1Aba bangonyana baka‐Sirayeli: u‐Rubene, u‐Simone, u‐Levi, no‐Juda, u‐Yisakare, no‐Zebulone, 2u‐Dane, u‐Josefe, no‐Benjamine, u‐Nefatali, u‐Gadi, no‐Ashere.
3ONYANA baka‐Juda: ngu‐Here, no‐Onane, no‐Shela: aba batatu bamzalelwa yintombi ka‐Shuha, um‐Kananekazi. Kekaloku u‐Here, owamazibulo ka‐Juda, ebekohlakele emehlweni kayehova; waza wambubisa. 4Wati no‐Tamare, umolokazana wake, wamzalela u‐Faretse no‐Zera. Bonke onyana baka‐Juda bangabahlanu.
5Onyana baka‐Faretse: ngu‐Hetserone, no‐Hamule. 6Nonyana baka‐Zera: ngu‐Zimri, no‐Etane, no‐Hemani, no‐Kalikoli, no‐Dara: aba bonke bangabahlanu. 7Nonyana baka‐Kami: ngu‐Hakare, umkatazi wo‐Sirayeli, owenza ngobumenemene ngento ebilahlelwe ekutshatyalalisweni. 8Nonyana baka‐Etane: ngu‐Hazariya. 9Nonyana baka‐Hetserone, ababemzalelwe; ngu‐Jeramele, no‐Rame, no‐Kelubai.
10Wati u‐Rame wazala u‐Haminadabi; no‐Haminadabi wazala u‐Nahashone, inkosi yosapo luka‐Juda; 11no‐Nahashone wazala u‐Salimone; no‐Salimone wazala u‐Bohazi; 12no‐Bohazi wazala u‐Obedi; no‐Obedi wazala u‐Jese: 13no‐Jese wazala u‐Eliyabe owamazibulo wake, no‐Abinadabi owesibini, no‐Shima owesitatu, 14no‐Netaneli owesine, no‐Radai owesihlanu, 15no‐Otseme owesitandatu, no‐Davide owesixe̔nxe. 16Odade babo bebengu‐Tseruya no‐Abigali: onyana baka‐Tseruya bebengu‐Abishai, no‐Jowabi, no‐Hasaheli, abatatu: 17wati u‐Abigali wazala u‐Hamasa; noyise ka‐Hamasa ebengu‐Yetere, um‐Shimayeli.
18Kekaloku u‐Kalebi, unyana ka‐Hetserone, wazala abantwana ngo‐Hazuba umfazi wake, nango‐Yeriyote: ngaba onyana bake; u‐Yeshere, no‐Shobabe, no‐Radone. 19Wafa u‐Hazuba, waza u‐Kalebi wazizekela u‐Eferata, owamzalela u‐Hure. 20Wati u‐Hure wazala u‐Uri, no‐Uri wazala u‐Betsalele. 21Emveni kwoko wangena u‐Hetserone kwintombi ka‐Makire uyise ka‐Gileyadi, owayizekayo akuba yiminyaka imashumi matandatu ubudala bake; yati yona yamzalela u‐Segube. 22Waza u‐Segube wazala u‐Yahire, obenezixeko zimashumi mabini anesitatu elizweni le‐Gileyadi. 23Wati yena wasusa i‐Geshure ne‐Arame, kunye nemizi ka‐Yahire, kwa kubo, kunye ne‐Kenate namagxamesi ayo, izixeko ezimashumi matandatu. Zonke ezi zibe zizezonyana baka‐Makire uyise ka‐Gileyadi. 24Nasemveni kwokufa kuka‐Hetserone e‐Kalebi‐eferata, wati umfazi ka‐Hetserone, u‐Abiya, wamzalela no‐Ashure uyise we‐Tekoha.
