1Yibani ngabalandeli bam, kwa njengokuba nam ndingumlandeli ka‐Kristu.
2KEKALOKU ndiyanincoma, bazalwana! ukuba nindikumbula ngento zonke, nokuba nizibamba izinikelwa, kwa njengokuba bendizinikele kuni. 3Kodwa ndifuna ukuba nikwazi, okokuba intloko yamadoda onke ingu‐Kristu; kanjalo intloko yomfazi, yindoda; nentloko ka‐Kristu, ngutixo. 4Indoda esukuba itandaza umhlaumbi iprofitesha, inento entlokweni, iyahlazisa intloko yayo. 5Kodwa umfazi osukuba etandaza umhlaumbi eprofitesha, ontloko ingenasigqubutelo, uyahlazisa intloko yake: ngokuba oko kukwa yiyo into ekwa nye nokuguywa kwake. 6Ngokuba umfazi ukuba akagqubuteli, makagugulwe kanjalo: kodwa ukuba kuyinto embi kumfazi ukuba agugulwe umhlaumbi aguywe, makagqubutele. 7Ngokuba indoda okunene ingafanelwa kukugqubutela intloko, ingumfanekiso nobungcwalisa bukatixo nje: kodwa umfazi ububungcwalisa bendoda. 8Ngokuba indoda ingaveli emfazini, koko umfazi evela endodeni. 9Ngokuba kanjalo indoda ibingadalwanga ngenxa yake umfazi, koko umfazi wadalwa ngenxa yayo indoda. 10Ngenxa yoku yena umfazi ufanelwe kukuba abe nopa̔u lwamandla pezu kwentloko yake ngenxa yazo ingelosi. 11Noko ke, indoda ayingapandle kwomfazi, nomfazi akangapandle kwendoda, enkosini. 12Ngokuba ke njengokuba yena umfazi evela kuyo indoda, kwa njalo nayo indoda ingaye umfazi; kodwa izinto zonke zivela kutixo.
13Yahlulani nina ngokwenu: kufanelekile na ukuba umfazi atandaze kutixo engenasigqubutelo nje? 14Kwa kona okwemvelo akunifundisi kusinina, ukuba indoda xeshekweni inenwele ezinde, kulihlazo kuyo, 15kodwa umfazi xeshekweni anenwele ezinde, kububungcwalisa kuye? ngokuba inwele zake zinikwe kuye zibe sisigubungelo.
16Kodwa ukuba umntu unga uyatand’ ukupika, asinalo isiko elinjalo tina, azinalo neṙemente zikatixo kanjako.
17Kekaloku lento ediniyalelayo, andinincomi; kuba ukuhlangana kwenu ningahlanganeli okulungileyo ngakumbi, koko nihlanganela okubi ngakumbi. 18Ngokuba ukuqala ke, nakuba nihlangana entlanganisweni, ndisiva ukuba ziko impambano pakati kwenu; kanjalo ndiyakolwa kuko ngokwenxenye: 19ngokuba kufanele nokuba izahlukano zibe pakati kwenu, ukuze ababukwayo babonakaliswe pakati kwenu.
20Nakuba ngoko nihlangana ndawonye, akuko ukutya isidlo sokuhlwa senkosi. 21Ngokuba ekutyeni omnye uyapangela omnye ukutabata esake isidlo sokuhlwa; aze lo alambe, nalowo anxile. 22Pofu aninazo izindlu zokuba kutyiwe kuselwe kona yinina? niyadela iṙemente katixo, nidanise abasweleyo, kusinina? Nditi nina kuni? ndinincome na kuko oku? Andincomi ke.
23Ngokuba mna bendikwamkele enkosini oko endati kanjalo ndakunikela kuni: okokuba inkosi u‐Yesu ngobobusuku ibingcatshwa ngabo yatabata isonka; 24yaza yakuba ibulele yaqezula, yati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam, owapulelwa nina; kwenzeni oku kube kukukunjulwa kwam. 25Ngokunjalo yatabata nendebe, emveni kwokuba kudliwe, isiti: Lendebe ilucebano olutsha egazini lam; kwenzeni oku, onke amaxesha enisukuba niyisela, kube kukukunjulwa kwam. 26Ngokuba onke amaxesha enisukuba esisonka nisitya nalendebe niyisela, nikushumayela ukufa kwenkosi, ide ifike.
27Ngako oko osukuba esitya esisonka umhlaumbi esela indebe yenkosi ngokungafanelekileyo, uya kumelwa lityala lomzimba negazi lenkosi. 28Kodwa makati umntu azibence, enje njalo ke ukutya kwisonka eso nokusela kwindebe leyo. 29Ngokuba lowo uti atye asele ngokungafanelekileyo, ezityela eziselela umgwebo, enganakani nje umzimba wenkosi. 30Ngenxa yoku abaninzi banobutataka nobulwelwe pakati kwenu, bati into eninzi balale kukufa. 31Ngokuba tina ukuba sibe sizahlula ngokwetu, ngesiba singagwetywa. 32Kodwa siti sakugwetywa sohlwaywe yinkosi, ukuze singagqibeli ukugwetywa kunye nelizwe. 33Ngako oko, bazalwana bam! nakuba nihlangana kutyiwe, lindanani. 34Ukuba ke umntu ulambile, makatye ekaya; ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Nezinto eziseleyo ndoti nxa sukuba ndifika ndizilungise.