1WATI ukumkanikazi we‐Sheba, akuva udumo luka‐Solomone ngokwegama likayehova, weza ukumlinga ngezintsonkotelo. 2Wayesiza e‐Yerusaleme nomkosi omkulu kunene, inkamela zitwele izimnandi, nento eninzi yegolide, namatye anqabileyo: wati akuza ku‐Solomone, wateta naye konke okusentliziyweni yake. 3Waza u‐Solomone wamtyilela onke amazwi ake: akwabiko nento ebimfihlelwa ukumkani, abengamtyileli yona. 4Kekaloku nxa ukumkanikazi we‐Sheba wabona bonke ubulumko buka‐Solomone, nendlu abeyakile, 5nokutya kwesitebe sake, nokuhlala kwezicaka zake, nokuma kwabakonzi bake, nezivato zabo, nabancamli bake, nesinyukelo sake, owenyuka ngaso ukuya endlwini kayehova, akwabi sabiko umoya kuye. 6Wayesiti kukumkani: Beliyinene ilizwi elo bendiliva elizweni lam, ngemicimbi yako nangobulumko bako. 7Kodwa bendingakolwa ngamazwi lawo, ndide ndafika, aza abona amehlo am: kekaloku bona ke, andixelelwanga nesiqingata; ugqitisile ngobulumko nangobutamsanqa iṙeto endalivayo. 8Anenyweba amadoda ako, zinenyweba ezizicaka zako, ezimiyo futi ebusweni bako, ezivayo ubulumko bako. 9Makabongwe uyehova, utixo wako, owakukolelayo, ukuba akubeke pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. Ngokuba uyehova ebatandile o‐Sirayeli ngonapakade, kukona akumiseleyo ube ngukumkani, ukwenza ubugwebo nobulungisa. 10Waza wamnika ukumkani italente zegolide zalikulu elinamashumi mabini, nento eninzi yezimnandi, namatye anqabileyo: bekungasiza izimnandi kanjako ngokuba zininzi njengezo ukumkanikazi we‐Sheba wazinika kukumkani u‐Solomone.
11Nakanjalo inqanawa zika‐Hirame, ezatuta igolide e‐Ofire, zavela e‐Ofire nemiti yelamuge emininzi kakulu, namatye anqabileyo. 12Waye ukumkani ngemiti yelamuge leyo wenzela indlu kayehova nendlu yokumkani izixaso, wenzela abaculi ikinore nenebele kanjalo: bekungasiza imiti yelamuge enjalo, bekungabonwa enjalo kanjako, kwada kwanamhla nje.
13Waza ukumkani u‐Solomone wamnika ukumkanikazi we‐Sheba konke ukutanda kwake, oko wakucelayo, ngapandle kwoko wamnikayo ngokwesisa sokumkani u‐Solomone. Wada wabuya, wahambela kwelake ilizwe, yena nezicaka zake.
14Kekaloku ukulinganiswa kwayo igolide ebisiza ku‐Solomone emnyakeni mnye, bezizitalente zegolide ezingamakulu matandatu anamashumi matandatu enesitandatu; 15ngapandle kwebisiza ngabaṙatyazi, nokutenga kwabatengisi, nabo bonke okumkani base‐Arabi, nenkosi zelizwe.
16Waza ukumkani u‐Solomone wenza amakaka angamakulu mabini ngegolide ekandelweyo; kwafakwa amakulu matandatu eshekele zegolide pezu kwekaka linye: 17wazenza nengweletshetshe ezingamakulu matatu ngegolide ekandelweyo; kwafakwa imina zegolide zantatu pezu kwengweletshetshe inye: waza ukumkani wazibeka endlwini yehlati le‐Lebanone.
18Waye ukumkani kanjako wayenza iterone enkulu yopondo lwendlovu, wayaleka ngegolide ecocekileyo. 19Iterone leyo ibinezinyukelo zitandatu, nentloko yeterone ibiyinqukuva ngasemva; bekuko nezayamelo ngelicala nangeliya ngasendaweni yokuhlala, nengonyama zimbini zimi kufupi nezayamelo ezo: 20zema kona nengonyama zilishumi linambini ngelicala nangeliya pezu kwazo izinyukelo zitandatu: akwenziwanga enjalo kobunye ubukumkani. 21Kanjako zonke impahla zokusela zokumkani u‐Solomone zibe zizezegolide, nazo zonke impahla zendlu yehlati le‐Lebanone zibe zizezegolide enqabileyo: bekungeko ezesilivere; ibingabalelwa luto yona emihleni ka‐Solomone. 22Ngokuba ukumkani ebenenqanawa zase‐Tareshishe pezu kwolwandle, kunye nenqanawa zika‐Hirame: kwakanye eminyakeni mitatu zafika inqanawa zase‐Tareshishe, zizisa igolide, nesilivere, nempondo zendlovu, nenkau, namaseme.
23Kwa njalo ukumkani u‐Solomone wayemkulu pezu kwabo bonke okumkani bomhlaba, ngobutyebi nangobulumko. 24Kanjako umhlaba wonke wabufuna ubuso buka‐Solomone, ukuze babuve ubulumko bake, obo wabubeka utixo entliziyweni yake. 25Baye besiza abanye ngabanye nebaso labo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nengubo, nezixo̔bo, nezimnandi, namahashe, namaqwaṙaṙa; into yomnyaka ngomnyaka.
26Waye u‐Solomone kanjalo wabuta inqwelo namahashe okukwelwa; wabenenqwelo zaliwaka linamakulu mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owazibeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
27Kanjako ukumkani wayenza isilivere e‐Yerusaleme njengamatye, nemiti yesedare wayenza njengemikiwane esezihlanjeni, ngokuba mininzi. 28Nokuvela kwamahashe ka‐Solomone e‐Jipete, wati umhlambi wabatengi bokumkani wamkela umhlambi wamahashe ngenani elitile. 29Kwaye kunyuka kwapuma inqwelo e‐Jipete ngeshekele zesilivere ezingamakulu matandatu, nehashe ngezilikulu linamashumi mahlanu: kwaye kunjalo bekuku̔tshelwa bonke okumkani bama‐Hete, nokumkani be‐Siriya, ngesandla sabo.