1WASUKA u‐Rehobome waya e‐Shekeme: ngokuba bebeze e‐Shekeme o‐Sirayeli bonke, ukuze bamenze ukumkani.
2Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, (kekaloku yena ebeseko e‐Jipete, ngokuba ebesabile ebusweni buka‐Solomone ukumkani; waza u‐Jerobome wahlala e‐Jipete: 3bada batuma bambiza;) kwandul’ ukuza u‐Jerobome nayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, bateta ku‐Rehobome, besiti: 4Uyihlo wako wayenza lukuni iyokwe yetu; uz’ uti wena kaloku wenze lula ubukonzo boyihlo obulukuni, neyokwe enzima abeyibeka pezu kwetu, sasiya kukukonza. 5Wayesiti kubo: Mkani kanjako intsuku zibe ntatu, nandule nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6Waza ukumkani u‐Rehobome wacebisana namaxego, abemi ebusweni buka‐Solomone uyise, nxa abesahleli, wati: Niti nina ukundicebisa nina, kuze kupendulwe ababantu? 7Ateta kuye, esiti: Ukuba uya kuba sisicaka kwababantu namhla, ubakonze, ubapendule, utete kubo amazwi alungileyo, baya kwandula babe zizicaka zako imihla yonke.
8Kodwa washiya icebo lamaxego, elo abemcebisile ngalo, waya wacebisana namadodana abekulile kunye naye, abemi ebusweni bake. 9Wayesiti kuwo: Lelinina icebo nilinikayo nina, ukuba sipendule ababantu, abatetileyo kum, besiti: Yenza lula iyokwe ayibekileyo pezu kwetu uyihlo wako? 10Aza ateta kuye amadodana abekulile kunye naye, esiti: Uya kutsho kwababantu abatetileyo kuwe, besiti: Uyihlo wako wayenza nzima iyokwe yetu, kodwa wena yenze lula pezu kwetu: uya kutsho kubo ukuti: Ucikicane wam woba mkulu kuso isinqe sobawo isibili sake. 11Ukuba kaloku ubawo unitwesile ngeyokwe enzima, mna ke ndiya kwongeza kuyo iyokwe yenu: ubawo unohlwayile ngezwiniya, kodwa mna ndonohlwaya ngonomadudwane.
12Kwa njalo kweza u‐Jerobome nabo bonke abantu ku‐Rehobome ngosuku lwesitatu, njengokuba ebetetile ukumkani, esiti: Buyani nize kum ngosuku lwesitatu. 13Waza ukumkani wapendula abantu ngokulukuni, walishiya icebo lamaxego, elo amcebisa ngalo, 14wateta kubo njengecebo lamadodana, esiti: Ubawo wenza nzima iyokwe yenu, kodwa mna ndiya kwongeza kuyo iyokwe yenu; ubawo wanohlwaya ngezwiniya, kodwa mna ndiya kunohlwaya ngonomadudwane.
15Akapulapula ke ukumkani ebantwini; ngokuba belulujiko luvela kuyehova, ukuze aliqinise ilizwi lake, elo walitetayo uyehova ngaye u‐Ahiya um‐Shilo ku‐Jerobome unyana ka‐Nebati.
16Bati bakubona bonke o‐Sirayeli ukuba ukumkani akapulapuli kubo, bapendula abantu kukumkani, besiti: Sisipina isabiwo esinaso ku‐Davide? akuko kuti nelifa kunyana ka‐Jese: ezintenteni zenu, bo‐Sirayeli! kaloku kangela kweyako indlu, Davide! Basuka baya o‐Sirayeli ezintenteni zabo. 17Kodwa usapo luka‐Sirayeli olube luhleli ezixekweni zakwa‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwalo u‐Rehobome.
18Wandula ukumkani u‐Rehobome watuma u‐Adorame, obepezu kwabesitabataba; baza bonke o‐Sirayeli bamgibisela ngamatye, wada wafa. Ngako ukumkani u‐Rehobome wanxama ukukwela enqwelweni, ukuba asabele e‐Yerusaleme. 19Kwa njalo o‐Sirayeli baqipukelana nendlu ka‐Davide, kwada kwanamhla nje.
20Kwaye kute, kwakuviwa ngo‐Sirayeli bonke ukuba ubuyile u‐Jerobome, bandula batuma bambizela entlanganisweni, bamenza ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: akwabiko namnye owalandela indlu ka‐Davide, ngapandle kwesizwe sika‐Juda sodwa.
21Wati u‐Rehobome akufika e‐Yerusaleme, wahlanganisa yonke indlu ka‐Juda, nesizwe sika‐Benjamine, amawaka alikulu linamashumi asibozo amadodana eqelene nokulwa, ukuba kuliwe nendlu ka‐Sirayeli, buze ubukumkani bubuyiselwe ku‐Rehobome unyana ka‐Solomone. 22Kodwa ilizwi likatixo leza ku‐Shemaya indoda katixo, lisiti: 23Yitsho ku‐Rehobome unyana ka‐Solomone ukumkani wo‐Juda, nakuyo yonke indlu ka‐Juda no‐Benjamine, nakwisisalela sabantu, usiti: 24Utsho uyehova ukuti: Aniyi kunyuka, aniyi kulwa nabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli kanjalo; buyani abanye ngabanye ukuya endlwini yabo; ngokuba lento yenzekile ngam. Baza bapulapula ilizwi likayehova, babuya ukumka, njengelizwi likayehova.
25WANDULA u‐Jerobome waka i‐Shekeme entabeni yakwa‐Frayime, wahlala kuyo; wayepuma kona, waya waka i‐Penuweli. 26Waza u‐Jerobome wati entliziyweni yake: Kaloku ubukumkani bobuyela kwindlu ka‐Davide: 27xeshekweni baya kunyuka ababantu ukuya kuwenza amadini endlwini kayehova e‐Yerusaleme, iya kwandula intliziyo yababantu ibuyele enkosini yabo, ku‐Rehobome ukumkani wo‐Juda; babeya kubulala mna, babuyele ku‐Rehobome ukumkani wo‐Juda. 28Ngako ukumkani wafuna icebo, wenza amatole amabini egolide, wati kubo: Kunzima pezu kwenu ukuba ninyukele e‐Yerusaleme; naba otixo bako, Sirayeli! abakunyusayo elizweni le‐Jipete. 29Waza wabeka elinye e‐Betele, nelinye walimisa e‐Dane. 30Lento kodwa yaba sisono: ngokuba abantu bebesiya pambi kwelinye, kwada kwase‐Dane. 31Kanjako wayenza indlu yendawo ezipakamileyo; wenza nabaperisite ebantwini bonke, abebengengabo abonyana baka‐Levi. 32Waye u‐Jerobome kanjalo wawenza umtendeleko ngenyanga yesibozo, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga, njengomtendeleko obukwa‐Juda, wanikela pezu kwesibingelo. Wenje njalo e‐Betele, ebingela amatole abewenzile: wayemisa e‐Betele abaperisite bendawo ezipakamileyo abezenzile. 33Kwa njalo wanikela pezu kwesibingelo abesenzile e‐Betele, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesibozo, ngenyanga abeyiqingile ngeyake intliziyo; waza wenzela usapo luka‐Sirayeli umtendeleko, wanikela pezu kwesibingelo eso, waqumisa.