Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 8
1KEKALOKU ngazo izinto ezibingelweyo izitixo, siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi kuyavutelanisa, kodwa utando luyamisa. 2Ukuba ke umntu uba uyayazi into, akakazi luto njengokuba efanele ukulwazi. 3Kodwa ukuba umntu uyamtanda utixo, yena lo uyaziwa nguye. 4Kekaloku ngako ukutyiwa kwezinto ezibingelweyo izitixo ke, siyazi ukuba isitixo asinto yanto elizweni, nokuba akuko utixo wumbi, kupela mnye. 5Ngokuba nangona kukoyo aba‐kutiwa ngotixo, nokuba basezulwini, nokuba basemhlabeni, (njengokuba kuko otixo abaninzi, nenkosi ezininzi,) 6noko kuti kuko utixo mnye, uyise, okuvela kuye izinto zonke, nati tina singenxa yake; nenkosi nye, u‐Yesu Kristu, okubako ngaye izinto zonke, nati tina singaye. 7Kuloko kungekubo bonke okukwazi: ngokuba inxenye ngokwazela isitixo, kwa kude kube kaloku nje, besitya njengokungati yinto ebingelweyo isitixo; nesazeliso sabo, sibutataka nje, siyadyojwa.
8Kodwa ukudla akusikolekisi kutixo: ngokuba naxeshekweni sityayo, singagqitiseli; naxeshekweni singatyiyo, singancipeki. 9Lumkani kodwa hleze kungati eligunya lenu libe sisiku̔bekiso kubo ababutataka. 10Ngokuba, xeshekweni umntu akubonayo wena onokwazi uhleli pantsi etempileni yesitixo, singayi kuti na isazeliso sake, ebutataka nje, somelezelwe ukuba kutyiwe izinto ezibingelweyo izitixo; 11aze abube umzalwana obutataka ngokwazi kwako, lowo u‐Kristu wafa ngenxa yake? 12Kodwa nisona njalo ngakubo abazalwana, nidubula nokudubula isazeliso sabo esibutataka nje, niyona ngakuye u‐Kristu. 13Ngako oko ukuba ukudla kuyaxakanisa umzalwana wam, andisayi kutya inyama napakade, ukuze umzalwana wam ndingamxakanisi.
Bible Society of South Africa 1902