njalo ukumkani wo‐Sirayeli wazenza ngakumbi, wangena pakati kwokulwa. 31Kekaloku ukumkani we‐Siriya ebeyalele inkosi zenqwelwana abenazo, zingamashumi matatu anambini, ngokuti: Aniyi kulwa kwa nabancinane nabakulu, kupela niya kulwa nokumkani wo‐Sirayeli yedwa. 32Kwaye kute, xeshekweni inkosi zenqwelwana zambonayo u‐Yehoshafate, zasezisiti: Okunene ngukumkani wo‐Sirayeli lowo. Zaza zapambuka ukuya kulwa ngakuye; kodwa u‐Yehoshafate wakala. 33Kwaza kwati, zakubona inkosi zenqwelwana ukuba asi nguye ukumkani wo‐Sirayeli, zabuya ekumlandeleni. 34Yandula indoda etile yatyeda isipeta ekungazini kwayo, yambeta ukumkani wo‐Sirayeli pakati kwamakonxo nehempe yentsimbi. Ngako wati kumbexeshi wake: Songa isandla sako, upume nam emkosini; ngokuba ndenziwe inxeba. 35Kwaye kusanda ukulwa ngalomini; waza ukumkani waxaswa enqwelwaneni malungana nama‐Siriya: kodwa wafa ngokuhlwa, lati igazi lenxeba lapalalela esifubeni senqwelwana. 36Kwandula kwahamba indanduluko pakati kwomkosi lakutshona ilanga, isiti: Mabaye abanye ngabanye esixekweni sabo, nabanye ngabanye elizweni labo! 37Kwa njalo wafa ukumkani, waziswa e‐Samariya; baye bemncw̔aba ukumkani e‐Samariya. 38Kwati kwakuyalazwa inqwelwana ngasecibini lase‐Samariya, izinja zakota igazi lake, nxa ingnawokazi zahlambayo, njengelizwi likayehova abelitetile.
39Nesisalela semicimbi ka‐Ahabi, nako konke wakwenzayo, nendlu yopondo lwendlovu owayakayo, nazo zonke izixeko abezakile, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani wo‐Sirayeli? 40Wada walala u‐Ahabi noyise bake; waza u‐Ahaziya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
41KEKALOKU u‐Yehoshafate unyana ka‐Asa waba ngukumkani pezu kwo‐Juda, ngomnyaka wesine ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, 42u‐Yehoshafate ebeyiminyaka imashumi matatu anesihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani; wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hazuba, intombi ka‐Shilihi. 43Waye ehamba ngayo yonke indlela ka‐Asa uyise, akapambuka kuyo, esenza okufaneleyo emehlweni kayehova: kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo. 44Kanjalo u‐Yehoshafate walwenza uxolo nokumkani wo‐Sirayeli.
45Nesisalela semicimbi ka‐Yehoshafate, namandla ake abesenza ngawo, nokuba wati nina ukulwa, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 46Nengnawo eziseleyo, ezibe zisele emihleni ka‐Asa uyise, wazisusa elizweni.
47Oko bekungeko ukumkani e‐Edome; umongama ebengukumkani.
48U‐Yehoshafate wazenza inqanawa zase‐Tareshishe ukuba ziye e‐Ofire ngenxa yegolide: kodwa zibe zingayi, ngokuba inqanawa zapukayo e‐Hetsiyone‐gebere. 49Wandula wati u‐Ahaziya unyana ka‐Ahabi ku‐Yehoshafate: Maziye izicaka zam kunye nezicaka zako ezinqanaweni; koko u‐Yehoshafate ebengavumi.
50Wada u‐Yehoshafate walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Yehorame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
51U‐AHAZIYA unyana ka‐Ahabi waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, ngomnyaka weshumi linesixe̔nxe ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani iminyaka yamibini pezu kwo‐Sirayeli. 52Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba endleleni yoyise, nasendleleni yonina, nasendleleni ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owabenza o‐Sirayeli bone: 53ngokuba wabekonza u‐Bali, watoba pambi kwake, wamqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, njengako konke abekwenzile uyise wake.