25Onyana baka‐Jeramele, owamazibulo ka‐Hetserone, bebengaba: u‐Rame owamazibulo, no‐Buna, no‐Orene, no‐Otseme, no‐Ahiya. 26Wayenomnye umfazi u‐Jeramele, ogama lingu‐Hatara; ebengunina ka‐Oname yena. 27Nonyana baka‐Rame owamazibulo ka‐Jeramele, bebengu‐Mahatse, no‐Yamine, no‐Hekere. 28Nonyana baka‐Oname bebengu‐Shamai no‐Yada: nonyana baka‐Shamai; ngu‐Nadabi, no‐Abishure. 29Laye igama lomfazi ka‐Abishure lingu‐Abihayili, owamzalelayo u‐Habane no‐Molidi. 30Nonyana baka‐Nadabi; ngu‐Selede, no‐Payime; kodwa u‐Selede wafa engenabantwana. 31Nonyana baka‐Payime; ngu‐Yishi: nonyana baka‐Yishi; ngu‐Sheshane: nabantwana baka‐Sheshane; ngu‐Halai. 32Nonyana baka‐Yada umninawe ka‐Shamai; ngu‐Yetere, no‐Jonatane: wafa kodwa u‐Yetere engenabantwana. 33Nonyana baka‐Jonatane; ngu‐Pelete, no‐Zaza. Aba bebengonyana baka‐Jeramele.
34Kekaloku u‐Sheshane ebengenanyana, wanentombi kupela. Wayenaso isicaka u‐Sheshane lowo, esingum‐Jipete, esigama lingu‐Yareha. 35Waza u‐Sheshane wayinika intombi yake ku‐Yareha isicaka sake ibe ngumfazi; yati yona yamzalela u‐Hatai. 36Waza u‐Hatai wazala u‐Natane, no‐Natane wazala u‐Zabadi, 37no‐Zabadi wazala u‐Felali, no‐Felali wazala u‐Obedi, 38no‐Obedi wazala u‐Jehu, no‐Jehu wazala u‐Hazariya, 39no‐Hazariya wazala u‐Heletse, no‐Heletse wazala u‐Elehasa, 40no‐Elehasa wazala u‐Sisemai, no‐Sisemai wazala u‐Shalume, 41no‐Shalume wazala u‐Yekamiya, no‐Yekamiya wazala u‐Elishama.
42Nonyana baka‐Kalebi umninawe ka‐Jeramele: ngu‐Mesha owamazibulo wake, (lo unguyise ka‐Zifi,) nonyana baka‐Maresha uyise ka‐Hebrone. 43Nonyana baka‐Hebrone; ngu‐Kora, no‐Tapuha, no‐Rekeme, no‐Shema. 44Wati u‐Shema wazala u‐Rahame uyise we‐Yorekame; no‐Rekeme wazala u‐Shamai. 45Nonyana ka‐Shamai ebengu‐Mahone; waye u‐Mahone ebenguyise we‐Bete‐tsure. 46No‐Hefa, ishweshwe lika‐Kalebi, wazala u‐Harane, no‐Motsa, no‐Gazezi; waye u‐Harane wazala u‐Gazezi. 47Nonyana baka‐Yadai; ngu‐Regeme, no‐Yotame, no‐Geshame, no‐Pelete, no‐Hefa, no‐Shahafi. 48Lati ishweshwe lika‐Kalebi, u‐Mahaka, lazala u‐Shebere, no‐Tirana. 49Lazala no‐Shahafi uyise we‐Mademane, no‐Sheva uyise we‐Makebena, noyise we‐Gibeya: nentombi ka‐Kalebi yona ibingu‐Hakesa.
50Aba bebengonyana baka‐Kalebi unyana ka‐Hure, owamazibulo ka‐Eferata: u‐Shobali uyise we‐Kiriyate‐yarime, 51u‐Salema uyise we‐Beteleheme, u‐Harefe uyise we‐Bete‐gadere. 52Wayenonyana u‐Shobali uyise waba‐Kiriyate‐yarime; ngu‐Harowe, no‐Hatsi‐hamenuhote. 53Nezizalwane zaba‐Kiriyate‐yarime; ngama‐Yitera, nama‐Puha, nama‐Shuma, nama‐Mishera; kuwo la kwavela ama‐Tsoreha, nama‐Shetawoli. 54Onyana baka‐Salema; ngaba‐Beteleheme, naba‐Netofati, naba‐Hatarote‐bete‐jowabi, naba‐Hatsi‐hamenuhote, nama‐Tsoreha. 55Nezizalwane zababa̔li abemayo e‐Yabetse; ngama‐Tireha, nama‐Shimeha, nama‐Suka: ngama‐Keni la abevele ku‐Hammate uyise wendlu ka‐Rekabe.