1KEKALOKU u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya wahlanganisa yonke impi yake: kwaye kuko naye okumkani bangamashumi matatu anababini, namahashe, nenqwelwana; wenyuka ke, wavingcela i‐Samariya, walwa ngakuyo. 2Waza watuma izigidimi ku‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, esixekweni, 3wati kuye: Utsho u‐Bene‐hadadi ukuti: Isilivere yako negolide yako yeyam: kanjalo abafazi bako nabantwana bako, abo bahle, bona bangabam. 4Wapendula ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Njengelizwi lako, nkosi yam, kumkani! ndingowako, kwa nako konke endinako.
5Zaye zisiza kanjako izigidimi, zati: Utsho u‐Bene‐hadadi, esiti: Nakuba nditumile kuwe, ukuti: Uya kundinika isilivere yako, negolide yako, nabafazi bako, nabantwana bako; 6ndoti noko malunga nelixesha langomso nditume izicaka zam kuwe, ukuba zipande indlu yako, nezindlu zezicaka zako: kwakuya kuti, konke okunqwenelekileyo emehlweni ako zokubeka ezandleni zazo, zikususe. 7Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wabiza bonke abadala belizwe, wati: Gqalani ke, nibone ukuba lo uyafuna ububi; ngokuba ebetuma kum, etumela abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam, ndaye ndingamalanga. 8Baza bonke abadala nabo bonke abantu bati kuye: Ungapulapuli, ungavumi nokuvuma. 9Ngako wati kuzo izigidimi zika‐Bene‐hadadi: Yitini kuyo inkosi yam ukumkani: Konke ubukutumela kwisicaka sako ekuqaleni ndiya kukwenza: kodwa lento andingeyenze. Zaselezimka izigidimi, zabuya zeza kuye nempendulo.
10Wayetuma u‐Bene‐hadadi kuye, wati: Mabenje njalo kum otixo, balekele ukwenje njalo, ukuba utuli lwase‐Samariya luya kwanela bonke abantu abasezinyaweni zam babe nezandla zizele lulo! 11Wapendula ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Tetani, nisiti: Makangaziqa̔yisi obinqayo njengotukululayo. 12Kwaye kute, akuva ilizwi eli, nxa abesela, yena nokumkani abo, ezintenteni, wandul’ ukuti kwizicaka zake: Lungani! Zaza zalunga ngakuso isixeko.
13Kekaloku bona ke, umprofite otile wasondela ku‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Utsho uyehova ukuti: Ubonile na sonke esisihlwele sikulu? bona ke, ndiya kusinikela esandleni sako namhla; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 14Wati u‐Ahabi: Ngobanina? Wayesiti: Utsho uyehova ukuti: Ngabafana benkosi zamazwana. Waza wati: Ngubanina oya kuqala ukulwa? Wayesiti: Nguwe.
15Wandula wabala abafana benkosi zamazwana, ababengamakulu mabini anamashumi matatu anababini: nasemva kwabo wabala bonke abantu, lwonke usapo luka‐Sirayeli, amawaka asixe̔nxe. 16Baye bepuma emini enkulu. Koko u‐Bene‐hadadi ebezinxilisa ngokusela ezintenteni, yena nokumkani abo, okumkani abamashumi matatu anababini abamncedayo. 17Baye bepuma abafana benkosi zamazwana ukuqala; waza u‐Bene‐hadadi watuma abantu, abashumayela kuye ngokuti: Amadoda apumile e‐Samariya. 18Wayesiti: Nokuba apumele uxolo, wabambeni ehleli; nokuba apumele ukulwa, wabambeni ehleli. 19Kwa njalo aba bapuma esixekweni, abafana benkosi zamazwana, nempi ebibalandela. 20Basuka babulala abanye ngabanye indoda yabo; aza ama‐Siriya esaba, bati o‐Sirayeli bawaputuma: kodwa wasinda u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya pezu kwehashe, kunye nabanye abakweli bamahashe. 21Waza wapuma ukumkani wo‐Sirayeli, wabeta amahashe nenqwelwana, wabulala ama‐Siriya ngesibulalo esikulu.
22Wandula umprofite lowo wasondela kukumkani wo‐Sirayeli, wati kuye: Hamba, uzomeleze; nze ugqale, ubone oko uya kukwenza: ngokuba ekutwaseni kwomnyaka ukumkani we‐Siriya eya kunyuka ngakuwe.
23Zaza izicaka zokumkani we‐Siriya zati kuye: Ngotixo bentaba otixo babo; kungoko bebenamandla pezu kwetu; kodwa ukuba silwa nabo etafeni, ngenyaniso siya kuba namandla pezu kwabo. 24Ngako yenza lento: Basuse okumkani, abanye ngabanye endaweni yabo, uzibeke inkosi ezikundleni zabo: 25uti kanjalo uzibalele impi enjengempi ekulahlekileyo, namahashe njengamahashe ayo, nenqwelwana njengenqwelwana zayo, sasiya kulwa nabo etafeni; ngenyaniso siya kuba namandla pezu kwabo. Waza wapulapula elizwini lazo, wenje njalo ke.
