1WAZA u‐Elija um‐Tishebi, owabemi base‐Gileyadi, wati kuye u‐Ahabi: Ehleli nje uyehova, utixo wo‐Sirayeli, endimi pambi kwake, akuyi kubako umbete nemvula leminyaka, kupela ngelizwi lam!
2Landula leza ilizwi likayehova kuye, lisiti: 3Mka apa, usinge ngasempumalanga, uye uzimele ngasemlanjaneni we‐Kerite, opambi kwayo i‐Yoredane. 4Kwakuya kuti, uya kusela kumlanjana lowo; kanjalo ndibayalele onomyai ukuba bakufunzele kona. 5Wandula wemka, wenza ngelizwi likayehova: ngokuba wemka waya wahlala ngasemlanjaneni we‐Kerite, opambi kwayo i‐Yoredane. 6Baza onomyai bazisa kuye isonka nenyama ngokusa, nesonka nenyama ngokuhlwa; wasela ke kumlanjana. 7Kwaye kute ekupeleni kwemihla etile, umlanjana watsha, ngokuba bekungabangako imvula elizweni.
8Landula leza ilizwi likayehova kuye, lisiti: 9Suka, hamba uye e‐Tsarefate, eyeyase‐Tsidone, uhlale kona; bona ke, ndimyalele kona umfazi ongumhlolokazi ukuba akufunzele. 10Wesuka ke, wahambela e‐Tsarefate. Wati akufika esangweni lesixeko, bona ke, wayekona umhlolokazi eteza inkuni; waza wabiza kuye, wati: Kaundizekele intwana yamanzi esityeni, ndisele. 11Esakuya ukuzeka, wabiza kuye, wati: Kaundizisele neqezu lesonka esandleni sako. 12Wayesiti: Ehleli nje uyehova, utixo wako, akuko kum nasonkana, kuko iqobana lomgubo efatyeni, nentwana yeoli egutyini, kupela! kekaloku bona ke, nditeza inkuni zimbini, ukuba ndiye ndiwulungisele mna nonyana wam, ukuze siwudle, sife nokufa. 13Waza u‐Elija wati kuye: Ungoyiki; yiya, yenza ngelizwi lako; kodwa ndenzele kuwo isonkana esincinane kuqala, usizise kum, wandule wenzele wena nonyana wako kamva. 14Ngokuba esitsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ifatye yomgubo ayiyi kupela, negubu leoli aliyi kusweleka, kude kube yimini aya kunisa imvula uyehova pezu kwobuso bomhlaba. 15Waza wahamba, wenza ngelizwi lika‐Elija: watya yena, naye u‐Elija, nabendlu yake, imihla mininzi. 16Ifatye yomgubo ayapela, negubu leoli alasweleka, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngo‐Elija.
17Kwaye kute emva kwezizinto, unyana walomfazi, womnikazi wendlu, wabesifa; kelaloku isifo sake saba nzima kangaka, kwada akwasala kuye umoya. 18Waza wati ku‐Elija: Ndiyinto nina kuwe, wena ndoda katixo? uze kum na, ukundikumbuza ubono bam, nokumfisa unyana wam? 19Wayesiti kuye: Nika kum unyana wako. Waza wamsusa esifubeni sake, wamnyusela enkambilini yapezulu, apo wahlala kona, wamlalisa pezu kwowake umandlalo. 20Waza wabizela kuyehova, wati: Yehova, Tixo wam! kanene lomhlolokazi, endipambukele kuye, umenzele ububi na, ngokumfisa unyana wake? 21Wandula wazolula pezu kwomntwana lowo amaxesha matatu, wabizela kuyehova, wati: Yehova, Tixo wam! mauti ke umpefumlo walomntwana ubuye ungene kuye. 22Waye uyehova epulapula ilizwi lika‐Elija: waza umpefumlo womntwana wabuya wangena kuye, wapila ke. 23Wandula u‐Elija wamtabata umntwana, wehla naye enkambilini yapezulu waya endlwini, wamnikela kunina; wayesiti u‐Elija: Kangela, unyana wako uhleli. 24Wayesiti umfazi ku‐Elija: Kaloku ke ndiyazi ukuba uyindoda katixo wena, nokuba ilizwi likayehova emlonyeni wako liyinyaniso.