1KEKALOKU onyana baka‐Rubene owamazibulo ka‐Sirayeli: (ngokuba nguye obengowamazibulo; kodwa, ngokukuba wanco̔lisa isilili soyise, kwanikwa ubuzibulo bake konyana baka‐Josefe unyana ka‐Sirayeli; koko bekungaba̔lelwa njengobuzibulo; 2ngokuba u‐Juda ebenguye omkulu pakati kwabazalwana bake, nokuvela kuye inkosi; kodwa ubuzibulo bebubobuka‐Josefe:) 3onyana baka‐Rubene owamazibulo ka‐Sirayeli: ngu‐Hanoki, no‐Palu, no‐Hetserone, no‐Kami. 4Onyana baka‐Joweli: u‐Shemaya ngunyana wake; u‐Goge ngunyana wake; u‐Shimehi ngunyana wake; 5u‐Mika ngunyana wake; u‐Raya ngunyana wake; u‐Bali ngunyana wake; 6u‐Bera ngunyana wake, owati u‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya wamfudusa: nguye obeyinkosi yama‐Rubene.
7Nabazalwana bake, ngezizalwane zabo, nxa kwaba̔lelwayo ngokuzalwa kwabo, ngu‐Yeyeli oyintloko, no‐Zekariya, 8no‐Bela, unyana ka‐Azazi, unyana ka‐Shema, unyana ka‐Joweli, owahlala e‐Harohere, kwada kwase‐Nebo ne‐Bali‐mehone: 9nangasempumalanga wahlala kwada kwasekungenweni kwentlango kuvela emlanjeni wom‐Ferate: ngokuba inkomo zabo bezandisiwe ezweni le‐Gileyadi. 10Nasemihleni ka‐Saule babesenza imfazwe nama‐Hagare, awa wona ngesandla sabo; baza bahlala ezintenteni zawo kulo lonke icala lasempumalanga le‐Gileyadi.
11Kekaloku onyana baka‐Gadi bahlala malungana nabo, elizweni le‐Bashane, kwada kwase‐Saleka: 12u‐Joweli oyintloko, no‐Shafame owesibini, no‐Yahanai, no‐Shafate, e‐Bashane. 13Nabazalwana babo bendlu yoyise yabo, ngu‐Mikayeli, no‐Meshulame, no‐Sheba, no‐Yorai, no‐Yakane, no‐Ziha, no‐Hebere, abasixe̔nxe. 14Aba bangonyana baka‐Abihayili, unyana ka‐Huri, unyana ka‐Yaroha, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Mikayeli, unyana ka‐Yeshishai, unyana ka‐Yado, unyana ka‐Buze: 15u‐Ahi, unyana ka‐Habideli, unyana ka‐Guni, ebeyintloko yendlu yoyise yabo. 16Bahlala e‐Gileyadi, e‐Bashane, nasemizini yayo, nakuzo zonke inqele zaseSharone, pezu kwemida yabo. 17Bonke aba baba̔lelwa ngokuzalwa kwabo emihleni ka‐Yotame ukumkani wo‐Juda, nasemihleni ka‐Jorobome ukumkani wo‐Sirayeli.
18Onyana baka‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, kuwo amadoda obuṙoti, amadoda epete ikaka nesiṙele, etyeda isipeta, eqelene nokulwa, ngamawaka angamashumi mane anesine, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi matandatu, abepuma nomkosi. 19Basuka benza imfazwe nama‐Hagare, no‐Jeture, no‐Nafishe, no‐Nodabi. 20Baza bancedwa ngakubo, ada ama‐Hagare anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo: ngokuba bakalayo kutixo ekulweni, waza wukungeleka kubo, ngenxa yokuba betembele kuye. 21Batimba nenkomo zabo; inkamela zabo ezingamawaka amashumi mahlanu, nezimvu ezingamawaka angamakulu mabini anamashumi mahlanu, namaqwaṙashe angamawaka mabini, neziqu zabantu ezingamawaka alikulu. 22Ngokuba bebesiwa abaninzi abahlatyiweyo, ivela kutixo nje imfazwe leyo. Baza bahlala ezikundleni zabo kwada kwabako imfuduswa.
23Kekaloku onyana besiqingata sesizwe sika‐Manase bahlala elizweni: banda kwa se‐Bashane kwada kwase‐Bali‐heremone, nase‐Senire, nasentabeni ye‐Heremone. 24Aba bebezintloko zendlu zoyise zabo: u‐Heferi, no‐Yishi, no‐Eliyeli, no‐Zariyeli, no‐Jeremiya, no‐Hodaviya, no‐Yadiyeli, amadoda angamaṙoti akalipileyo, amadoda adumileyo, intloko zendlu zoyise zabo.
25Kanti bagqita ngakuye utixo woyise babo, baṙexezela emva kwotixo babantu belozwe, owabete utixo wabatshabalalisa kwa pambi kwabo. 26Waza utixo wo‐Sirayeli wawuvusa umoya ka‐Pule ukumkani we‐Asiriya, nomoya ka‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya, owabafudusayo, kwa ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, wabazisa e‐Halahi, nase‐Habore, nase‐Hara, nasemlanjeni we‐Gozane, kwada kwanamhla nje.