1Ngoweshumi linesibozo umnyaka wokumkani u‐Jerobome unyana ka‐Nebati, waba ngukumkani u‐Abiyame pezu kwo‐Juda. 2Ibiyiminyaka mitatu wabepata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Mahaka, intombi ka‐Abishalome. 3Waza wahamba kuzo zonke izono zoyise, abezenzile yena pambili kuye; kanjalo intliziyo yake ibingakolisekile ngakuyehova, utixo wake, njengentliziyo ka‐Davide uyise. 4Noko ngenxa ka‐Davide, uyehova, utixo wake, wamnika isibane e‐Yerusaleme, ngokuvusa unyana wake emva kwake, nangokumisa i‐Yerusaleme: 5ngokokuba u‐Davide ebekwenzile okufaneleyo emehlweni kayehova, engapambukanga nje kuko konke abemyalele ngako, yonke imihla yokudla kwake ubomi, kupela ngomcimbi ka‐Huriya um‐Hete. 6Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Rehobome no‐Jerobome, yonke imihla yokudla kwake ubomi.
7Nesisalela semicimbi ka‐Abiyame, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? Kwako imfazwe kanjalo pakati kwo‐Abiyame no‐Jerobome. 8Wada walala u‐Abiyame noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide; waza u‐Asa unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
9Ngowamashumi mabini umnyaka ka‐Jerobome ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Asa pezu kwo‐Juda. 10Yabiyiminyaka engamashumi mane anamnye wabepata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Mahaka, intombi ka‐Abishalome. 11Waye u‐Asa esenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengo‐Davide uyise. 12Wazikwelelisa ingnawo elizweni, wasusa zonke izitixwana ababezenzile oyise bake. 13Kanjalo no‐Mahaka unina, kwa yena wamshenxisa ukuba angabi ngukumkanikazi, ngokokuba ebelenzile idalo ku‐Ashera; waza u‐Asa wagaula idalo lake, walitshisa ngasemlanjaneni we‐Kidrone. 14Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa: noko intliziyo ka‐Asa ibikolisekile ngakuyehova yonke imihla yake. 15Wayezingenisa izinto ezingcwele zoyise, nezake izinto ezingcwele, endlwini kayehova, isilivere, negolide, nempahla.
16Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Asa no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli yonke imihla yabo. 17Waza wenyuka u‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli ngakwa‐Juda, wayaka i‐Rama, ukuze angavumeli namnye ukupuma nokungena ku‐Asa ukumkani wo‐Juda.
18Wandula u‐Asa watabata yonke isilivere, negolide, ezibe zisele pakati kwendyebo zendlu kayehova nendyebo zendlu yokumkani, wazinikela esandleni sezicaka zake; waza ukumkani u‐Asa wazituma ku‐Bene‐hadadi, unyana ka‐Tabrimone, unyana ka‐Heziyone, ukumkani we‐Siriya, obehlala e‐Damakusi, esiti: 19Kuko ucebano pakati kwam nawe, napakati kwobawo wam noyihlo wako: bona ke, nditumile kuwe ibaso, isilivere negolide; hamba, wapule ucebano lwako no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke kum. 20Wapulapula ke u‐Bene‐hadadi kukumkani u‐Asa, watuma inkosi zezimpi abenazo ngakuzo izixeko zakwa‐Sirayeli, wabeta i‐Hiyone, ne‐Dane, ne‐Abele‐betemahaka, nayo yonke i‐Kinerete, kunye nelizwe lonke lakwa‐Nefatali. 21Kwaza kwati, nxa abevile oku u‐Bahasha, wayeka ukwaka i‐Rama, waya wahlala e‐Tiretsa. 22Wandula ukumkani u‐Asa wabiza o‐Juda bonke, (bekungeko okululekileyo,) ukuba basuse amatye e‐Rama, nemiti yayo, abe akile ngazo u‐Bahasha; waza ukumkani u‐Asa waka ngazo i‐Geba yakwa‐Benjamine, ne‐Mitsipa.
23Nesisalela sayo yonke imicimbi ka‐Asa, nawo onke amandla ake, nako konke abekwenza, nezixeko abezaka, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? Kodwa ngexesha lobudala bake wabenesifo ezinyaweni zake. 24Wada u‐Asa walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise: waza u‐Yehoshafate unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
25KEKALOKU u‐Nadabi unyana ka‐Jerobome waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ngowesibini umnyaka ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli iminyaka yamibini. 26Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba ngendlela yoyise, nangesono sake abebenzile o‐Sirayeli bone ngaso.
27Waza u‐Bahasha unyana ka‐Ahiya, owendlu ka‐Yisakare, waceba ngakuye; wasuka u‐Bahasha wambeta e‐Gibetone, eyeyama‐Filistiya, nxa u‐Nadabi no‐Sirayeli bonke bebevingcela i‐Gibetone. 28Kwa njalo u‐Bahasha wambulala, ngomnyaka wesitatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani esikundleni sake. 29Kwaza kwati, akuba ngukumkani, wabeta yonke indlu ka‐Jerobome; akasalisa nento epefumlayo ku‐Jerobome, wada wamtshabalalisa, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile ngesicaka sake u‐Ahiya um‐Shilo: 30ngenxa yezono zika‐Jerobome, owonayo yena, nowenzayo o‐Sirayeli bone nabo, ngengcapukiso yake owamcapukisa ngayo uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
31Nesisalela semicimbi ka‐Nadabi, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 32Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Asa no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli yonke imihla yabo.
33Ngomnyaka wesitatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Bahasha unyana ka‐Ahiya pezu kwo‐Sirayeli bonke e‐Tiretsa, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamine. 34Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba ngendlela ka‐Jerobome, nangesono sake abebenzile o‐Sirayeli bone ngaso.