26Kwaye kute ekutwaseni kwomnyaka, wandula u‐Bene‐hadadi wabala ama‐Siriya, wenyukela e‐Afeki, ukuya kulwa no‐Sirayeli. 27Lwabalwa usapo luka‐Sirayeli nalo, lwamkeliswa umpako, lwaya ngakuwo: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati waca pambi kwawo, njengemihlambi mibini emincinane yebokwe; kanti ama‐Siriya alizalisa ilizwe.
28Kwandula kwasondela indoda katixo, yateta kukumkani wo‐Sirayeli, yati: Utsho uyehova ukuti: Ngokokuba ama‐Siriya ete: Uyehova ungutixo wentaba, kodwa aka ngutixo wemihlambo; ngako ndiya kunikela sonke esisihlwele sikulu esandleni sako, naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
29Kekaloku bati waca aba malungana nabaya intsuku zasixe̔nxe. Kwaye kute ngosuku lwesixe̔nxe, kwahlanganiswa ukulwa; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabulala kuma‐Siriya ikulu lamawaka amadoda ahamba ngenyawo ngamini nye. 30Ati aseleyo esabela e‐Afeki, esixekweni; kwaza kwawa udonga pezu kwamawaka angamashumi mabini anesixe̔nxe amadoda aseleyo. Wesaba u‐Bene‐hadadi naye, wangena esixekweni, enkambilini yapakati. 31Zandula zati izicaka zake kuye: Bona ke, sivile ukuba okumkani bendlu ka‐Sirayeli bangokumkani bobubele: makesibeke intlakantlaka ezinqeni zetu, nentambo ezintlokweni zetu, sipumele kuye ukumkani wo‐Sirayeli; kungaba uya kulondoloza ubomi bako. 32Zaza zabinqa ngentlakantlaka ezinqeni zazo, zafaka nentambo ezintlokweni zazo, zeza kuye ukumkani wo‐Sirayeli, zati: Siti isicaka sako u‐Bene‐hadadi: Makendibudle ubomi ke. Wayesiti: Usahleli na? ngumzalwana wam yena. 33Kekaloku amadoda lawo agqala lomazwi, anxama ukuwaqinisa, ukuba avela kuye na, ati: Umzalwana wako u‐Bene‐hadadi. Waza wati: Yiyani, mziseni. Wandula u‐Bene‐hadadi wapumela kuye; waza wamkwelisa enqwelwaneni. 34Wayesiti u‐Bene‐hadadi kuye: Izixeko, ezo ubawo wam wazisusa kuyihlo wako, ndozibuyisa, wauya kuzenzela izitarate e‐Damakusi, njengokuba ubawo wenje njalo e‐Samariya. Nam, watsho u‐Ahabi, ndiya kukundulula ngocebano olo. Waza walwenza ucebano naye, wamndulula.
35Kekaloku indoda etile kubo onyana babaprofite yati kummelwane wayo, ngelizwi likayehova: Zundibete. Kodwa indoda leyo yala ukuyibeta. 36Yaza yati kuyo: Ngenxa yokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, bona ke, nxa umkile kum, ingonyama yokubulala. Yati yakuba imkile kuyo, ingonyama yafumanana nayo, yayibulala. 37Yandula yayifumana enye indoda, yati: Zundibete. Yayibeta ke indoda leyo, yayenzela inxeba ekubeteni kwayo. 38Waza wemka umprofite lowo, wamlinda ukumkani endleleni, wazenza ngakumbi ngesiqoqa pezu kwamehlo ake. 39Kwaye kute, akudlula ukumkani, wandula wakala kukumkani wati: Isicaka sako sapumela pakati kwokulwa; kekaloku bona ke, indoda yapambuka, yayizisa kum enye indoda, yati: Gcina indoda le; ukuba ika ibe ingabiko, buya kwandula ubomi bako bube sesikundleni sobomi bayo, umhlaumbi uya kuku̔pa italente yesilivere. 40Kwaza kwati, nxa isicaka sako sibe sisebenza apa napaya, kekaloku ibingeko. Waye ukumkani wo‐Sirayeli esiti kuye: Kwoba njalo ukugwetywa kwako; wabile ngokwako. 41Wandul ukunxama ke, wasusa isiqoqa emehlweni ake; waza ukumkani wo‐Sirayeli wamnakana ukuba ungowabaprofite. 42Wayesiti kuye: Utsho uyehova ukuti: Ngokokuba uyindulule indoda endayilahlela ekutshatyalalisweni esandleni sako, ngako ubomi bako boba sesikundleni sobomi bayo, nabantu bako boba sesikundleni sabantu bayo. 43Wasuka ukumkani wo‐Sirayeli waya endlwini yake, ete shwa, equmbile nokuqumba, weza e‐Samariya.